UYOHANE 7:1-31
UYOHANE 7:1-31 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Emveni kwezi zinto, wayehamba uYesu kwelaseGalili; kuba ebengathandi ukuhamba kwelakwaYuda; ngokuba amaYuda ebefuna ukumbulala. Ke kaloku, wawukufuphi umthendeleko wamaYuda weminquba. Bathi ngoko kuye abazalwana bakhe, Gqitha apha, uye kwelakwaYuda, ukuze nabafundi bakho bayibone imisebenzi yakho oyenzayo. Kuba akukho namnye wenza into emfihlekweni, abe yena ngokwakhe efuna ukuba sekuhléni. Ukuba uyazenza ezi zinto, zibonakalise ngokwakho kwihlabathi. Kuba nabazalwana bakhe bebengakholwa kuye. Wathi ngoko uYesu kubo, Ixesha lam alikabikho, ke elenu ixesha lihlala lilungile. Ihlabathi alinakunithiya nina; mna ke liyandithiya, ngokuba mna ndingqina ngalo, ukuba imisebenzi yalo ayindawo. Nyukani nina, niye kulo mthendeleko; mna andikanyuki, ndiye kulo mthendeleko; ngokuba ixesha lam alikazaliseki. Akuba ke ezithethile ezi zinto kubo, wahlala kwelaseGalili. Ke, bakuba benyukile abazalwana bakhe, wenyuka naye, waya emthendelekweni, kungekhona ekuhléni, kubusithela. Ayemfuna ngoko amaYuda emthendelekweni, esithi, Uphi na yena? Kwaye kukho ukukrokra okukhulu ngaye ebantwini; inxenye ibisithi, Ulungile; abanye ke besithi, Hayi, yena ulahlekisa uluntu olu. Noko ke bekungekho namnye ubethetha ngaye ngokusekuhléni, ngenxa yokoyika amaYuda. Ke kaloku, kwakubon' ukuba sekuphakathi komthendeleko, wenyuka uYesu waya etempileni, wafundisa. Ayemangaliswa amaYuda, esithi, Lo uyazi ngani na imfundo, engafundanga nje? Waphendula uYesu, wathi, Eyam imfundiso asiyam, yeyalowo wandithumayo. Ukuba kukho othi afune ukukwenza ukuthanda kwakhe, woyazi imfundiso le: ukuba iphuma kuThixo, nokuba mna ndithetha okukokwam, kusini na. Lowo uthetha okwakhe, ufuna olulolwakhe uzuko; ke lowo ufuna uzuko lowamthumayo, uyinene yena, akukho kungalungisi kuye. Umthetho aniwunikelwanga na nguMoses? Kanti ke akukho namnye kuni uwugcinayo umthetho; yini na ukuba nifune ukundibulala? Saphendula isihlwele sathi, Ùnedemon; ngubani na ofuna ukukubulala? Wapendula uYesu wathi kubo. Ndenzé umsebenzi wamnye, namangaliswa ke nonke. UMoses uninike ulwaluko ngenxa yoku, kungengenxa yokuba luphume kuMoses, kungenxa yokuba luphume kooyihlo. Niyamalùsa ke umntu nangesabatha. Ukuba umntu uyalùswa ngesabatha, ukuze ungaphulwa umthetho kaMoses, nindijalele na ngokuba ndiphilise umntu, waphila kwaphela, ngesabatha? Musani ukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngomgwebo olungisayo. Babesithi ngoko abathile kwabaseYerusalem, Asinguye na lo bafuna ukumbulala? Niyabona, uthetha ngokuphandle, abathethi nto kuye; bangába kanti na ke bayazi okwenyaniso abaphathi, ukuba lo nguye uKristu• okwenyaniso? Thina siyamazi lo apho avela khona; xa sukuba ke uKristu• esiza, akukho namnye uya kumazi apho avela khona. Wadanduluka ke ngoko uYesu, efundisa etempileni, wathi, Nina niyandazi, nikwazi nalapho ndivela khona; andizanga ngokwam; uyinyaniso owandithumayo, eningamaziyo nina. Mna ke ndiyamazi; ngokuba ndivela kuye, waye yena endithumile. Babefuna ngoko ukumbamba; kodwa akubangakho namnye umsa isandla, ngokuba ilixa lakhe belingekafiki. Ke kaloku, into eninzi esihlweleni yakholwa kuye; yayisithi, uKristu•, xa athe wafika, angaba uya kwenza imiqondiso emininzi na kunale ayenzileyo lo?
