UYOHANE 6:16-71
UYOHANE 6:16-71 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, kuthe kwakuhlwa, behla abafundi bakhe, baya elwandle. Bengenile ke emkhombeni, baluwela ulwandle, besiya eKapernahum; kwakusekumnyama, waye uYesu engafikanga kubo. Lwaye nolwandle lusilwa, kananjalo kuvuthuza umoya omkhulu. Bakuba ngoko begweqile izitadiya• ezingathi zimashumi mabini anazihlanu, nokuba mathathu, bambona uYesu ehamba phezu kolwandle, esiza kubo kufuphi nomkhombe; basuka boyika. Athi ke yena kubo, Ndim; musani ukoyika. Babethanda ngoko ukumamkelela emkhombeni; waza kwaoko umkhombe waba semhlabeni lowo babesiya kuwo. Ngengomso indimbane leyo, ìbimi phesheya kolwandle, yakuba ibonile ukuba akukho mkhonjana wumbi khona, ngulowo mnye wodwa babengene kuwo abafundi bakhe; nokuba uYesu akangenanga nabafundi bakhe emkhonjaneni lowo, bemké bodwa abafundi bakhe; nokuba kuzé eminye imikhonjana ivela eTibheriya, kufuphi nendawo apho babedle isonka khona, yakuba ibulele iNkosi: xeshikweni ke indimbane yabonayo ukuba uYesu akakho apho nabafundi bakhe, besuka bangena nabo emikhombeni, beza eKapernahum, bemfuna uYesu. Bathe bakumfumana phesheya kolwandle, bathi kuye, Rabhi,• ufike nini na apha? Wabaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Anindifuni ngakuba nabona imiqondiso; nindifuna ngokuba nadla kwezo zonka, nahlutha. Musani ukusebenzela ukudla okutshabalalayo; sebenzelani ukudla okuhlala kuse ebomini obungunaphakade, aya kunipha kona uNyana woMntu; kuba uYise uThixo utywine waqinisela yena lowo. Bathe ngoko kuye, Masenze ntoni na, ukuze sisebenze imisebenzi kaThixo? Waphendula uYesu, wathi kubo, Umsebenzi kaThixo nguwo lo, ukuba nikholwe kuye othunyiweyo nguye. Bathi ngoko kuye, Wènza mqondiso mni na wena, ukuze sibone, sikholwe nguwe? Usebenza ntoni na? Oobawo bethu bona badla imana entlango, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Wabanika isonka siphuma ezulwini, ukuba badle sona. Uthe ngoko uYesu kubo, Inene, inene, ndithi kuni, AsinguMoses oninike isonka esiphuma ezulwini; nguBawo oninika isonka esiphuma ezulwini, esiyinyaniso. Kuba isonka sikaThixo sesi sehlayo ezulwini, silinike ubomi ihlabathi. Bathi ke ngoko kuye, Nkosi, sinike eso sonka ngamaxa onke. Wathi ke uYesu kubo, Isonka sobomi esi ndim; lowo uzayo kum, akasayi kulamba; lowo ukholwayo kum, akasayi kunxanwa naphakade. Senditshilo kuni ukuthi, Nindibonile nokundibona, anikholwa noko. Konke andinikayo uBawo, kuya kuza kum; nozayo kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle; ngokuba ndihle emazulwini, ndingàze kwenza ukuthanda kwam; ndizé kwenza ukuthanda kwalowo wandithumayo. Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, kukaBawo: ukuba konke awandinikayo, ndingalahli nento kuko, ndikuvuse ngomhla wokugqibela. Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, ukuthi babe nobomi obungunaphakade bonke abambonayo uNyana, bakholwe kuye; ndandiya kubavusa mna ngomhla wokugqibela. Ayemkrokrela ngoko amaYuda, ngokuba wathi, Ndim isonka, esi sehlayo emazulwini. Ayesithi ke, Lo asinguye na kanene uYesu, unyana kaYosefu, esimaziyo thina uyise nonina? Angáthini na ke ngoko yena ukuthi, Ndihle emazulwini? Waphendula ngoko uYesu wathi kubo, Musani ukukrokra ngaphakathi kwenu. Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. Kubhaliwe ebaprofetini kwathiwa, Baye bonke beya kuba ngabafundiswa bakaThixo; bonke ngoko abathe beva kuBawo, bafunda kuye, bayeza kum. Kungekuba kukho bani umbonileyo uBawo, ingenguye ovela kuThixo; nguye yedwa ombonileyo uBawo. Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum unobomi obungunaphakade. Ndim isonka sobomi. Ooyihlo bayidla imana leyo entlango, bafile noko. Isonka sona esihla emazulwini sesi, athi ubani akusidla, angafi. Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kumnika sona mna, siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi. Ngoko amaYuda ayesilwa phakathi kwawo, esithi, Angáthini na lo ukusinika inyama yakhe siyidle? Wathi ngoko uYesu kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. Kuba inyama yam ikukudla, inyaniso; negazi lam liluselo, inyaniso. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, uhleli kum, nam ndihleli kuye. Njengoko uBawo ophilileyo wandithumayo, ndibe nam ndiphilile ngenxa enoBawo, lowo undidlayo, kwayena uya kuphila ngam. Siso eso isonka esehla emazulwini; kungenjengokuba ooyihlo bayidlayo imana, bafa noko. Lowo usidlayo esi sonka, uya kuphila ngonaphakade. Ezi zinto wazithetha endlwini yesikhungu, efundisa eKapernahum. Into eninzi ngoko kubafundi bakhe yakuva yathi, Lilizwi elinqabileyo eli; ngubani na onako ukuliva? Ke kaloku, esazi uYesu ngaphakathi kwakhe, ukuba bayakrokra lilo abafundi bakhe, wathi kubo, Kuyanikhubekisa na oku? Hi na ke, ukuba nithe nambona uNyana woMntu enyukela apho ebefudula ekhona? Ngumoya odlisa ubomi; inyama yona ayincedi lutho. Amazwi la ndiwathethayo kuni mna angumoya, abubomi. Kukho abathile kuni abangakholwayo. Kuba ebesazi kwasekuqalekeni uYesu, ukuba ngoobani na ababengakholwa, nokuba ngubani na oya kumnikela. Wayesithi, Kungenxa yoku ndatshoyo kuni ukuthi, Akukho namnye unako ukuza kum, ukuba akathanga akunikwe nguBawo. Ngenxa yoko into eninzi yabafundi bakhe yabuya umva, ayaba sahamba naye. Wathi ngoko uYesu kwabalishumi elinababini, Nani nifuna ukumka, yini na? Wamphendula ngoko uSimon Petros wathi, Nkosi, sosuka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade. Nathi sikholiwe, sazile, ukuba wena unguye uKristu,• uNyana kaThixo ophilileyo. Wabaphendula uYesu wathi, Andininyulanga na mna, nina shumi linababini? Ukanti omnye kuni ungumtyholi. Wayethetha ke ngoYuda Sikariyoti kaSimon, kuba lowo ibinguye obeza kumngcatsha, engomnye weshumi elinababini.
UYOHANE 6:16-71 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwathi kwakuhlwa abafundi bakaYesu behla baya elwandle, bakhwela isikhitshana, baluwela ulwandle, besiya eKapernahum. Nangona kwakusebusuku uYesu wayengekho kubo. Amanzi olwandle ayesilwa, kuba kwakuvuthuza umoya. Kwathi, bakuba begqibe iikhilomitha ezintlanu okanye ezintandathu bebheqa isikhitshana, babona nanko uYesu ehamba phezu kwamanzi olwandle, esondela. Boyika ke, kodwa uYesu wathi kubo: “Ndim; sanukoyika.” Bamamkela ke esikhitshaneni, kwathi kwangoko isikhitshana safika kuloo ndawo babesiya kuyo. Ngengomso indimbane yabantu yayisekho ngaphesheya koLwandle lwaseGalili. Abantu aba babebone isikhitshana sasinye kuphela, baye babesazi okokuba uYesu wayengakhwelanga nabafundi bakhe, kuba bona babehambe bebodwa. Kodwa ezinye izikhitshana, ezazivela eTibheriya, zafika ngakuloo ndawo isihlwele sasityela kuyo isonka emva kokuba iNkosi yayibulele. Yakubona ke indimbane okokuba uYesu akakho apho, bengekho nabafundi bakhe, yakhwela kwezo zikhitshana, yaya kumfuna eKapernahum. Abo bantu bamfumana uYesu ngaphesheya kolwandle, bathi kuye: “Mfundisi, ngaba ufike nini na apha?” Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, anizanga kundifuna kuba nibone imiqondiso endiyenzayo; nindifuna kuba nitye esaa sonka nahlutha. Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo. Oko kutya niya kukunikwa nguye uNyana woLuntu, kuba uYise, uThixo, wamgunyazisela oko.” Ke ngoko bathi kuye: “Misebenzi mini uThixo afuna siyenze?” Waphendula uYesu, wathi kubo: “Umsebenzi uThixo afuna niwenze ngulo wokuba nizinikele nikholwe kulowo uThixo amthumileyo.” Ke bona bathi kuye: “Wena ngaba wenza mqondiso mni na, ukuze sibone sikholwe kuwe? Yintoni oyenzayo? Oobawo bâtya *imana entlango, njengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi: ‘Wabanika batya isonka esivela ezulwini.’ ” Wathi ke uYesu kubo: “Ndithi kuni, inene, asinguye uMosis owaninika isonka esivela ezulwini; nguBawo oninika esona sonka sisiso esivela ezulwini. Isonka esivela kuThixo ngulowo wehlayo evela ezulwini, eze kulinika ubomi ihlabathi.” Baza bathi kuye: “Nkosi, uzungadinwa nanini na ukusipha eso sonka.” Wathi kubo uYesu: “Ndim isonka sobomi. Ozayo kum akasoze alambe, nokholwayo kum akasoze anxanwe. “Ke nina, njengoko senditshilo, nindibonile nokundibona, naza noko anakholwa. Bonke endibanikwe nguBawo, baya kuza kum. Ke lowo uzayo kum andingekhe ndingamamkeli, kuba ndehla ezulwini ndingezanga kwenza eyam intando, koko ndize kwenza intando yalowo wandithumayo. Intando yalowo wandithumayo kukuthi kungalahleki namnye kwabo andinika bona, koko ndibavuse ekufeni bonke ngomhla wokugqibela. Okufunwa nguBawo kukuba wonke ombonayo uNyana akholwe kuye, abe nobomi obungapheliyo; ndaye ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela.” Aza amaJuda ambombozela, kuba uYesu ethe nguye isonka esehla sivela ezulwini, athi: “Lo mfo akanguye na uYesu, unyana kaJosefu? Sibazi nje ke abazali bakhe, angathini ngoku ukuthi wehla ezulwini?” Waphendula uYesu wathi: “Sanukundikrokrela. Akukho namnye unokuza kum engathanga uBawo owandithumayo amtsalele kum; kwaye lowo ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela. *Abashumayeli bâbhala bathi: ‘Bonke baya kuba ngabafundisiweyo nguThixo.’ Bonke ke abathe bamphulaphula uBawo, baza bafunda kuye, bayeza kum. Xa nditshoyo ke andithethi ukuthi kukho bani wakha wambona uBawo. Akukho namnye wakha wambona uBawo, ngaphandle kwalowo uvela kuThixo. “Ndithi kuni, inene, lowo ukholwayo unabo ubomi obungapheliyo. Ndim isonka sobomi. Ooyihlo batya *imana entlango, kodwa bafa. Ke sona isonka esihla ezulwini, seso athi ubani akusitya, angafi. Ndim isonka esinobomi, esihlileyo sivela ezulwini. Ukuba ubani uthe wasitya esi sonka, wophila ngonaphakade. Isonka endiya kumnika sona ngumzimba wam, endiwunikelayo ukuze ihlabathi liphile.” AmaJuda ke aphikisana ngamandla, esithi: “Angathini lo mfo ukusityisa umzimba wakhe?” Waza uYesu wathi kuwo: “Ndithi kuni, inene, ukuba anithanga niwutye umzimba wakhe *uNyana woLuntu, nilisele negazi lakhe, aninabo ubomi. Lowo uwutyayo umzimba wam, alisele negazi lam, unobomi obungonaphakade, ndaye ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela. Umzimba wam kokona kutya, negazi lam sesona