Emveni kwezi zinto, wayehamba uYesu kwelaseGalili; kuba ebengathandi ukuhamba kwelakwaYuda; ngokuba amaYuda ebefuna ukumbulala. Ke kaloku, wawukufuphi umthendeleko wamaYuda weminquba. Bathi ngoko kuye abazalwana bakhe, Gqitha apha, uye kwelakwaYuda, ukuze nabafundi bakho bayibone imisebenzi yakho oyenzayo. Kuba akukho namnye wenza into emfihlekweni, abe yena ngokwakhe efuna ukuba sekuhleni. Ukuba uyazenza ezi zinto, zibonakalise ngokwakho kwihlabathi. Kuba nabazalwana bakhe bebengakholwa kuye. Wathi ngoko uYesu kubo, Ixesha lam alikabikho, ke elenu ixesha lihlala lilungile. Ihlabathi alinakunithiya nina; mna ke liyandithiya, ngokuba mna ndingqina ngalo, ukuba imisebenzi yalo ayindawo. Nyukani nina, niye kulo mthendeleko; mna andikanyuki, ndiye kulo mthendeleko; ngokuba ixesha lam alikazaliseki. Akuba ke ezithethile ezi zinto kubo, wahlala kwelaseGalili. Ke, bakuba benyukile abazalwana bakhe, wenyuka naye, waya emthendelekweni, kungekhona ekuhleni, kubusithela. Ayemfuna ngoko amaYuda emthendelekweni, esithi, Uphi na yena? Kwaye kukho ukukrokra okukhulu ngaye ebantwini; inxenye ibisithi, Ulungile; abanye ke besithi, Hayi; ke yena ulahlekisa abantu. Noko ke bekungekho namnye ubethetha ngaye ngokusekuhleni, ngenxa yokoyika amaYuda. Ke kaloku, kwakubon’ ukuba sekuphakathi komthendeleko, wenyuka uYesu waya etempileni, wafundisa. Amangaliswa amaYuda, esithi, Lo mfo ube nolwazi ngani na, engafundanga nje? Wawaphendula uYesu, wathi, Eyam imfundiso asiyam, yeyalowo wandithumayo. Ukuba kukho othi afune ukukwenza ukuthanda kwakhe, woyazi imfundiso le: ukuba iphuma kuThixo, nokuba mna ndithetha okukokwam, kusini na. Lowo uthetha okwakhe, ufuna olulolwakhe uzuko; ke lowo ufuna uzuko lowamthumayo, uyinene yena, akukho kungalungisi kuye. Umthetho aniwunikelwanga na nguMoses? Kanti ke akukho namnye kuni uwugcinayo umthetho; Yini na ukuba nifune ukundibulala? Saphendula isihlwele sathi, Unedemon; ngubani na ofuna ukukubulala? Waphendula uYesu wathi kubo, Ndenze umsebenzi wamnye, namangaliswa ke nonke. uMoses uninike ulwaluko ngenxa yoku; Kungekuba iphume kuMoses, kungenxa yokuba iphuma kooyihlo. Niyalùsa ke nina nangesabatha. Ukuba umntu uyaluswa ngoMhla woPhumlo, ukuze ungaphulwa umthetho kaMosis. Nindijalele na ngokuba ndiphilise umntu, waphila kwaphela, ngesabatha? Musani ukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngomgwebo olungisayo. Babesithi ngoko abathile kwabaseYerusalem, Asinguye na lo bafuna ukumbulala? Niyabona, uthetha ngokuphandle, abathethi nto kuye; bangaba kanti na ke bayazi okwenyaniso abaphathi, ukuba lo nguye uKristu okwenyaniso? Thina siyamazi lo apho avela khona; xa sukuba ke uKristu esiza, akukho namnye uya kumazi apho avela khona. Wadanduluka ngoko uYesu, efundisa etempileni, wathi, Nina niyandazi, nikwazi nalapho ndivela khona; andizanga ngokwam; uyinyaniso owandithumayo, eningamaziyo nina. Ke mna ndiyamazi; ngokuba ndivela kuye, waye yena endithumile. Babefuna ngoko ukumbamba, kodwa akubangakho namnye umsa isandla, ngokuba ilixa lakhe belingekafiki. Ke kaloku, into eninzi esihlweleni yakholwa kuye; yayisithi, uKristu, xa athe wafika, angaba uya kwenza imiqondiso emininzi na kunale ayenzileyo lo?