UYOHANE 7:1-31 IBHAYIBHILE (XHO96)
Emva koko uYesu wehla enyuka neGalili. Wayengathandi ukuya kwelakwaJuda, kuba amaJuda ayefuna ukumbulala. Lalisondele itheko lamaJuda ekuthiwa litheko lamaphempe, baza bathi kuye abantakwabo: “Khawumke apha, uye kwelakwaJuda, ukuze nabo abafundi bakho abalapho bazibone izinto ozenzayo. Kaloku umntu ofuna okokuba into ayenzayo yaziwe, akayenzi ngasese. Ukuba uyazenza ezi zinto, zenze zibonwe lihlabathi lonke.” Babesitsho abantakwabo-Yesu kuba nkqu bona babengakholwa kuye. Wathi kubo uYesu: “Nina ningaya nanini na, kodwa elam ithuba lokuya alikafiki. Abantu beli hlabathi bandithiyile mna, kuba ndisoloko ndiyihlaba imikhwa yabo emibi, kodwa nina bayanithanda. Ningaya nina ethekweni apho, kodwa mna andiyi, kuba ayikabi lothuba lifanelekileyo eli kum.” Akuba etshilo wasala eGalili. Bakuba bemkile abantakwabo-Yesu ukuya ethekweni apho, naye waya khona, phofu wahamba ngokuzimela. AmaJuda ayemfuna apho ethekweni, emana ebuzisa ngaye. Kwakugqugulwa ngaye, kukho abathi: “Yindoda leya;” kukho nabathi: “Hayi bo, uyabalahlekisa abantu.” Noko akuzange kubekho bani uthetha ngaye ekuhleni, kuba babesoyika amaJuda. Kwathi itheko selishushu, uYesu waya *endlwini kaThixo, wafundisa. Amangaliswa amaJuda, athi: “Ngaba lo mntu uluthathe phi lonke olu lwazi, engafundanga nje?” Waza uYesu wawaphendula wathi: “Le mfundiso ndiyifundisayo asiyoyam, koko ivela kulowo undithumileyo. Lowo uyenzayo intando kaThixo, uya kuqonda ukuba andithethi okukokwam, koko ndifundisa okuphuma kuThixo. Othetha okukokwakhe uzifunela olwakhe udumo; ke yena ofuna udumo lwalowo umthumileyo unyanisekile, akukho nkohliso kuye. Akaniwiselanga umthetho na uMosis? Kanti akukho namnye kuni uwuthobeleyo. Kungani na ukuba nifune ukundibulala?” Abantu baphendula bathi: “Uphambene! Ngubani ofuna ukukubulala?” Waphendula uYesu, wathi kubo: “Ndenze into yanye *ngoMhla woPhumlo, naza namangaliswa nonke. Khaniphawule le ndawo ngolwaluko lwesiJuda: Ulwaluko lwaqalwa ngamanyange, waza noMosis wawisa umthetho wokuba lubekho. Ngoko niyalùsa nangoMhla wokuPhumla. Ukuba ke umntwana oyinkwenkwe niyamalùsa ngoMhla woPhumlo, ngenxa yokuba nifuna ukugcina umthetho kaMosis, kutheni ke ukuba nikhathazeke kuba ndithe ndaphilisa umntu? Sanukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngobulungisa.” Abanye abantu baseJerusalem babesithi: “Ngaba asinguye na lo bafuna ukumbulala? Kanti nanko ethetha ekuhleni, kungekho bani ubhekisa nento le kuye! Ngaba iinkokheli ziqondile okokuba ngokwenyani lo *nguKrestu? Angathini na lo ukuba nguKrestu simazi nje apho avela khona? UKrestu akufika akuyi kubakho bani waziyo apho avela khona.” Watsho ngelivakalayo uYesu, efundisa *endlwini kaThixo, wathi: “Niba niyandazi, nisazi nalapho ndivela khona! Mna andizizelanga ngokwam. Ndithunywe ngulowo uyinyaniso. Ke nina animazi, kodwa mna ndiyamazi, kuba ndivela kuye, ndithunywe nguye.” Babefuna ukumbamba, kodwa akubangakho bani umchukumisayo, kuba lalingekafiki ixesha. Kodwa abantu abaninzi bâkholwa kuye, besithi: “Xa athe wafika uKrestu, ngaba ebenokwenza imiqondiso engaphezulu na kunale yenziwe ngulo?”
UYOHANE 7:1-31 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Emveni kwezi zinto, wayehamba uYesu kwelaseGalili; kuba ebengathandi ukuhamba kwelakwaYuda; ngokuba amaYuda ebefuna ukumbulala. Ke kaloku, wawukufuphi umthendeleko wamaYuda weminquba. Bathi ngoko kuye abazalwana bakhe, Gqitha apha, uye kwelakwaYuda, ukuze nabafundi bakho bayibone imisebenzi yakho oyenzayo. Kuba akukho namnye wenza into emfihlekweni, abe yena ngokwakhe efuna ukuba sekuhleni. Ukuba uyazenza ezi zinto, zibonakalise ngokwakho kwihlabathi. Kuba nabazalwana bakhe bebengakholwa kuye. Wathi ngoko uYesu kubo, Ixesha lam alikabikho, ke elenu ixesha lihlala lilungile. Ihlabathi alinakunithiya nina; mna ke liyandithiya, ngokuba mna ndingqina ngalo, ukuba imisebenzi yalo ayindawo. Nyukani nina, niye kulo mthendeleko; mna andikanyuki, ndiye kulo mthendeleko; ngokuba ixesha lam alikazaliseki. Akuba ke ezithethile ezi zinto kubo, wahlala kwelaseGalili. Ke, bakuba benyukile abazalwana bakhe, wenyuka naye, waya emthendelekweni, kungekhona ekuhleni, kubusithela. Ayemfuna ngoko amaYuda emthendelekweni, esithi, Uphi na yena? Kwaye kukho ukukrokra okukhulu ngaye ebantwini; inxenye ibisithi, Ulungile; abanye ke besithi, Hayi; ke yena ulahlekisa abantu. Noko ke bekungekho namnye ubethetha ngaye ngokusekuhleni, ngenxa yokoyika amaYuda. Ke kaloku, kwakubon’ ukuba sekuphakathi komthendeleko, wenyuka uYesu waya etempileni, wafundisa. Amangaliswa amaYuda, esithi, Lo mfo ube nolwazi ngani na, engafundanga nje? Wawaphendula uYesu, wathi, Eyam imfundiso asiyam, yeyalowo wandithumayo. Ukuba kukho othi afune ukukwenza ukuthanda kwakhe, woyazi imfundiso le: ukuba iphuma kuThixo, nokuba mna ndithetha okukokwam, kusini na. Lowo uthetha okwakhe, ufuna olulolwakhe uzuko; ke lowo ufuna uzuko lowamthumayo, uyinene yena, akukho kungalungisi kuye. Umthetho aniwunikelwanga na nguMoses? Kanti ke akukho namnye kuni uwugcinayo umthetho; Yini na ukuba nifune ukundibulala? Saphendula isihlwele sathi, Unedemon; ngubani na ofuna ukukubulala? Waphendula uYesu wathi kubo, Ndenze umsebenzi wamnye, namangaliswa ke nonke. uMoses uninike ulwaluko ngenxa yoku; Kungekuba iphume kuMoses, kungenxa yokuba iphuma kooyihlo. Niyalùsa ke nina nangesabatha. Ukuba umntu uyaluswa ngoMhla woPhumlo, ukuze ungaphulwa umthetho kaMosis. Nindijalele na ngokuba ndiphilise umntu, waphila kwaphela, ngesabatha? Musani ukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngomgwebo olungisayo. Babesithi ngoko abathile kwabaseYerusalem, Asinguye na lo bafuna ukumbulala? Niyabona, uthetha ngokuphandle, abathethi nto kuye; bangaba kanti na ke bayazi okwenyaniso abaphathi, ukuba lo nguye uKristu okwenyaniso? Thina siyamazi lo apho avela khona; xa sukuba ke uKristu esiza, akukho namnye uya kumazi apho avela khona. Wadanduluka ngoko uYesu, efundisa etempileni, wathi, Nina niyandazi, nikwazi nalapho ndivela khona; andizanga ngokwam; uyinyaniso owandithumayo, eningamaziyo nina. Ke mna ndiyamazi; ngokuba ndivela kuye, waye yena endithumile. Babefuna ngoko ukumbamba, kodwa akubangakho namnye umsa isandla, ngokuba ilixa lakhe belingekafiki. Ke kaloku, into eninzi esihlweleni yakholwa kuye; yayisithi, uKristu, xa athe wafika, angaba uya kwenza imiqondiso emininzi na kunale ayenzileyo lo?
