UYOHANE 20:19-31
UYOHANE 20:19-31 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwakuhlwa ngoko, ngolokuqala usuku lweveki, zakubon’ ukuba iingcango zivaliwe, apho babehlanganisene khona abafundi, ngenxa yokoyika amaYuda, wafika uYesu wema phakathi, wathi kubo, Uxolo malube nani. Akuba etshilo wababonisa izandla necala lakhe. Bavuya ngoko abafundi bakuyibona iNkosi. Waphinda ngoko uYesu wathi kubo, Uxolo malube nani; njengokuba uBawo endithumile mna, nam ndiyanithuma nina. Akuba etshilo wabaphefumlela, wathi kubo, Yamkelani uMoya oyiNgcwele; abazono nithe nazixolela, bazixolelwe; nabazono nithe nazibamba, zibambekile. Kodwa uTomas, omnye kwabalishumi elinababini, okuthiwa nguDidimo, wayengenabo oko wafikayo uYesu. Bathi ngoko kuye abanye abafundi, Siyibonile iNkosi. Wathi ke yena kubo, Ukuba andithanga ndilibone inxeba lezikhonkwane ezandleni zayo, ndiwufake umnwe wam enxebeni lezikhonkwane, ndisifake isandla sam ecaleni layo, andisayi kukholwa. Baye emveni kweentsuku ezisibhozo bekwangaphakathi abafundi bakhe, wayenabo noTomas. Afike uYesu, zakubon’ ukuba zivaliwe iingcango, wema phakathi, athi, Uxolo malube nani. Aze athi kuTomas, Ethe apha umnwe wakho, uzibone izandla zam; khawusondeze apha isandla sakho, usifake ecaleni lam; musa ukuba ngongakholwayo, yiba ngokholwayo. Waphendula uTomas, wathi kuye, Nkosi yam, Thixo wam! Athi uYesu kuye, Ngokuba undibonile, Tomas, ukholiwe. Banoyolo abo bangabonanga, bakholwa noko. Mininzi ke okunene neminye imiqondiso awayenzayo uYesu emehlweni abafundi bakhe, engabhalwanga kuyo le ncwadi; Kodwa le ibhalelwe ukuze nikholwe ukuba uYesu unguye uKristu, uNyana kaThixo, nokuze nithi, nikholwa, nibe nabo ubomi egameni lakhe.
UYOHANE 20:19-31 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngokuhlwa ngaloo mini yeCawe abafundi babehlangene, bezivalile iingcango kuba besoyika amaJuda. Wafika uYesu, wema phakathi kwabo, wathi: “Uxolo malube nani.” Etshilo wababonisa izandla zakhe nephango lakhe. Baza bafikelwa luvuyo abafundi bakuyibona iNkosi. Waphinda wathi kubo uYesu: “Uxolo malube nani. Njengokuba uBawo endithumile mna, nani ndiyanithuma.” Akuba etshilo ke wabaphefumlela, wathi: “Yamkelani uMoya oyiNgcwele. Bonke abantu enibaxolelayo izono zabo baya kuxolelwa; kanti bonke eningabaxoleliyo abayi kuxolelwa.” UTomas, omnye wabafundi abalishumi elinambini, lo kuthiwa nguWele, wayengekho phakathi kwabafundi ukufika kukaYesu kubo. Ke ngoko abanye abafundi bathi kuye: “Siyibonile iNkosi!” Kodwa yena wathi kubo: “Ndingekawaboni nje amanxeba ezikhonkwane ezandleni zayo, ndifake umnwe emanxebeni ayo, nesandla sam ndisifake ephangweni layo, andisoze ndikholwe.” NgeCawe elandelayo, behlangene kwakhona endlwini abafundi bakaYesu, ekho noTomas, wafika uYesu, iingcango zivaliwe, wathi: “Uxolo malube nani.” Waza wathi kuTomas: “Faka apha umnwe wakho, uzibone izandla zam. Solule isandla sakho, usifake ephangweni lam. Yeka ukungakholwa oku! Kholwa!” Waphendula uTomas wathi kuye: “Nkosi yam! Thixo wam!” Wathi kuye uYesu: “Uyakholwa ngoku, kuba undibonile? Hayi uyolo lwâbo bakholwa bengandibonanga!” Mininzi neminye imiqondiso awayenzayo uYesu beyibona abafundi bakhe, engabhalwanga kule ncwadi. Ezi ke izinto zibhalelwe ukuze nikholwe ukuba uYesu unguye *uKrestu, uNyana kaThixo; nokuze nithi nikholwa, nibe nobomi ngenxa yegunya legama lakhe.
