Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Luke 11:33-54

Ivangeli ka‐Luke 11:33-54 XHO1902A

Akuko mntu oti, akubaneka isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo, napantsi kwento yokulinganisa, koko asibeka pezu kwekandelare, ukuze abangenayo babone ukukanya kwaso. Isibane somzimba sililiso: ngako xeshekweni iliso lako lingenanto, wonke umzimba wako uba nokukanya nawo; kodwa emvenikweni lenzakeleyo, nomzimba wako umnyama. Lumka ke kungabi ukukanya okupakati kwako kububumnyama. Ukuba ngoko wonke umzimba wako unokukanya, ungenanye indawo imnyama, uya kuba nokukanya wonke, njengokuya isibane sikukanyiselayo ngenkazimlo yaso. Kekaloku nxa atetileyo, umfarisi otile wamtandaza ukuba adlele kuye isidlo sasemini; wangena ke, wahlala pantsi. Wati umfarisi akubona wati nqa ukuba ebengatanga kuqala wahlamba engekatyi isidlo sasemini. Koko yati INKOSI kuye: Kaloku nina bafarisi okupandle kwendebe nesikotile niya kuhlambulula; kodwa okupakati kwenu kuzele bubupanga nenkohlakalo. Zidenge! lowo wakwenzayo okupandle, akakwenza na nokupakati? Kodwa izinto zapakati zipeni amalizo ngazo; kukona, bona ke, zonke izinto zihlambulukile kuni. Koko kuya kuba nzima kuni bafarisi! ukuba ninika izishumi zetyeleba, nezeruwe, nezemifuno yonke, kanti niyagqita ubugwebo, notando LUKATIXO: bekufanele ezi ukuba zenzwe, neziya ukuba zingayekwa. Kwoba nzima kuni bafarisi! ukuba nitanda isihlalo sapambili ezindlwini zentlanganiso, nemibuliso ezindaweni zentengo. Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba ninjengamancw̔aba angabonakaliyo, bati abantu abahambayo pezu kwawo bangawazi. Kwaza kwapendula omnye wakubaqondisimteto wati kuye: Mfundisi! usitsho nje uyasituka nati. Koko wati: Kwoba nzima nakuni baqondisimteto! ukuba nitwesa abantu ngemitwalo esindayo, kanti nina ngokwenu anicu̔kumisi imitwalo leyo nangomnye weminwe yenu. Kwoba nzima kuni! ukuba nibuya nake amancw̔aba abaprofite, bati ke oyihlo benu bababulala. Kukona ninqi̔nela nivumela nokuvumela izenzo zoyihlo benu; ngokuba bona okunene bababulala, niti ke nina nibuye nake amancw̔aba abo. Ngako oko butshilo nobulumko BUKATIXO ukuti: Ndiya kubatumela abaprofite nabapostile, babeya kuti inxenye kubo bababulale, babatshutshise; ukuze libizwe kwesisizukulwana igazi labo bonke abaprofite elipalazwayo kutabata ekumisweni kwelizwe, kwa segazini lika‐Abele kude kube segazini lika‐Zekariya, owabubela pakati kwesibingelo nendawo eyingcwele: ewe nditi kuni, liya kubizwa kwesisizukulwana. Kwoba nzima kuni baqondisimteto; ukuba nisusile isilotile sokwazi; anangena nina, nabo babengena nabalela. Kekaloku nxa ebeteta ezizinto kubo, ababa̔li nabafarisi baqala ukuba nenzondo kakulu, nokumfundekela ngemibuzo ngento ezininzi, bemlalela, befuna ukubamba into ipuma emlonyeni wake, ukuze bamnike ityala.