Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 12:35-59

ULUKA 12:35-59 XHO96

“Hlalani niphaphile, nifinyezile, nezibane zenu zivutha, ninjengabantu abalindele ukubuya kwenkosi yabo emtshatweni, abothi, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwangoko. Zinoyolo ezo zicaka eyothi yakufika inkosi yazo, izifumane zilindile. Ndithi kuni, inene, loo nkosi iya kubhinqa, izihlalise phantsi ezo zicaka, ize isondele izilungiselele. Nokuba ke ithe yafika ezinzulwini zobusuku, okanye ekuzeni kokusa, yazifumana zilindile, zinoyolo ezo zicaka. Kakade ukuba umninindlu ebesazi ukuba isela lofika nini na, ebeya kulinda, angayiyekeli indlu yakhe iqhekezwe. Nani ke ngoko hlalani niphaphile, kuba uNyana woLuntu woza ngexesha eningamlindelanga ngalo.” Ke uPetros wathi kuYesu: “Nkosi, ngaba lo mzekeliso uwuthetha kuthi, okanye uwuthetha kubo bonke abantu?” INkosi yathi: “Ngubani na osisicaka esithembekileyo nesiqondayo, eyothi inkosi yaso isimisele phezu kwabendlu yayo, ukuze sibanike umxhesho wabo ngexesha elililo? Sinoyolo eso sicaka eyothi inkosi yaso yakufika, isifumane sisenjenjalo. Ndithi kuni, inene, inkosi yothi eso sicaka isimise phezu kwayo yonke impahla yayo. Kodwa ukuba eso sicaka sisuke sacinga sathi: ‘Inkosi yam ilibele;’ size ke sisuke sizibethe ezinye izicaka nezicakakazi, sidle, sisele, sinxile; yofika inkosi yeso sicaka ngemini esingayilindelanga, nangelixa esingalaziyo, ize isixabele isinqumle kubini njengoko kusenziwa kwabangathembekanga. “Isicaka esikwaziyo oko kufunwa yinkosi yaso, sisuke singakukhathaleli, singakwenzi, siya kubethwa imivumbo emininzi. Ke isicaka esingaqondiyo sisuke senze okufanelwe yimivumbo, siya kubethwa ibe mbalwa. Kubo bonke abanikwe okuninzi, kuya kufunwa okuninzi; nakulowo unikwe ngokungaphezulu, kuya kubizwa ngokungaphezulu.” “Ndizise umlilo ehlabathini; hayi ukunqwenela kwam ukunga ungewusewuvutha! Kukho lubhaptizo ndifanele ukubhaptizwa ngalo; ke ndisezimbandezelweni ezinkulu lude lufezeke! Niba ndizise uxolo na ehlabathini? Ndithi kuni, hayi, ndizise imbambano! Kuya kuthi, ukususela ngoku, kubekho abahlanu ndlwini-nye bengavani; abathathu bengavani nababini, nababini bengavani nabathathu; ibe yiyantlukwano phakathi koyise nonyana, unyana noyise; unina nentombi, intombi nonina; uninazala nomolokazana, umolokazana no ninazala.” UYesu wathi kwisihlwele: “Xa nithe nabona ilifu livela entshonalanga nikhawuleza nithi: ‘Iza kuna;’ kuze kube njalo. Naxa kukho umoya ovela entlango, nithi: ‘Kuya kuba shushu;’ kuze kube njalo. Mamenemenendini, niyakwazi ukuyiqonda imo yezulu. Kungani na ke ukuba ningayicaluli yona le mihla?” “Kungani na ukuba nina ngokwenu ningenzi sigqibo ngoko kulungileyo? Xa usiya enkundleni unommangaleli wakho, yithi kwalapho endleleni uzame ukulungisana naye, hleze akurhuqele enkundleni, aze umgwebi akunikele kumsila, yena akuphose entolongweni. Inene, akusayi kuphuma apho de uhlawule neyona malana yokugqibela.”