UYOHANE 20:19-31 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwakuhlwa ngoko, ngolokuqala usuku lweveki, zakubon' ukuba iingcango zivaliwe, apho babehlanganisene khona abafundi, ngenxa yokoyika amaYuda, wafika uYesu wema phakathi, wathi kubo, Uxolo malube nani. Akutsho, wababonisa izandla necala lakhe. Bavuya ngoko abafundi bakuyibona iNkosi. Waphinda ngoko uYesu wathi kubo, Uxolo malube nani; njengokuba uBawo endithumile mna, nam ndiyanithuma nina. Akutsho wabaphefumlela, wathi kubo, Yamkelani uMoya oyiNgcwele; abazono nithe nazixolela, bazixolelwe; nabazono nithe nazibamba, zibambekile. Ke kaloku uTomas, omnye kwabalishumi elinababini, okuthiwa nguDidimo,• wayengenabo oko wafikayo uYesu. Babesithi ngoko kuye abanye abafundi, Siyibonile iNkosi. Wathi ke yena kubo, Ukuba andithanga ndilibone inxeba lezikhonkwane ezandleni zayo, ndiwufake umnwe wam enxebeni lezikhonkwane, ndisifake isandla sam ecaleni layo, andisayi kukholwa. Baye emveni kweentsuku ezisibhozo bekwangaphakathi abafundi bakhe; wayenabo noTomas. Afike uYesu, zakubon' ukuba zivaliwe iingcango, eme phakathi, athi, Uxolo malube nani. Andule athi kuTomas, Ethe apha umnwe wakho, uzibone izandla zam; ethe isandla sakho, usifake ecaleni lam; musa ukuba ngongakholwayo, yiba ngokholwayo. Uphendule uTomas, wathi kuye, Nkosi yam, Thixo wam! Athi uYesu kuye, Ngokuba undibonile, Tomas, ukholiwe. Banoyolo abo bangabonanga, bakholwa noko. Mininzi ke okunene neminye imiqondiso awayenzayo uYesu emehlweni abafundi bakhe, engabhalwanga kuyo le ncwadi; kodwa le ibhalelwe ukuze nikholwe ukuba uYesu unguye uKristu,• uNyana kaThixo, nokuze nithi, nikholwa, nibe nabo ubomi egameni lakhe.
UYOHANE 20:19-31 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngokuhlwa ngaloo mini yeCawe abafundi babehlangene, bezivalile iingcango kuba besoyika amaJuda. Wafika uYesu, wema phakathi kwabo, wathi: “Uxolo malube nani.” Etshilo wababonisa izandla zakhe nephango lakhe. Baza bafikelwa luvuyo abafundi bakuyibona iNkosi. Waphinda wathi kubo uYesu: “Uxolo malube nani. Njengokuba uBawo endithumile mna, nani ndiyanithuma.” Akuba etshilo ke wabaphefumlela, wathi: “Yamkelani uMoya oyiNgcwele. Bonke abantu enibaxolelayo izono zabo baya kuxolelwa; kanti bonke eningabaxoleliyo abayi kuxolelwa.” UTomas, omnye wabafundi abalishumi elinambini, lo kuthiwa nguWele, wayengekho phakathi kwabafundi ukufika kukaYesu kubo. Ke ngoko abanye abafundi bathi kuye: “Siyibonile iNkosi!” Kodwa yena wathi kubo: “Ndingekawaboni nje amanxeba ezikhonkwane ezandleni zayo, ndifake umnwe emanxebeni ayo, nesandla sam ndisifake ephangweni layo, andisoze ndikholwe.” NgeCawe elandelayo, behlangene kwakhona endlwini abafundi bakaYesu, ekho noTomas, wafika uYesu, iingcango zivaliwe, wathi: “Uxolo malube nani.” Waza wathi kuTomas: “Faka apha umnwe wakho, uzibone izandla zam. Solule isandla sakho, usifake ephangweni lam. Yeka ukungakholwa oku! Kholwa!” Waphendula uTomas wathi kuye: “Nkosi yam! Thixo wam!” Wathi kuye uYesu: “Uyakholwa ngoku, kuba undibonile? Hayi uyolo lwâbo bakholwa bengandibonanga!” Mininzi neminye imiqondiso awayenzayo uYesu beyibona abafundi bakhe, engabhalwanga kule ncwadi. Ezi ke izinto zibhalelwe ukuze nikholwe ukuba uYesu unguye *uKrestu, uNyana kaThixo; nokuze nithi nikholwa, nibe nobomi ngenxa yegunya legama lakhe.
