Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 10:25-42

ULUKA 10:25-42 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Kwabonakala kusuka umqondisimthetho othile, emlinga nokumlinga, esithi, Mfundisi, ndénze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade? Uthe ke yena kuye, Emthethweni kubhalwe ntoni na? Ulesa njani na? Waphendula ke wathi, Ùze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela; nommelwane wakho, njengoko uzithanda ngako. Uthe ke kuye, Ùphendule walungisa; yenza oko, wobudla ubomi. Ke kaloku yena, ethanda ukuzigwebela, wathi kuYesu, Ngubani na ongummelwane wam? Uphendule ke uYesu, wathi, Umntu othile wayesihla evela eYerusalem, esiya eYeriko. Wagaxeleka ezihangeni, ezambhunyula iingubo, zamngxwelerha, zemka, zimshiya engathi uza kufa. Ke kaloku kwathi, kwehla mbingeleli uthile ngaloo ndlela; akumbona, wacezela phaya. Kwangokunjalo ke nomLevi, akufika kuloo ndawo, weza wambona, wacezela phaya. Uthe ke umSamariya othile, eseluhambeni, waya kuye; wathi, akumbona, wasikwa yimfesane. Wafika, wawabopha amanxeba akhe, egalela ioli newayini, wamkhwelisa eqegwini lakhe, wamsa endlwini yabahambi, wamonga. Akumka ngengomso, warhola iidenariyo• zambini wanika umninindlu, wathi kuye. Uze umonge; nento ongathi ubuye udleke yona, ndokuhlawulela mna ekubuyeni kwam. Nguwuphi na kwabo bathathu ngoko, othi wena, waba ngummelwane walowo wagaxeleka ezihangeni? Uthe ke yena, Ngulowo wamenzela inceba. Wathi ngoko uYesu kuye, Hamba, uye kwenjenjalo nawe. Ke kaloku kwathi, ekuhambeni kwabo, yena wangena mzini uthile, yathi ke intokazi ethile egama linguMarta, yamamkela ngobubele endlwini yayo. Yaye ke inomsakwayo obe kuthiwa nguMariya, owathi yena wahlala ngasezinyaweni zikaYesu, emana ukuliphulaphula ilizwi lakhe. UMarta ke yena wakruthakrutheka kukulungiselela okuninzi. Wema ke kufuphi wathi, Nkosi, akukhathali na, kukuba umsakwethu andiyekele ndilungiselele ndedwa? Yitsho ke kuye, andincede. Waphendula ke uYesu wathi kuye, Marta, Marta, uxhaliswa uphithizeliswa zizinto ezininzi. Inye yona into efunekayo; uMariya ke unyule eso sabelo silungileyo, singayi kususwa kuye.

ULUKA 10:25-42 IBHAYIBHILE (XHO96)

Ke kaloku kwafika umchazi-mthetho, walinga uYesu esithi: “Mfundisi, kufuneka ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?” UYesu wathi kuye: “Khawutsho, kubhalwe ntoni *emthethweni?” Ke yena wathi: “Kuthiwa: ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela; umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe. ’ ” UYesu ke wathi kuye: “Uchane ecwethe! Yenjenjalo kanye; wobudla ubomi.” Ke yena umchazi-mthetho, efuna ukuzenza ilungisa, wathi kuYesu: “Ngubani ummelwane wam?” UYesu wamphendula wathi: “Umntu othile wayesihla evela eJerusalem, esiya eJeriko, waza wagaxeleka ezihangeni, ezamhluba izambatho zakhe, zamngxwelerha, zemka zimshiya esecicini lokufa. Ke kaloku kwakukho mbingeleli uthile owayesihla kwangaloo ndlela, owathi akumbona wacezela phaya. Kwangokunjalo ke *nomLevi, akufika kuloo ndawo, uthe akumbona wacezela phaya. Ke umSamariya othile owayeseluhambeni wafika kuye, wathi akumbona wavelana naye, wasondela, wawabopha amanxeba akhe, ewagalela ioyile newayini. Wamkhwelisa kwidonki yakhe, wamsa kwindlu yabahambi, wamonga. Ukumka kwakhe ngengomso, urhole imali, wanika umnini-ndlu, wathi kuye: ‘Uze umonge; nento othe wadleka yona ngaphezu koku ndoyihlawula ekubuyeni kwam.’ ” Waqhuba uYesu wathi: “Khawutsho ke, nguwuphi kwabo bathathu owaba ngummelwane walowo wagaxeleka ezihangeni?” Umchazi-mthetho wathi: “Ngulowo waba novelwano.” Waza uYesu wathi kuye: “Hamba uye kwenjenjalo ke nawe.” Kolo hambo lwabo uYesu ungene dolophaneni ithile, waza wamkelwa endlwini ngumfazi othile ogama linguMarta. UMarta wayenodade wabo ogama linguMariya, owathi yena wahlala ngasezinyaweni zeNkosi, ephulaphula amazwi ayo. Ke yena uMarta wayexakeke kakhulu ngamalungiselelo; waya kuYesu, wathi: “Nkosi, akukhathali na kukuba umsakwethu andiyekele ndilungiselele ndendwa? Yitsho kuye andincedise.” Waphendula ke uYesu, wathi kuye: “Wena Marta, uzikhathaza ngezinto ezininzi, kanti inye kuphela eyimfuneko. UMariya unyule loo nto ilungileyo, kwaye ayiyi kuhluthwa kuye.”

