Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Luke 10:25-42

Ivangeli ka‐Luke 10:25-42 XHO1902A

Kekaloku bona ke, wesuka umqondisimteto otile, emlinga, esiti nokuti: Mfundisi! ndiya kwenza nto nina ukuba ndidle ilifa lobomi obungunapakade? Wayesiti kuye: Yinto nina eba̔liweyo emtetweni? uti nina ukulesesha? Wapendula wati: Uya kumtanda UYEHOVA, UTIXO wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, nangawo onke amandla ako, nangayo yonke ingqondo yako; nommelwane wako njengokuzitanda kwako. Wayesiti kuye: Ulungisile ukupendula kwako; yenza oku, wauya kudla ubomi. Kodwa yena efuna ukuzigwebela wati ku‐Yesu: Ungubanina ke ummelwane wam? Wapendula u‐Yesu wati: Umntu otile wehla e‐Yerusaleme waya e‐Jeriko, wawa pakati kwamabada, ati wona amhluba ingubo zake, amenzela amanxeba, emka, emshiyile ngokungati uza kufa. Kwahla kwehla umperisite otile ngaleyondlela, owati akumbona wadlula ngelinye icala. Kwa njalo ke nom‐Levi akufika kulondawo, weza, wabona, wadlula ngelinye icala. Kodwa um‐Samariya otile esekuhambeni weza kufupi naye, owati akumbona wabetwa lusizi, wasondela, wabopa amanxeba ake, egalela ioli neveyine; waza wamkwelisa pezu kwelake ihashe, wamsa entangeni, wamgcina. Wati ngomnye umhla akumka, war̔ola idenari zambini, wazinika kumninintanga, wati kuye: Mgcine ke; nento usukuba usalekela ukuyici̔ta, ndoti mna, nxa ndibuya ndize apa, ndiyibuyisele kuwe. Nguwupina ngoko waba batatu uti wena uzenze ummelwane kulowo ubewile pakati kwamabada? Wayesiti: Ngulowo wamenzelayo ububele. Wandula wati u‐Yesu kuye: Hamba, yenza kwa njalo nawe. Kwaye kute ekuhambeni kwabo, wati yena wangena emzini otile; waza umfazi otile, ogama lingu‐Marita, wamamkela endlwini yake. Wabe lo enaye udade obizwa ngo‐Mariya, obesiti yena, ehleli ngasezinyaweni zika‐Yesu, wapulapula ilizwi lake. Kodwa u‐Marita waebideka ngokukonza okukulu; waza wema kufupi wati: Nkosi! akukatali na kukuba udade wam undiyekelele ndikonze ndedwa? mxelele ngoko ukuba andincede. Koko wapendula u‐Yesu wati kuye: Marita, Marita! unesitukutezi nesipitipiti ngezinto ezininzi; kodwa inye into eswelekayo; no‐Mariya usiqashile esosabiwo silungileyo, esingayi kususwa kuye.