Mazibhinqiwe izinqe zenu, nezibane zenu zivutha; nani nibe njengabantu abayilindileyo inkosi yabo, xeshikweni iya kubuya emsithweni; ukuze, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwaoko. Banoyolo abo bakhonzi, eyothi yakufika inkosi, ibafumane belindile. Inene ndithi kuni, iya kubhinqa, ibangqengqise bona, ize isondele ibalungiselele. Nokuba ithe yeza ngowesibini umlindo wobusuku, nokuba ithe yeza ngowesithathu umlindo, yafika kunjalo, banoyolo abo bakhonzi. Kwazini ke oku, ukuba umninindlu ebesazi ukuba isela liza ngaliphi na ilixa, ange elindile, akayiyekela indlu yakhe igqojozwe. Nani ngoko yibani nilungile, ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo. Waza wathi uPetros kuye, Nkosi, lo mzekeliso uwuthetha kuthi, uwuthetha kubo bonke, kusini na? Ithe ke iNkosi, Ngubani na ke elo gosa lithembekileyo, liqondileyo, eyothi inkosi ilimise phezu kwabendlu yayo, ukuze libanike umamkelo wabo wokudla ngexesha elifanelekileyo? Unoyolo loo mkhonzi, iya kuthi yakufika inkosi yakhe imfumane esenjenjalo. Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo. Ukuba ke loo mkhonzi uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam iyalibala ukuza; aqale ukubabetha abakhonzi nabakhonzazana, adle, asele, anxile; Iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayilindeleyo, nangelixa angalaziyo, imxabele kubini, immisele isabelo sakhe kwabangakholwayo. Yena ke loo mkhonzi, ubekwazi ukuthanda kwenkosi yakhe, akalungisa, akenza ngokuthanda kwayo, uya kutyatyulwa ngemivumbo emininzi. Ke yena obengazi, wenza ke okufanele imivumbo, uya kutyatyulwa ibe mbalwa. Kubo bonke abanikwe okukhulu, kuya kufunwa okukhulu kubo; nakulowo kubekwe okukhulu kuye, kuya kubizwa okungaphezulu. Ndize kuphosa umlilo ehlabathini; Ndiya kuthini na, ukuba sele uphethiwe? Kukho ke lubhaptizo ndifanele ukubhaptizwa ngalo; Asikuko nokuba ndicinezelekile lude lufezeke! Niba ndize kungenisa uxolo na ehlabathini? Ndithi kuni, Hayi; ndisuke ndaweni-nye; Kuba kuya kuthi, kuthabathela kwalapha, kubekho abahlanu ndlwini-nye bebambene, abathathu bebambene nababini, nababini bebambene nabathathu. Kuya kubambana uyise nonyana, unyana noyise; unina nentombi, intombi nonina; uninazala nomolokazana wakhe, umolokazana noninazala; Wayesithi ke nakuzo izihlwele, Xa nithe nalibona ilifu liphuma entshonalanga, nithi kwaoko, Kuza isiphango; kwaye kunjalo. Naxa sukuba nibona umoya wasezantsi uvuthuza, nithi, Kuya kubakho ulophu; kwaba njalo. Bahanahanisindini, niyakwazi ukubucalula ubuso bezulu nomhlaba; Yini na ke ukuba ningalicaluli nje eli xesha? Yini na ke ukuba nina ngokwenu ningakwahluli okububulungisa? Xa uya nommangaleli wakho kumantyi, nisendleleni, yithi nisendleleni, qiniseka ukuba uzihlangule kuye; hleze akurholele emgwebini, aze umgwebi akunikele epoliseni, aze igosa likuphose entolongweni. Ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela.