Ke kaloku, kwakuhlwa, behla abafundi bakhe, baya elwandle. Bengenile emkhombeni, baluwela ulwandle, besiya eKapernahum, kwakusekumnyama, waye uYesu engafikanga kubo. Lwaye nolwandle lusilwa, kananjalo kuvuthuza umoya omkhulu. Bakuba ngoko begweqile izitadiya ezingathi zimashumi mabini anantlanu, nokuba zimashumi mathathu, bambona uYesu ehamba phezu kolwandle, esondela ngasemkhombeni; Athi ke yena kubo, Ndim; musani ukoyika. Bathanda ke bona ukumamkela emkhombeni; Ngengomso indimbane leyo, ibimi phesheya kolwandle, yabona ukuba akukho mkhombe wumbi khona apho, ingenguwo lowo bangene kuwo abafundi bakhe, nokuba uYesu akangenanga nabafundi bakhe emkhombeni, wemka nabafundi bakhe, bemka bodwa; (Kodwa kweza eminye imikhombe evela eTibheriya, kufuphi nendawo apho babedle isonka, emva kokuba iNkosi yayibulele) Xa ngoko indimbane yabonayo ukuba uYesu akakho apho nabafundi bakhe, besuka bangena nabo emikhombeni, beza eKapernahum, bemfuna uYesu. Bathe bakumfumana phesheya kolwandle, bathi kuye, Rabhi, ufike nini na apha? Wabaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Anindifuni ngakuba nabona imiqondiso, nindifuna ngokuba nadla kwezaa zonka, nahlutha. Musani ukusebenzela ukudla okutshabalalayo; sebenzelani ukudla okuhlala kuse ebomini obungunaphakade, aya kunipha kona uNyana woMntu; kuba uYise uThixo utywine waqinisela yena lowo. Bathe ngoko kuye, Masenze ntoni na, ukuze sisebenze imisebenzi kaThixo? Waphendula uYesu, wathi kubo, Umsebenzi kaThixo nguwo lo, ukuba nikholwe kuye othunyiweyo nguye. Bathi ngoko kuye, Wenza mqondiso mni na ke ngoko, ukuze sibone, sikholwe nguwe? Usebenza ntoni na? Oobawo bâtya imana entlango; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Wabanika isonka siphuma ezulwini, ukuba badle sona. Uthe ngoko uYesu kubo, Inene, inene, ndithi kuni, AsinguMoses oninike isonka esiphuma ezulwini; nguBawo oninika isonka esiphuma ezulwini, esiyinyaniso. Kuba isonka sikaThixo ngulowo uhla ephuma ezulwini, alinike ubomi ihlabathi. Baza bathi kuye: “Nkosi, khawusinike eso sonka ngamaxa onke. Wathi ke uYesu kubo, Isonka sobomi esi ndim; lowo uzayo kum, akasayi kulamba; lowo ukholwayo kum, akasayi kunxanwa naphakade. Ndithe ke kuni, Nindibonile nokundibona, anakholwa noko. Konke andinikayo uBawo, kuya kuza kum; nozayo kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle; ngokuba ndihle emazulwini, ndingaze kwenza ukuthanda kwam; ndize kwenza ukuthanda kwalowo wandithumayo. Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, kukaBawo: ukuba konke awandinikayo, ndingalahli nento kuko, ndikuvuse ngomhla wokugqibela. Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, ukuthi babe nobomi obungunaphakade bonke abambonayo uNyana, bakholwe kuye; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. Ayemkrokrela ngoko amaYuda, ngokuba wathi, Ndim isonka, esi sehlayo emazulwini. Ayesithi ke, Lo asinguye na kanene uYesu, unyana kaYosefu, esimaziyo thina uyise nonina? Angáthini na ke ngoko ukuthi, Ndihle emazulwini? Waphendula ngoko uYesu wathi kubo, Musani ukukrokra phakathi kwenu. Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. Kubhaliwe ebaprofetini kwathiwa, Baye bonke beya kuba ngabafundiswa bakaThixo; Bonke ngoko abathe beva kuBawo, bafunda kuye, bayeza kum. Kungekuba kukho bani umbonileyo uBawo, ingenguye ovela kuThixo; nguye yedwa ombonileyo uBawo. Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum unobomi obungunaphakade. Ndim isonka sobomi. Ooyihlo bayidla imana leyo entlango, bafile noko. Esi sisonka esihla sivela ezulwini, ukuba umntu akudle, angafi. Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kusinika mna siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi. Abambana ngoko amaYuda phakathi kwawo, esithi, Angathini na lo ukusinika inyama yakhe siyidle? Wathi ngoko uYesu kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. Kuba inyama yam ikukudla, inyaniso; negazi lam liluselo, inyaniso. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, uhleli kum, nam ndihleli kuye. Njengokuba uBawo ophilileyo wandithumayo, ndibe nam ndihleli ngaye uBawo, lowo undidlayo, uya kuphila ngam. Siso eso isonka esehla emazulwini; kungenjengokuba ooyihlo bayidlayo imana, bafa noko. Lowo usidlayo esi sonka, uya kuphila ngonaphakade. Ezi zinto wazithetha endlwini yesikhungu, efundisa eKapernahum. Into eninzi ngoko kubafundi bakhe yakuva yathi, Lilizwi elinqabileyo eli; ngubani na onokuyiva? Esazi uYesu ngaphakathi kwakhe, ukuba bayakrokra lilo abafundi bakhe, wathi kubo, Kuyanikhubekisa na oku? Hi na ke, ukuba nithe nambona uNyana woMntu enyukela apho ebefudula ekhona? Ngumoya odlisa ubomi; inyama yona ayincedi lutho. Amazwi la ndiwathethayo kuni mna angumoya, abubomi. Kodwa kukho abathile kuni abangakholwayo. Kuba ebesazi kwasekuqalekeni uYesu, ukuba ngoobani na ababengakholwa, nokuba ngubani na oya kumngcatsha. Wayesithi, Kungenxa yoku ndatshoyo kuni ukuthi, Akukho namnye unako ukuza kum, ukuba akathanga akunikwe nguBawo. Ukususela ngelo xesha into eninzi yabafundi bakhe yabuya umva, ayaba sahamba naye. Wathi ngoko uYesu kwabalishumi elinababini, Nani nifuna ukumka, yini na? Wamphendula ngoko uSimon Petros wathi, Nkosi, sosuka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade. Nathi sikholiwe, sazile, ukuba wena unguye uKristu, uNyana kaThixo ophilileyo. Wabaphendula uYesu wathi, Andininyulanga na mna, nina balishumi elinababini? Ukanti omnye kuni ungumtyholi? Wayethetha ngoYuda Sikariyoti kaSimon, kuba lowo ibinguye obeza kumngcatsha, engomnye weshumi elinababini.