siselo. Lowo uwutyayo umzimba wam, alisele negazi lam, yena uhlala kum, nam ndihlala kuye. UBawo uSobomi wandithuma, ndaza ndangonobomi ngaye. Ngokukwanjalo othe wawutya umzimba wam uya kuba nobomi ngam. Siso ke eso isonka esehla sivela ezulwini; sibe singafani nesiya ooyihlo bâsityayo, baza bafa noko. Osityayo esi sonka wodla ubomi ngonaphakade.” Ezi zinto uYesu wazithetha xa wayefundisa eKapernahum *endlwini yesikhungo. Bathi bakuziva, abaninzi kubafundi bakhe bathi: “Iyaxakanisa le ntetho. Ngubani onokuyinyamezela le nto?” UYesu wayesazi ukuba abafundi bakhe bayakrokra, waza wathi kubo: “Iyanikhubekisa le ndawo? Ngaba nothini na nakumbona *uNyana woLuntu enyukela apho wayevela khona? NguMoya onika ubomi; ke wona amandla omntu akancedi lutho ekunikeni ubomi. Amazwi endiwathethileyo kuni ngakaMoya, anika ubomi. Kanti ke noko basekho kuni abangakholwayo.” Kaloku uYesu wayebazi kwangaphambili abo bangakholwayo, emazi kwanalowo wayeza kumngcatsha. Waza ke wathi: “Kungoko nditshilo kuni ukuthi akukho namnye unokuza kum engakunikwanga nguBawo ukwenjenjalo.” Ukususela ngoko into eninzi yabafundi bakaYesu yarhoxa, ayaba sahamba naye. Wathi ke uYesu kwabo bafundi bakhe balishumi elinambini: “Nithini na nina? Ngaba nani nifuna ukumka?” Waza waphendula uSimon Petros wathi: “Nkosi, singaya kubani, inguwe nje onamazwi angawobomi obungapheliyo? Thina siyakholwa sisazi okokuba nguwe onguYedwa kaThixo.” Wabaphendula uYesu wathi: “Beninganyulwanga ndim na, nina balishumi elinambini? Kanti omnye kuni aba ungumtyholi.” Wayethetha uJudas, unyana kaSimon Sikariyoti, kuba nangona wayengomnye wabafundi abalishumi elinambini, wayeza kungcatsha uYesu.
UYOHANE 6:16-71 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, kwakuhlwa, behla abafundi bakhe, baya elwandle. Bengenile emkhombeni, baluwela ulwandle, besiya eKapernahum, kwakusekumnyama, waye uYesu engafikanga kubo. Lwaye nolwandle lusilwa, kananjalo kuvuthuza umoya omkhulu. Bakuba ngoko begweqile izitadiya ezingathi zimashumi mabini anantlanu, nokuba zimashumi mathathu, bambona uYesu ehamba phezu kolwandle, esondela ngasemkhombeni; Athi ke yena kubo, Ndim; musani ukoyika. Bathanda ke bona ukumamkela emkhombeni; Ngengomso indimbane leyo, ibimi phesheya kolwandle, yabona ukuba akukho mkhombe wumbi khona apho, ingenguwo lowo bangene kuwo abafundi bakhe, nokuba uYesu akangenanga nabafundi bakhe emkhombeni, wemka nabafundi bakhe, bemka bodwa; (Kodwa kweza eminye imikhombe evela eTibheriya, kufuphi nendawo apho babedle isonka, emva kokuba iNkosi yayibulele) Xa ngoko indimbane yabonayo ukuba uYesu akakho apho nabafundi bakhe, besuka bangena nabo emikhombeni, beza eKapernahum, bemfuna uYesu. Bathe bakumfumana phesheya kolwandle, bathi kuye, Rabhi, ufike nini na apha? Wabaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Anindifuni ngakuba nabona imiqondiso, nindifuna ngokuba nadla kwezaa zonka, nahlutha. Musani ukusebenzela ukudla okutshabalalayo; sebenzelani ukudla okuhlala kuse ebomini obungunaphakade, aya kunipha kona uNyana woMntu; kuba uYise uThixo utywine waqinisela yena lowo. Bathe ngoko kuye, Masenze ntoni na, ukuze sisebenze imisebenzi kaThixo? Waphendula uYesu, wathi kubo, Umsebenzi kaThixo nguwo lo, ukuba nikholwe kuye othunyiweyo nguye. Bathi ngoko kuye, Wenza mqondiso mni na ke ngoko, ukuze sibone, sikholwe