Kwakuhlwa ngoko, ngolokuqala usuku lweveki, zakubon’ ukuba iingcango zivaliwe, apho babehlanganisene khona abafundi, ngenxa yokoyika amaYuda, wafika uYesu wema phakathi, wathi kubo, Uxolo malube nani. Akuba etshilo wababonisa izandla necala lakhe. Bavuya ngoko abafundi bakuyibona iNkosi. Waphinda ngoko uYesu wathi kubo, Uxolo malube nani; njengokuba uBawo endithumile mna, nam ndiyanithuma nina. Akuba etshilo wabaphefumlela, wathi kubo, Yamkelani uMoya oyiNgcwele; abazono nithe nazixolela, bazixolelwe; nabazono nithe nazibamba, zibambekile. Kodwa uTomas, omnye kwabalishumi elinababini, okuthiwa nguDidimo, wayengenabo oko wafikayo uYesu. Bathi ngoko kuye abanye abafundi, Siyibonile iNkosi. Wathi ke yena kubo, Ukuba andithanga ndilibone inxeba lezikhonkwane ezandleni zayo, ndiwufake umnwe wam enxebeni lezikhonkwane, ndisifake isandla sam ecaleni layo, andisayi kukholwa. Baye emveni kweentsuku ezisibhozo bekwangaphakathi abafundi bakhe, wayenabo noTomas. Afike uYesu, zakubon’ ukuba zivaliwe iingcango, wema phakathi, athi, Uxolo malube nani. Aze athi kuTomas, Ethe apha umnwe wakho, uzibone izandla zam; khawusondeze apha isandla sakho, usifake ecaleni lam; musa ukuba ngongakholwayo, yiba ngokholwayo. Waphendula uTomas, wathi kuye, Nkosi yam, Thixo wam! Athi uYesu kuye, Ngokuba undibonile, Tomas, ukholiwe. Banoyolo abo bangabonanga, bakholwa noko. Mininzi ke okunene neminye imiqondiso awayenzayo uYesu emehlweni abafundi bakhe, engabhalwanga kuyo le ncwadi; Kodwa le ibhalelwe ukuze nikholwe ukuba uYesu unguye uKristu, uNyana kaThixo, nokuze nithi, nikholwa, nibe nabo ubomi egameni lakhe.