Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uLuka 10:25-42

uLuka 10:25-42 CXB24

Kwabonakala kusuka umqondisi-mthetho othile, emlinga nokumlinga, esithi, Mfundisi, ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade? Uthe ke yena kuye, Emthethweni kubhalwe ntoni na? Ufunda njani? Waphendula ke wathi, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela, nommelwane wakho njengoko uzithanda ngako. Uthe ke kuye, Uphendule walungisa; yenza oko, wobudla ubomi. Ke yena, ethanda ukuzigwebela, wathi kuYesu, Ngubani na ongummelwane wam? Uphendule ke uYesu, wathi, Umntu othile wayesihla evela eYerusalem, esiya eYeriko. Wagaxeleka ezihangeni, ezamhluba iingubo, zamngxwelerha, zemka, zimshiya engathi uza kufa. Ke kaloku kwathi, kwehla mbingeleli uthile ngaloo ndlela, wathi akumbona wacezela phaya. Kwangokunjalo ke nomLevi, akufika kuloo ndawo, weza wambona, wacezela phaya. Uthe ke umSamariya othile, eseluhambeni lwakhe, wafika kuye; Waya kuye, wawabopha amanxeba akhe, egalela ioli newayini, wamkhwelisa eqegwini lakhe, wamsa endlwini yabahambi, wamonga. Akumka ngengomso, warhola iidenariyo zambini wanika umninindlu, wathi kuye, Uze umonge; nento othe wadleka kuyo, ndokubuyekeza ekubuyeni kwam. Nguwuphi na kwabo bathathu ngoko, othi wena, waba ngummelwane walowo wagaxeleka ezihangeni? Uthe ke yena, Ngulowo wamenzela inceba. Wathi ngoko uYesu kuyo, Hamba uye kwenjenjalo nawe. Ke kaloku kwathi, ekuhambeni kwabo, yena wangena mzini uthile, yathi ke intokazi ethile egama linguMarta, yamamkela ngobubele endlwini yayo. Yaye ke inodade wabo ogama linguMariya, owathi yena wahlala ngasezinyaweni zikaYesu, waliphulaphula ilizwi lakhe. uMarta ke yena wakruthakrutheka kukulungiselela okuninzi. Wema ke kufuphi wathi, Nkosi, akukhathali na, kukuba umsakwethu andiyekele ndilungiselele ndedwa? Yitsho kuye ukuba andincede. Waphendula ke uYesu wathi kuye, Marta, Marta, uzixhalabise ngezinto ezininzi; Inye yona into efunekayo; uMariya ke unyule eso sabelo silungileyo, singayi kususwa kuye.