nguwe? Usebenza ntoni na? Oobawo bâtya imana entlango; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Wabanika isonka siphuma ezulwini, ukuba badle sona. Uthe ngoko uYesu kubo, Inene, inene, ndithi kuni, AsinguMoses oninike isonka esiphuma ezulwini; nguBawo oninika isonka esiphuma ezulwini, esiyinyaniso. Kuba isonka sikaThixo ngulowo uhla ephuma ezulwini, alinike ubomi ihlabathi. Baza bathi kuye: “Nkosi, khawusinike eso sonka ngamaxa onke. Wathi ke uYesu kubo, Isonka sobomi esi ndim; lowo uzayo kum, akasayi kulamba; lowo ukholwayo kum, akasayi kunxanwa naphakade. Ndithe ke kuni, Nindibonile nokundibona, anakholwa noko. Konke andinikayo uBawo, kuya kuza kum; nozayo kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle; ngokuba ndihle emazulwini, ndingaze kwenza ukuthanda kwam; ndize kwenza ukuthanda kwalowo wandithumayo. Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, kukaBawo: ukuba konke awandinikayo, ndingalahli nento kuko, ndikuvuse ngomhla wokugqibela. Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, ukuthi babe nobomi obungunaphakade bonke abambonayo uNyana, bakholwe kuye; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. Ayemkrokrela ngoko amaYuda, ngokuba wathi, Ndim isonka, esi sehlayo emazulwini. Ayesithi ke, Lo asinguye na kanene uYesu, unyana kaYosefu, esimaziyo thina uyise nonina? Angáthini na ke ngoko ukuthi, Ndihle emazulwini? Waphendula ngoko uYesu wathi kubo, Musani ukukrokra phakathi kwenu. Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. Kubhaliwe ebaprofetini kwathiwa, Baye bonke beya kuba ngabafundiswa bakaThixo; Bonke ngoko abathe beva kuBawo, bafunda kuye, bayeza kum. Kungekuba kukho bani umbonileyo uBawo, ingenguye ovela kuThixo; nguye yedwa ombonileyo uBawo. Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum unobomi obungunaphakade. Ndim isonka sobomi. Ooyihlo bayidla imana leyo entlango, bafile noko. Esi sisonka esihla sivela ezulwini, ukuba umntu akudle, angafi. Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kusinika mna siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi. Abambana ngoko amaYuda phakathi kwawo, esithi, Angathini na lo ukusinika inyama yakhe siyidle? Wathi ngoko uYesu kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. Kuba inyama yam ikukudla, inyaniso; negazi lam liluselo, inyaniso. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, uhleli kum, nam ndihleli kuye. Njengokuba uBawo ophilileyo wandithumayo, ndibe nam ndihleli ngaye uBawo, lowo undidlayo, uya kuphila ngam. Siso eso isonka esehla emazulwini; kungenjengokuba ooyihlo bayidlayo imana, bafa noko. Lowo usidlayo esi sonka, uya kuphila ngonaphakade. Ezi zinto wazithetha endlwini yesikhungu, efundisa eKapernahum. Into eninzi ngoko kubafundi bakhe yakuva yathi, Lilizwi elinqabileyo eli; ngubani na onokuyiva? Esazi uYesu ngaphakathi kwakhe, ukuba bayakrokra lilo abafundi bakhe, wathi kubo, Kuyanikhubekisa na oku? Hi na ke, ukuba nithe nambona uNyana woMntu enyukela apho ebefudula ekhona? Ngumoya odlisa ubomi; inyama yona ayincedi lutho. Amazwi la ndiwathethayo kuni mna angumoya, abubomi. Kodwa kukho abathile kuni abangakholwayo. Kuba ebesazi kwasekuqalekeni uYesu, ukuba ngoobani na ababengakholwa, nokuba ngubani na oya kumngcatsha. Wayesithi, Kungenxa yoku ndatshoyo kuni ukuthi, Akukho namnye unako ukuza kum, ukuba