ULUKA 11:33-54
ULUKA 11:33-54 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Akukho ke uthi, esibanekile isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo, nokuba kuphantsi kwesitya; usibeka esiphathweni saso, ukuze abo bangénayo bakubone ukukhanya. Isibane somzimba liliso. Xa sukuba iliso lakho lingenakumbi, umzimba wakho uphela uyakhanyiseleka; xa lithe lakhohlakala, nomzimba wakho ububumnyama. Ngoko xunela ekuthini ukukhanya okukuwe kungabi bubumnyama. Ukuba ngoko umzimba wakho uphela ukhanyiselekile, ungenandawo imnyama, úya kukhanyiseleka uphela, njengaxenikweni sithe isibane sakukhanyisela ngokudangazela kwaso. Ke kaloku, akuba ethethile, umFarisi othile wayemcela ukuba aye komulela kuye. Ungenile ke wahlala phantsi. Uthe ke akubona oku, umFarisi wamangaliswa kukuba engathanga kuqala ahlambe, phambi kokuba adle. Yathi ke iNkosi kuye, Kaloku nina baFarisi nihlambulula umphandle wendebe nesitya, ukanti wona umbilini wenu uzele kukuphanga nokungendawo. Basweli-kuqonda, owakwenzayo okungaphandle akakwenzanga na nokungaphakathi? Kanye ke izinto ezingaphakathi, lizani ngazo; niyabona, zosuka zonke izinto zihlambuluke kuni. Yeha, nina baFarisi! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nezenxina nezemifuno yonke, nize nidlule kuwo umgwebo nokuthanda uThixo; ezi ndawo ke benimelwe kukuthi nizenze, nithi neziya ningazishiyi. Yeha, nina baFarisi! Ngokuba nithanda isihlalo sobukhulu ezindlwini zesikhungu, nemibuliso ezindaweni zembutho. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninjengamangcwaba angabonakaliyo, abathi nabantu abahamba phezu kwawo, bangawazi. Waphendula ke othile wakubaqondisi-mthetho, wathi kuye, Mfundisi, uzithetha nje ezo zinto, usiphatha kakubi nathi. Uthe ke yena, Yeha, nani baqondisimthetho! Ngokuba abantu nibathwalisa imithwalo enzima, nibe nina ngokwenu ningayichukumisi imithwalo leyo nangamnye umnwe wenu. Yeha, nina! Ngokuba niyawakha amangcwaba abaprofeti, babe ke ooyihlo bebabulele. Kambe niyayingqinela niyithakazela imisebenzi yooyihlo; ngokuba bona okunene bababulala, niyawakha ke nina amangcwaba abo. Ngenxa yoko nobulumko bukaThixo bâthi, Ndiya kubathumela abaprofeti nabapostile;• kubo abo ke baya kuyibulala inxenye, bayitshutshise inxenye; ukuze limenywe kwesi sizukulwana igazi labo bonke abaprofeti elaphalazwayo, kuseloko lasekwayo ihlabathi; lithabathela egazini lika-Abheli, lide lizise egazini likaZekariya, owatshabalalela phakathi kwesibingelelo nendawo eyingcwele. Ewe, ndithi kuni, liya kumenywa kwesi sizukulwana. Yeha nina, baqondisi-mthetho! Ngokuba nasisusa isitshixo sokwazi; nina anangena, nabangénayo nabaléla. Ke kaloku, akubon' ukuba uyazithetha ezi zinto kubo, baqala ababhali nabaFarisi ukuba nenqala enkulu nokumcofa ngemibuzo emininzi, bemlalele, befuna ukunqakula into ephuma emlonyeni wakhe, ukuze bammangalele.