UYOHANE 20:19-31 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwakuhlwa ngoko, ngolokuqala usuku lweveki, zakubon’ ukuba iingcango zivaliwe, apho babehlanganisene khona abafundi, ngenxa yokoyika amaYuda, wafika uYesu wema phakathi, wathi kubo, Uxolo malube nani. Akuba etshilo wababonisa izandla necala lakhe. Bavuya ngoko abafundi bakuyibona iNkosi. Waphinda ngoko uYesu wathi kubo, Uxolo malube nani; njengokuba uBawo endithumile mna, nam ndiyanithuma nina. Akuba etshilo wabaphefumlela, wathi kubo, Yamkelani uMoya oyiNgcwele; abazono nithe nazixolela, bazixolelwe; nabazono nithe nazibamba, zibambekile. Kodwa uTomas, omnye kwabalishumi elinababini, okuthiwa nguDidimo, wayengenabo oko wafikayo uYesu. Bathi ngoko kuye abanye abafundi, Siyibonile iNkosi. Wathi ke yena kubo, Ukuba andithanga ndilibone inxeba lezikhonkwane ezandleni zayo, ndiwufake umnwe wam enxebeni lezikhonkwane, ndisifake isandla sam ecaleni layo, andisayi kukholwa. Baye emveni kweentsuku ezisibhozo bekwangaphakathi abafundi bakhe, wayenabo noTomas. Afike uYesu, zakubon’ ukuba zivaliwe iingcango, wema phakathi, athi, Uxolo malube nani. Aze athi kuTomas, Ethe apha umnwe wakho, uzibone izandla zam; khawusondeze apha isandla sakho, usifake ecaleni lam; musa ukuba ngongakholwayo, yiba ngokholwayo. Waphendula uTomas, wathi kuye, Nkosi yam, Thixo wam! Athi uYesu kuye, Ngokuba undibonile, Tomas, ukholiwe. Banoyolo abo bangabonanga, bakholwa noko. Mininzi ke okunene neminye imiqondiso awayenzayo uYesu emehlweni abafundi bakhe, engabhalwanga kuyo le ncwadi; Kodwa le ibhalelwe ukuze nikholwe ukuba uYesu unguye uKristu, uNyana kaThixo, nokuze nithi, nikholwa, nibe nabo ubomi egameni lakhe.
UYOHANE 20:19-31 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwati kekaloku kwakuba kukuhlwa, ngolosuku ke, ngolwokuqala lweveki, ingcango zivaliwe nje apo abadisipile bebehlanganisene kona ngenxa yokwoyika ama‐Juda, weza u‐Yesu wema pakati, wati kubo: Uxolo malube kuni! Waza akuba etshilo wababonisa izandla zake necala lake. Bandula bavuya abadisipile bakuyibona INKOSI. Wandula u‐Yesu wati kubo kanjako: UXOLO malube kuni! njengokuba UBAWO enditumile mna, kwa njalo nam ndiyatuma nina. Waza akuba etshilo wapefumla pezu kwabo, wati kubo: Yamkelani UMOYA OYINGCWELE: abo nisukuba nizikulula izono zabo, ziyabakululelwa: abo nisukuba nizibamba ezabo, zibambekile. Kodwa u‐Tomasi, omnye wakubo abalishumi linababini, o‐kutiwa ngu‐Didimusi, ebengeko nabo oko wezayo u‐Yesu. Baye besiti ngoko kuye abanye abadisipile: Siyibonile INKOSI. Kodwa yena wati kubo: Xeshekweni ndingati upa̔u lwezikonkwane ndilubone ezandleni zayo, nomnwe wam ndiwufake elupa̔wini lwezikonkwane, nesandla sam ndisifake ecaleni layo, andisayi kukolwa. Kekaloku emveni kwentsuku zisibozo abadisipile bake bebepakati kanjako, no‐Tomasi ebenabo. Weza u‐Yesu, ingcango zivaliwe nje, wema pakati, wati: Uxolo malube kuni! Wandula wati ku‐Tomasi: Sondeza umnwe wako apa, ukangele izandla zam; sisondeze nesandla sako, usifake ecaleni lam; uz’ ungabi ungakolwa, ube ukolwa. Waza wapendula u‐Tomasi wati kuye: NKOSI yam NOTIXO wam! Wati u‐Yesu kuye: Ngokokuba undibonile, Tomasi! ukoliwe: banetamsanqa abo abangabonanga, kanti bakoliwe noko. Neminye imimangaliso ke okunene emininzi wayenza u‐Yesu ebusweni babadisipile bake, engaba̔liweyo kulencwadi: kodwa iba̔liwe le, ukuze nikolwe ukuba u‐Yesu unguye u‐Kristu, unyana KATIXO; nokuze niti nikolwa nibe nobomi egameni lake.