akathanga akunikwe nguBawo. Ukususela ngelo xesha into eninzi yabafundi bakhe yabuya umva, ayaba sahamba naye. Wathi ngoko uYesu kwabalishumi elinababini, Nani nifuna ukumka, yini na? Wamphendula ngoko uSimon Petros wathi, Nkosi, sosuka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade. Nathi sikholiwe, sazile, ukuba wena unguye uKristu, uNyana kaThixo ophilileyo. Wabaphendula uYesu wathi, Andininyulanga na mna, nina balishumi elinababini? Ukanti omnye kuni ungumtyholi? Wayethetha ngoYuda Sikariyoti kaSimon, kuba lowo ibinguye obeza kumngcatsha, engomnye weshumi elinababini.
UYOHANE 6:16-71 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwati kwakuba kuhlwile, behla abadisipile bake baya elwandle, bangena enqanaweni, bahamba bewela ulwandle ngase‐Kapenayume. Kwabesekumnyama ke, waye u‐Yesu ebengekafikile kubo. Kanjalo ulwandle belusilwa, umoya omkulu uquta nje. Kwandul’ ukuti, bakuba bebequ̔bile ngemipini izitadiya zanga zimashumi mabini anazihlanu umhlaumbi zimashumi matatu, babona u‐Yesu ehamba pezu kwolwandle, esiza kufupi nenqanawa: basuka boyika. Kodwa wati kubo: Ndim, musani kwoyika. Bebetanda ngoko ukumamkela enqanaweni; yaza kwa oko inqanawa yabako ngakulomhlaba abebehambela kuwo. Ngomnye umhla, isihlwele esibe simi pesheya kwolwandle, sakubona ukuba bekungeko kona omnye umkombe, bekuko lowo bangena kuwo abadisipile bake kwapela, nokuba u‐Yesu akaya kunye nabadisipile bake emkonjeni lowo, koko abadisipile bake bemkayo bodwa; (kodwa noko yeza eminye imikombe ivela e‐Tiberiyasi, kufupi nalondawo apo batya isonka kona, yakuba ibibulele INKOSI;) xeshekweni ngoko sabona isihlwele ukuba u‐Yesu akako kona, kwa nabadisipile bake, bangena nabo ezinqanaweni, beza e‐Kapenayume, bemfuna u‐Yesu. Baza bakumfumana pesheya kwolwandle bati kuye: Rabi! ufike ninina apa? Wabapendula u‐Yesu wati: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Niyandifuna, kungengokuba nabona imimangaliso, kungokuba nibe nisitya kwezozonka, nahluta nokuhluta. Ningasebenzeli okokutya okutshabalalayo, koko sebenzelani okokutya okuhlalayo kude kube bubomi obungunapakade, eniya kupiwa kona ngunyana wesintu: ngokuba lo UYISE wamncamatiselayo, kwa UTIXO. Bandula bati kuye: Siya kwenza nto nina, ukuze sisebenze imisebenzi KATIXO? Wapendula u‐Yesu wati kubo: Nguwo lo umsebenzi KATIXO, wokuba nikolwe kulowo watunywayo nguye. Bati ngoko kuye: Ngumqondiso mnina uwenzayo wena pofu, ukuze sibone sikolwe kuwe? yinto nina uyisebenzayo? Obawo betu batya imana entlango; njengokuba kuba̔liwe ngokuti: Wabanika isonka sivela ezulwini ukuba batye. Wati ngoko kubo u‐Yesu: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Asi ngu‐Mosesi oninikileyo esosonka sivela ezulwini; NGUBAWO oninikayo esosonka sivela ezulwini esiyinyaniso. Ngokuba isonka SIKATIXO seso sihlayo ezulwini, esinika ubomi elizweni. Bandula bati kuye: Nkosi! sipe isonka esi kube ngamaxesha onke. Waza wati kubo u‐Yesu: Mna ndisiso isonka sobomi: ozayo kum, akasayi kuti alambe: nokolwayo kum, akasayi kuti anxanwe napakade. Koko ndatshoyo kuni ukuti senindibonile, kanti anikolwa. Konke endikupiwa NGUBAWO, kuya kuza kum; nalowo uzayo kum andisayi kumlahla. Ngokuba ndihlile ezulwini, kungekukuba ndiyenze intando yam, kukuba ndiyenze intando yalowo wanditumayo. Yiyo ke le intando KABAWO owanditumayo, yokuba konke endikupiwe nguye