ULUKA 11:33-54 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Akukho mntu uthi, esilumekile isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo okanye phantsi kwesitya; usixhoma endaweni yaso, ukuze abangenayo bakhanyiselwe. Isibane somzimba liliso. Xa ke iliso lakho lilungile, umzimba wakho uphela uyakhanyiseleka; xa lithe alalunga, umzimba wakho usebumnyameni. Lumka ke, hleze ukukhanya okukuwe kube bubumnyama. Ukuba ngoko umzimba wakho uphela ukhanyiselekile, ungenandawo isebumnyameni, úya kukhanyiseleka uphela, kwanjengoko kunjalo xa isibane sithe sakukhanyisela ngelitha laso.” Akuba uYesu ethethile, *umFarasi othile wammema ukuba aye kutya kwakhe. Wafika ke, waya kuhlala etafileni. Akukubona oku, umFarasi wamangaliswa kukuba uYesu engathanga kuqala ahlambe phambi kokuba atye. INkosi ke yathi kuye: “Kaloku nina baFarasi nihlamba umphandle wendebe nesitya, kanti ngeentliziyo zenu nizungula ukuphanga nenkohlakalo. Ziyathandini, lo wawenzayo umphandle akawenzanga na kwanawo umphakathi? Ngoko ke yiphani abasweleyo izinto ezingaphakathi kwindebe nesitya. Nakwenjenjalo ke aniyi kuphinda nizikhathaze ngezinto ezinomlaza nezingenawo. “Mawoo, nina baFarasi! Ninikela kuThixo ngesishumi semifuno enjengetyeleba nenxina neminye, kanti niyabutyeshela ubulungisa nokumthanda uThixo. Benimelwe kakade kukuzenza ezi zinto, kodwa nezinye ningazityesheli. “Mawoo, nina baFarasi! Nithanda izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, nokukhahlelwa emabaleni embutho. Mawoo, nina! Ninjengamangcwaba angasabonakaliyo, abathi abantu bahambe phezu kwawo bengawazi.” Waphendula ke othile wakubachazi-mthetho, wathi kuye: “Mfundisi, uthetha ngolu hlobo nje, uyasigxeka nathi.” Uthe ke yena uYesu: “Mawoo, nani bachazi-mthetho! Abantu nibathwalisa imithwalo enzima, kanti nina le mithwalo aniyichukumisi nokuyichukumisa nangomnwe lo. Mawoo! Nina nihombisa amangcwaba abashumayeli bamandulo, ukanti bâbuláwa ngooyihlo. Nina ke nibonakalisa ukuvumelana kwenu nooyihlo, kuba bona bababulala *abashumayeli, kanti nina nihombisa amangcwaba abo. Kungoko uThixo ngokobulumko bakhe atshoyo ukuthi: ‘Ndiya kuthumela abashumayeli nabathunywa ebantwini; inxenye baya kuyibulala, inxenye baya kuyitshutshisa.’ Lobizwa kwesi sizukulwana ke igazi labo bonke abashumayeli, elaphalazwayo ukususela ekusekweni kwehlabathi, liqalela egazini lika-Abheli, lide lise egazini likaZakariya, owabulawa phakathi kweqonga lamadini nendawo engcwele. Ewe, nditsho nangoku liya kubizwa kwesi sizukulwana. “Mawoo, nina bachazi-mthetho! Nasisusa isitshixo solwazi. Nina ngokwenu aningeni, kanti nabafuna ukungena niyabalela.” Ukumka kukaYesu apho, abachazi-mthetho nabaFarasi bacaphuka, bamana bemlinga ngemibuzo emininzi, befuna ukumrhintyela ngentetho yakhe.

ULUKA 11:33-54 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Akukho ke uthi, esibanekile isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo, nokuba kuphantsi kwesitya; usibeka esiphathweni saso, ukuze abo bangenayo bakubone ukukhanya. Isibane somzimba liliso. Xa sukuba iliso lakho lingenakumbi, umzimba wakho uphela uyakhanyiseleka; kodwa xa sukuba iliso lakho lingendawo, umzimba wakho uba bubumnyama. Ngoko xunela ekuthini ukukhanya okukuwe kungabi bubumnyama. Ukuba ngoko umzimba wakho uphela ukhanyiselekile, ungenandawo imnyama, uya kukhanyiseleka uphela, njengaxenikweni sithe isibane sakukhanyisela ngokudangazela kwaso. Ke kaloku, akuba ethethile, umFarisi othile wayemcela ukuba aye komulela kuye. Ungenile ke wahlala phantsi. Uthe ke akubona oku, umFarisi wamangaliswa kukuba engathanga kuqala ahlambe, phambi kokuba adle. Yathi ke iNkosi kuye, Kungokunje, nina baFarisi nihlambulula umphandle wendebe nesitya; kodwa umbilini wakho uzele kukuphanga nokungendawo. Ziyatha, lo wawenza ingaphandle akawenzanga na owangaphakathi? Kodwa ke yenzani amalizo ngokwezinto eninazo; niyabona, zonke izinto zihlambulukile kuni. Yeha nina, baFarisi! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nezenxina nezemifuno yonke, nize nidlule kuwo umgwebo nokuthanda uThixo; ezi benimelwe kukuthi nizenze, nithi neziya ningazishiyi. Yeha nina, baFarisi! Kuba nithanda izihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungu, nemibuliso ezindaweni zembutho. Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba ninjengamangcwaba angabonakaliyo, abahambá phezu kwawo bengawazi. Waphendula ke omnye wabaqondisi-mthetho, wathi kuye, Mfundisi, uzithethile nje ezo zinto, usiphatha kakubi nathi. Uthe ke yena, Yeha, nani baqondisi-mthetho! Kuba abantu nibathwalisa imithwalo enzima, nibe ke nina ngokwenu ningayichukumisi imithwalo leyo nangamnye umnwe wenu. Yeha nina! Ngokuba niyawakha amangcwaba abaprofeti, babe ke ooyihlo bebabulele. Inene niyangqina ukuba niyayivumela imisebenzi yooyihlo; kuba bona bababulala okunene, nibe ke nina niwakha amangcwaba abo. Ngenxa yoko nobulumko bukaThixo bathi, Ndiya kubathumela abaprofeti nabapostile, bathi inxenye kubo bayibulale, bayitshutshise; ukuze kubizwe kwesi sizukulwana igazi labo bonke abaprofeti elaphalazwayo, kwasekusekweni kwehlabathi; Ukususela kwigazi lika-Abheli ukuya kutsho kwigazi likaZakariya, owatshabalala phakathi kwesibingelelo nendlu kaThixo. Inene ndithi kuni, liya kubizwa kwesi sizukulwana. Yeha nina, baqondisi-mthetho! ngokuba nisithabathile isitshixo sokwazi; anangena ngokwenu, naba ke nabangenayo nabalela. Ke kaloku, akuba ezithethile ezi zinto kubo, ababhali nabaFarisi baqala ukumvuselela kakhulu, nokumcaphukisa ukuba athethe izinto ezininzi, bemlalele, befuna ukunqakula into ephuma emlonyeni wakhe, ukuze bammangalele.
