Ngokuhlwa ngaloo mini yeCawe abafundi babehlangene, bezivalile iingcango kuba besoyika amaJuda. Wafika uYesu, wema phakathi kwabo, wathi: “Uxolo malube nani.” Etshilo wababonisa izandla zakhe nephango lakhe. Baza bafikelwa luvuyo abafundi bakuyibona iNkosi. Waphinda wathi kubo uYesu: “Uxolo malube nani. Njengokuba uBawo endithumile mna, nani ndiyanithuma.” Akuba etshilo ke wabaphefumlela, wathi: “Yamkelani uMoya oyiNgcwele. Bonke abantu enibaxolelayo izono zabo baya kuxolelwa; kanti bonke eningabaxoleliyo abayi kuxolelwa.” UTomas, omnye wabafundi abalishumi elinambini, lo kuthiwa nguWele, wayengekho phakathi kwabafundi ukufika kukaYesu kubo. Ke ngoko abanye abafundi bathi kuye: “Siyibonile iNkosi!” Kodwa yena wathi kubo: “Ndingekawaboni nje amanxeba ezikhonkwane ezandleni zayo, ndifake umnwe emanxebeni ayo, nesandla sam ndisifake ephangweni layo, andisoze ndikholwe.” NgeCawe elandelayo, behlangene kwakhona endlwini abafundi bakaYesu, ekho noTomas, wafika uYesu, iingcango zivaliwe, wathi: “Uxolo malube nani.” Waza wathi kuTomas: “Faka apha umnwe wakho, uzibone izandla zam. Solule isandla sakho, usifake ephangweni lam. Yeka ukungakholwa oku! Kholwa!” Waphendula uTomas wathi kuye: “Nkosi yam! Thixo wam!” Wathi kuye uYesu: “Uyakholwa ngoku, kuba undibonile? Hayi uyolo lwâbo bakholwa bengandibonanga!” Mininzi neminye imiqondiso awayenzayo uYesu beyibona abafundi bakhe, engabhalwanga kule ncwadi. Ezi ke izinto zibhalelwe ukuze nikholwe ukuba uYesu unguye *uKrestu, uNyana kaThixo; nokuze nithi nikholwa, nibe nobomi ngenxa yegunya legama lakhe.
Funda UYOHANE 20
Share
Compare All Versions: UYOHANE 20:19-31
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos