ULUKA 1:1-13

ULUKA 1:1-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

NGOKOKUBA abaninzi belingile ukulibeka kunye ngokucwangcisa ilivo lezondawo eziqiniselwe pakati kwetu ngokukolisekileyo, njengokuba bezinikele kuti abo babengababoneli nabakonzi belizwi kutabata ekuqaleni; kwanga kulungile nakum, ndizilandile zonke kwada kwangapambili ngokukutala nje, ukuba ndikuba̔lele zona ngokulandelana, Teyofilusi odumileyo kakulu! ukuze ukolise ukuyazi inyaniso yezozinto uzifundisiweyo ngomlomo. KWAYE kuko emihleni ka‐Herodi, ukumkani we‐Judeya, umperisite otile ogama lingu‐Zekariya, engowakuso isahlulo sika‐Abiya; nomfazi wake engowasezintombini zika‐Arone, negama lake lingu‐Elizabete. Bebelungile bobabini ke ebusweni BUKATIXO, behamba kuyo yonke imiyalelo nemimiselo YENKOSI bengohlwayeki. Baye bengenamntwana, ngenxa yokuba u‐Elizabete ebeludlolo; kanjalo bobabini bebekolisile ukuba nobudala. Kwabekute, ekwenzeni kwake inkonzo yomperisite pambi KWOTIXO, ngexesha lokukonza kwesahlulo sakowabo, ngokwesiko lobuperisite, wabelwa ngeqashiso ukuqu̔misa, engene endaweni engcwele YENKOSI: waye wonke umhlambi wabantu ubutandaza ngapandle ngexeshana lesiqu̔miso. Kwati kekaloku kwabonakala kuye ingelosi YENKOSI, imi ngasekunene kwesibingelo sesiqu̔miso. Waza u‐Zekariya waxaliswa akuyibona, wawelwa kukwoyika. Koko ingelosi yati kuye: Ungoyiki, Zekariya! ngokuba isikungo sako siviwe; woti ke umfazi wako u‐Elizabete akuzalele unyana, wauya kubiza igama lake ngo‐Johane.