ULUKA 10:25-42 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Kwabonakala kusuka umqondisi-mthetho othile, emlinga nokumlinga, esithi, Mfundisi, ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade? Uthe ke yena kuye, Emthethweni kubhalwe ntoni na? Ufunda njani? Waphendula ke wathi, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela, nommelwane wakho njengoko uzithanda ngako. Uthe ke kuye, Uphendule walungisa; yenza oko, wobudla ubomi. Ke yena, ethanda ukuzigwebela, wathi kuYesu, Ngubani na ongummelwane wam? Uphendule ke uYesu, wathi, Umntu othile wayesihla evela eYerusalem, esiya eYeriko. Wagaxeleka ezihangeni, ezamhluba iingubo, zamngxwelerha, zemka, zimshiya engathi uza kufa. Ke kaloku kwathi, kwehla mbingeleli uthile ngaloo ndlela, wathi akumbona wacezela phaya. Kwangokunjalo ke nomLevi, akufika kuloo ndawo, weza wambona, wacezela phaya. Uthe ke umSamariya othile, eseluhambeni lwakhe, wafika kuye; Waya kuye, wawabopha amanxeba akhe, egalela ioli newayini, wamkhwelisa eqegwini lakhe, wamsa endlwini yabahambi, wamonga. Akumka ngengomso, warhola iidenariyo zambini wanika umninindlu, wathi kuye, Uze umonge; nento othe wadleka kuyo, ndokubuyekeza ekubuyeni kwam. Nguwuphi na kwabo bathathu ngoko, othi wena, waba ngummelwane walowo wagaxeleka ezihangeni? Uthe ke yena, Ngulowo wamenzela inceba. Wathi ngoko uYesu kuyo, Hamba uye kwenjenjalo nawe. Ke kaloku kwathi, ekuhambeni kwabo, yena wangena mzini uthile, yathi ke intokazi ethile egama linguMarta, yamamkela ngobubele endlwini yayo. Yaye ke inodade wabo ogama linguMariya, owathi yena wahlala ngasezinyaweni zikaYesu, waliphulaphula ilizwi lakhe. uMarta ke yena wakruthakrutheka kukulungiselela okuninzi. Wema ke kufuphi wathi, Nkosi, akukhathali na, kukuba umsakwethu andiyekele ndilungiselele ndedwa? Yitsho kuye ukuba andincede. Waphendula ke uYesu wathi kuye, Marta, Marta, uzixhalabise ngezinto ezininzi; Inye yona into efunekayo; uMariya ke unyule eso sabelo silungileyo, singayi kususwa kuye.

ULUKA 10:25-42 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Kekaloku bona ke, wesuka umqondisimteto otile, emlinga, esiti nokuti: Mfundisi! ndiya kwenza nto nina ukuba ndidle ilifa lobomi obungunapakade? Wayesiti kuye: Yinto nina eba̔liweyo emtetweni? uti nina ukulesesha? Wapendula wati: Uya kumtanda UYEHOVA, UTIXO wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, nangawo onke amandla ako, nangayo yonke ingqondo yako; nommelwane wako njengokuzitanda kwako. Wayesiti kuye: Ulungisile ukupendula kwako; yenza oku, wauya kudla ubomi. Kodwa yena efuna ukuzigwebela wati ku‐Yesu: Ungubanina ke ummelwane wam? Wapendula u‐Yesu wati: Umntu otile wehla e‐Yerusaleme waya e‐Jeriko, wawa pakati kwamabada, ati wona amhluba ingubo zake, amenzela amanxeba, emka, emshiyile ngokungati uza kufa. Kwahla kwehla umperisite otile ngaleyondlela, owati akumbona wadlula ngelinye icala. Kwa njalo ke nom‐Levi akufika kulondawo, weza, wabona, wadlula ngelinye icala. Kodwa um‐Samariya otile esekuhambeni weza kufupi naye, owati akumbona wabetwa lusizi, wasondela, wabopa amanxeba ake, egalela ioli neveyine; waza wamkwelisa pezu kwelake ihashe, wamsa entangeni, wamgcina. Wati ngomnye umhla akumka, war̔ola idenari zambini, wazinika kumninintanga, wati kuye: Mgcine ke; nento usukuba usalekela ukuyici̔ta, ndoti mna, nxa ndibuya ndize apa, ndiyibuyisele kuwe. Nguwupina ngoko waba batatu uti wena uzenze ummelwane kulowo ubewile pakati kwamabada? Wayesiti: Ngulowo wamenzelayo ububele. Wandula wati u‐Yesu kuye: Hamba, yenza kwa njalo nawe. Kwaye kute ekuhambeni kwabo, wati yena wangena emzini otile; waza umfazi otile, ogama lingu‐Marita, wamamkela endlwini yake. Wabe lo enaye udade obizwa ngo‐Mariya, obesiti yena, ehleli ngasezinyaweni zika‐Yesu, wapulapula ilizwi lake. Kodwa u‐Marita waebideka ngokukonza okukulu; waza wema kufupi wati: Nkosi! akukatali na kukuba udade wam undiyekelele ndikonze ndedwa? mxelele ngoko ukuba andincede. Koko wapendula u‐Yesu wati kuye: Marita, Marita! unesitukutezi nesipitipiti ngezinto ezininzi; kodwa inye into eswelekayo; no‐Mariya usiqashile esosabiwo silungileyo, esingayi kususwa kuye.