ULUKA 11:33-54 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Akuko mntu oti, akubaneka isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo, napantsi kwento yokulinganisa, koko asibeka pezu kwekandelare, ukuze abangenayo babone ukukanya kwaso. Isibane somzimba sililiso: ngako xeshekweni iliso lako lingenanto, wonke umzimba wako uba nokukanya nawo; kodwa emvenikweni lenzakeleyo, nomzimba wako umnyama. Lumka ke kungabi ukukanya okupakati kwako kububumnyama. Ukuba ngoko wonke umzimba wako unokukanya, ungenanye indawo imnyama, uya kuba nokukanya wonke, njengokuya isibane sikukanyiselayo ngenkazimlo yaso. Kekaloku nxa atetileyo, umfarisi otile wamtandaza ukuba adlele kuye isidlo sasemini; wangena ke, wahlala pantsi. Wati umfarisi akubona wati nqa ukuba ebengatanga kuqala wahlamba engekatyi isidlo sasemini. Koko yati INKOSI kuye: Kaloku nina bafarisi okupandle kwendebe nesikotile niya kuhlambulula; kodwa okupakati kwenu kuzele bubupanga nenkohlakalo. Zidenge! lowo wakwenzayo okupandle, akakwenza na nokupakati? Kodwa izinto zapakati zipeni amalizo ngazo; kukona, bona ke, zonke izinto zihlambulukile kuni. Koko kuya kuba nzima kuni bafarisi! ukuba ninika izishumi zetyeleba, nezeruwe, nezemifuno yonke, kanti niyagqita ubugwebo, notando LUKATIXO: bekufanele ezi ukuba zenzwe, neziya ukuba zingayekwa. Kwoba nzima kuni bafarisi! ukuba nitanda isihlalo sapambili ezindlwini zentlanganiso, nemibuliso ezindaweni zentengo. Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba ninjengamancw̔aba angabonakaliyo, bati abantu abahambayo pezu kwawo bangawazi. Kwaza kwapendula omnye wakubaqondisimteto wati kuye: Mfundisi! usitsho nje uyasituka nati. Koko wati: Kwoba nzima nakuni baqondisimteto! ukuba nitwesa abantu ngemitwalo esindayo, kanti nina ngokwenu anicu̔kumisi imitwalo leyo nangomnye weminwe yenu. Kwoba nzima kuni! ukuba nibuya nake amancw̔aba abaprofite, bati ke oyihlo benu bababulala. Kukona ninqi̔nela nivumela nokuvumela izenzo zoyihlo benu; ngokuba bona okunene bababulala, niti ke nina nibuye nake amancw̔aba abo. Ngako oko butshilo nobulumko BUKATIXO ukuti: Ndiya kubatumela abaprofite nabapostile, babeya kuti inxenye kubo bababulale, babatshutshise; ukuze libizwe kwesisizukulwana igazi labo bonke abaprofite elipalazwayo kutabata ekumisweni kwelizwe, kwa segazini lika‐Abele kude kube segazini lika‐Zekariya, owabubela pakati kwesibingelo nendawo eyingcwele: ewe nditi kuni, liya kubizwa kwesisizukulwana. Kwoba nzima kuni baqondisimteto; ukuba nisusile isilotile sokwazi; anangena nina, nabo babengena nabalela. Kekaloku nxa ebeteta ezizinto kubo, ababa̔li nabafarisi baqala ukuba nenzondo kakulu, nokumfundekela ngemibuzo ngento ezininzi, bemlalela, befuna ukubamba into ipuma emlonyeni wake, ukuze bamnike ityala.