ndingalahlekani nanto kuko, nditi ndikuvuse ngomhla wokupela. Yiyo ke le intando yalowo wanditumayo, yokuba lowo usukuba embona UNYANA, ekolwa nokukolwa kuye, abe nobomi obungunapakade, nokuba ndimvuse mna ngomhla wokupela. Andula aṙoṙa ama‐Juda ngaye, kuba ebete: Mna ndisiso isonka esehlayo ezulwini. Aza ati: Lo asi nguye na u‐Yesu unyana ka‐Josefe, osibaziyo uyise nonina? kuyinina pofu ukuba uti lo: Ndihlile ezulwini? Wapendula ngoko u‐Yesu wati kuwo: Ningaṙoṙi pakati kwenu. Akuko mntu ongezayo kum, xeshekweni UBAWO owanditumayo angamtsali: ndandiya kuti mna ndimvuse ngomhla wokupela. Kuba̔liwe ebaprofiteni ukuti: Boba bonke befundiswa NGUTIXO. Ngako osukuba evile KUBAWO, wafunda nokufunda, nyeza kum. Anditsho ukuba kuko ombonileyo UBAWO; lowo uvela KUTIXO, nguye lo ombonileyo UYISE kupela. Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Okolwayo kum, uba nobomi obungunapakade. Mna ndisiso isonka sobomi. Oyihlo benu batya imana entlango, bafa nokufa. Siso esi isonka esihlayo ezulwini, sokuba umntu atye kuso, angafi nokufa. Mna ndisiso isonka esipilileyo, eso sehlayo ezulwini: ukuba umntu uyatya kuso esisonka, wodla ubomi kude kube ngunapakade: nakanjalo isonka endiya kusinika mna, siyiyo inyama yam, endiya kuyinikela ubomi belizwe. Andula apikisana ama‐Juda pakati kwawo, esiti: Angati nina lo ukusinika inyama yake siyitye? Wati ngoko kuwo u‐Yesu: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Ukuba inyama yonyana wesintu aniyityi, negazi lake aniliseli, aninabo ubomi kuni. Oti inyama yam ayidle, negazi lam alisele, uba nobomi obungunapakade; ndandiya kuti mna ndimvuse ngomhla wokupela. Ngokuba inyama yam ikukutya ngenyaniso, negazi lam likukusela ngenyaniso. Oti inyama yam ayidle, negazi lam alisele, uyahlala kum, nam ndiyahlala kuye. Njengokuba UBAWO opilileyo wanditumayo, nam ndipila ngetuba LIKABAWO; kwa njalo lowo udlayo mna, uya kupila naye ngetuba lam. Siso esi isonka esehlayo ezulwini: kungenjengokuba oyihlo benu batya imana, bafa nokufa: osidlayo esisonka, uya kupila kude kube ngunapakade. Ezizinto waziteta endlwini yentlanganiso, efundisa e‐Kapenayume. Ngako abaninzi kubo abadisipile bake, bakuva oku, bati: Esi isiteto silukuni; singaviwa ngubanina? Kodwa u‐Yesu esazi pakati kwake ukuba abadisipile bake bayaṙoṙa ngako oku, wati kubo: Oku kunixakanisa na? Pofu xeshekweni nibona unyana wesintu enyukela apo ebefudula ekona — ? Nguwo umoya owenza kudliwe ubomi; yona inyama ayincedi luto: lomazwi endiwatetayo kuni mna, ngawo angumoya nabubomi. Koko bako inxenye kuni abangakolwayo. Ngokuba ebesazi u‐Yesu kwa sekuqaleni, ukuba bangobanina abangakolwayo, nokuba ungubanina oya kumngcatsha. Waza wati: Ngenxa yoku nditshilo kuni ukuti: Akuko mntu ongezayo kum, xeshekweni kunganikwanga kuye NGUBAWO. Emveni kwoku abaninzi babadisipile bake baya ngomva, ababi sahamba naye. Wati ngoko u‐Yesu kubo abalishumi linababini: Nani niyafuna ukumka na? Wandula wati u‐Simone Petrosi ukumpendula: Nkosi! siya kuya kubanina? unawo amazwi obomi obungunapakade. Kanjalo tina sikoliwe sazi nokwazi ukuba wena unguye u‐Kristu, unyana KATIXO opilileyo. Wati u‐Yesu ukubapendula: Andaninyula na nina balishumi linababini? kanti kuni omnye ungoka‐Satane. Wayesitsho ngo‐Jude Sikariyoti unyana ka‐Simone: ngokuba ebenguye obeza kumngcatsha, engomnye kubo abalishumi linababini.