Akukho ke uthi, esibanekile isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo, nokuba kuphantsi kwesitya; usibeka esiphathweni saso, ukuze abo bangenayo bakubone ukukhanya. Isibane somzimba liliso. Xa sukuba iliso lakho lingenakumbi, umzimba wakho uphela uyakhanyiseleka; kodwa xa sukuba iliso lakho lingendawo, umzimba wakho uba bubumnyama. Ngoko xunela ekuthini ukukhanya okukuwe kungabi bubumnyama. Ukuba ngoko umzimba wakho uphela ukhanyiselekile, ungenandawo imnyama, uya kukhanyiseleka uphela, njengaxenikweni sithe isibane sakukhanyisela ngokudangazela kwaso. Ke kaloku, akuba ethethile, umFarisi othile wayemcela ukuba aye komulela kuye. Ungenile ke wahlala phantsi. Uthe ke akubona oku, umFarisi wamangaliswa kukuba engathanga kuqala ahlambe, phambi kokuba adle. Yathi ke iNkosi kuye, Kungokunje, nina baFarisi nihlambulula umphandle wendebe nesitya; kodwa umbilini wakho uzele kukuphanga nokungendawo. Ziyatha, lo wawenza ingaphandle akawenzanga na owangaphakathi? Kodwa ke yenzani amalizo ngokwezinto eninazo; niyabona, zonke izinto zihlambulukile kuni. Yeha nina, baFarisi! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nezenxina nezemifuno yonke, nize nidlule kuwo umgwebo nokuthanda uThixo; ezi benimelwe kukuthi nizenze, nithi neziya ningazishiyi. Yeha nina, baFarisi! Kuba nithanda izihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungu, nemibuliso ezindaweni zembutho. Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba ninjengamangcwaba angabonakaliyo, abahambá phezu kwawo bengawazi. Waphendula ke omnye wabaqondisi-mthetho, wathi kuye, Mfundisi, uzithethile nje ezo zinto, usiphatha kakubi nathi. Uthe ke yena, Yeha, nani baqondisi-mthetho! Kuba abantu nibathwalisa imithwalo enzima, nibe ke nina ngokwenu ningayichukumisi imithwalo leyo nangamnye umnwe wenu. Yeha nina! Ngokuba niyawakha amangcwaba abaprofeti, babe ke ooyihlo bebabulele. Inene niyangqina ukuba niyayivumela imisebenzi yooyihlo; kuba bona bababulala okunene, nibe ke nina niwakha amangcwaba abo. Ngenxa yoko nobulumko bukaThixo bathi, Ndiya kubathumela abaprofeti nabapostile, bathi inxenye kubo bayibulale, bayitshutshise; ukuze kubizwe kwesi sizukulwana igazi labo bonke abaprofeti elaphalazwayo, kwasekusekweni kwehlabathi; Ukususela kwigazi lika-Abheli ukuya kutsho kwigazi likaZakariya, owatshabalala phakathi kwesibingelelo nendlu kaThixo. Inene ndithi kuni, liya kubizwa kwesi sizukulwana. Yeha nina, baqondisi-mthetho! ngokuba nisithabathile isitshixo sokwazi; anangena ngokwenu, naba ke nabangenayo nabalela. Ke kaloku, akuba ezithethile ezi zinto kubo, ababhali nabaFarisi baqala ukumvuselela kakhulu, nokumcaphukisa ukuba athethe izinto ezininzi, bemlalele, befuna ukunqakula into ephuma emlonyeni wakhe, ukuze bammangalele.