UYOHANE 7:1-31 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
EMVENI kwezizinto ke wabehamba u‐Yesu e‐Galili: ngokuba ebengavumi ukuhamba e‐Judeya, kuba ama‐Juda ebefuna ukumbulala. Kekaloku umtendeleko wama‐Juda, owamapempe, ubukufupi. Bati ngoko kuye abazalwana bake: Puma apa, uye e‐Judeya, ukuze abadisipile bako nabo bakangele imisebenzi uyenzayo. Ngokuba kungeko mntu owenza into ngasese, nxa afuna ukuba yena ngokwake abe nokwazeka. Ukuba ezizinto uyazenza, zibonakalise kwilizwe. Ngokuba nabazalwana bake bebengakolwa kuye. Wandula wati kubo u‐Yesu; Elam ixesha alikafiki; kodwa elenu ixesha lilungile futi. Ilizwe alingetiye nina: kodwa mua liyanditiya, ngokuba ndinqi̔na ngalo, ukuba imisebenzi yalo ikohlakele. Nina nyukelani kuwo umtendeleko lo: mna andikanyukeli kuwo umtendeleko lo; ngokuba elam ixesha alikazalisekile. Kekaloku akuba etshilo oku, wahlala e‐Galili. Kodwa xeshekweni bebenyuke abazalwana bake, wandula wenyuka naye waya emtendelekweni, bekungesekuhleni, bekunjengokungati kungasese. Abesiti ngoko ama‐Juda amfuna emtendelekweni, ati: Upina yena? Kwaye kuko nokudumzela okuninzi ngaye pakati kwezihlwele: babesiti ke inxenye: Ulungile; babesiti nabanye: Hai: koko alahlekisa isihlwele. Kodwa noko bekungeko mntu obeteta ngaye ekuhleni, ngenxa yokwoyika ama‐Juda. Kekaloku kwakuba kuse kupakati kwomtendeleko, wati u‐Yesu wenyukela etempileni, wafundisa. Aza ati nqa ama‐Juda, esiti: Ute nina lo ukwazi ufundo, engafundanga nje? Wawapendula u‐Yesu, wati: imfundiso yam asi yeyam, yeyalowo wanditumayo. Ukuba umntu uyavuma ukuyenza intando yake, uya kwazi ngayo imfundiso yam, ukuba ivela KUTIXO, ukuba nditeta ngokwam, kusinina. Otetayo ngokwake, uyafuna obake ubungcwalisa; kodwa obufuna ubungcwalisa balowo wamtumayo, yena lo uyinene, kungeko ukungalungi kuye, u‐Mosesi akaninikanga umteto na? kanti akuko namnye kuni owenzayo umteto. Yinina ukuba nifuna ukundibulala? Sapendula isihlwele sati: Unedemoni; ngubanina ofunayo ukukubulala? Wapendula u‐Yesu wati kubo: Ndawenza umsebenzi wamnye, nani niti nqa nonke. Ngenxa yoku u‐Mosesi uninikile ulwaluko, kungekukuba luvela ku‐Mosesi, kukuba luvela koyihlo; nani niti ngemini yesabata nimaluse umntu. Ukuba ukwaluka umntu uyakwamkela ngemini yesabata, ukuze kungapulwa umteto ka‐Mosesi: nindiqumbele na, ngokuba ndimpilisile umntu umzimba wonke ngemini yesabata? Ningagwebi ngokubonakalayo, koko ukugweba okulungileyo kugwebeni. Bandula bati inxenye yabase‐Yerusaleme: Asi nguye na lo, abafuna ukumbulala? Kanti nanku eteta ngokukalipa, bengati luto kuye noko. Kanene abapati baqinisile ukwazi na ukuba lo unguye u‐Kristu ngenyaniso? Koko lo simazi ukuba uvela pina; kodwa u‐Kristu okuya afikayo, akuko mntu owaziyo ukuba uvela pina. Wandula wadanduluka u‐Yesu, efundisa etempileni, esiti nokuti: Ewe mna niyandazi, nokuba ndivela pina niyakwazi; kanti andizanga ngokwam, koko owanditumayo uyinyaniso, eniti nina ningamazi. Kodwa ndiyamazi mna; ngokuba ndivela kuye, kanjalo yena wandituma. Babefuna ngoko ukumbamba: kanti bekungeko mntu owabeka isandla pezu kwake, ngokuba ixeshana lake belingekafikanga. Kodwa abaninzi basesihlweleni bakolwa kuye, bati: u‐Kristu okuya afikayo, woka ayenze na imimangaliso emininzi kulé ayenzileyo lo?