uLuka 1:1-13

uLuka 1:1-13 CXB24

Ekubeni ke bebaninzi abasa isandla sabo, ukuyibeka eludwengeni udaba olukholiweyo phakathi kwethu, njengokuba basinikelayo abo bathi kwasekuqalekeni baba ngamangqina okuzibonela, nabakhonzi balo ilizwi; Kwabonakala kulungile nakum, ndizazi zonke izinto, kwasekuqaleni, ukuba ndikubhalele ngokulandelelana kwazo, Tiyofilo odume kunene, ukuze uyazi kakuhle ingqiniseko yezo zinto uzifundisisiweyo. Ngemihla kaHerode ukumkani wakwaJuda, kwakukho umbingeleli othile, ogama linguZakariya, engoweqela lika-Abhiya, nomfazi wakhe engoweentombi zika-Aron, igama lakhe linguElizabhete. Bebengamalungisa ke bobabini emehlweni kaThixo, behamba ngayo yonke imithetho nemimiselo yeNkosi, bengenakusoleka. Baye bengenamntwana, ngokokuba uElizabhete ebengazali, kanjalo bobabini babesebekhulile. Ke kaloku kwathi, xa wayesenza ububingeleli ngokweqela lakhe, phambi koThixo. Ngokwesiko lobubingeleli, kwaba liqashiso lakhe ukuba aqhumisele ngesiqhumiso, xa angenayo etempileni yeNkosi. Yaye yonke inkitha yabantu ithandaza ngaphandle ngelixa lesiqhumiso. Kwabonakala ke kuye isithunywa seNkosi, simi ngasekunene kwesibingelelo sesiqhumiso. uZekariya wathi akumbona wakhathazeka, wangenelwa luloyiko. Sathi kuye isithunywa eso, Musa ukoyika, Zakariya, kuba umthandazo wakho uviwe; wothi ke umfazi wakho uElizabhete akuzalele unyana, umthiye igama elinguYohane.