uYohane 18:24-40

uYohane 18:24-40 CXB24

uAnas wamthumela ke ebotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu. Ke kaloku uSimon Petros wayemi esotha. Bathi ngoko kuye, Ingaba nawe ungowabafundi bakhe yini na? Wakhanyela ke wathi, Andinguye. Athi omnye umkhonzi wombingeleli omkhulu, osisalamane soPetros wamnqamla indlebe, Andikubonanga mna yini na emyezweni unaye? Wabuya ke wakhanyela uPetros. Yasuka yalila kwaoko inkuku. Bamsusa ngoko uYesu kuKayafa, bamsa kwindlu yerhuluneli; bekukusasa ke oko; yaye bona abazange bangene endlwini yerhuluneli, ukuze bangazenzi inqambi; ukuze bayidle ipasika. Waphuma ke uPilato waya kubo, wathi, Nimisa tyala lini na kuye lo mntu? Baphendula bathi kuye, Ukuba ebengenguye umenzi wobubi, singe singamnikelanga kuwe. Wathi ngoko uPilato kubo, Mthabatheni nina, nimgwebe ngesiko lenu. Athi ngoko amaYuda kuye, Akuvumelekile kuthi ukuba sibulale umntu; ukuze ilizwi likaYesu lizaliseke awalithethayo, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako. Wabuya ngoko wangena uPilato endlwini yerhuluneli, wambiza uYesu, wathi kuye, Wena unguye na uKumkani wamaYuda? Wamphendula uYesu wathi, Uyithetha le nto iphuma kuwe, wayixelelwa ngabanye ngam, sini na? Waphendula uPilato wathi, Mna ndingumYuda na? Luhlanga lwakowenu nababingeleli abakhulu abakunikeleyo kum; wenze ntoni na? Waphendula uYesu wathi, Ubukumkani bam asibubo obeli hlabathi; ukuba bebububo obeli hlabathi ubukumkani bam, abakhonzi bam bebeya kulwa, ukuze ndinganikelwa kumaYuda; ngoku ke ubukumkani bam asibobalapha. Wathi ngoko uPilato kuye, Hina ke, ungukumkani na wena? Waphendula uYesu wathi, Nawe uthi ndingukumkani. Mna ndizalelwe oku; ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso. Bonke abangabenyaniso bayaliva ilizwi lam. Athi uPilato kuye, Yintoni na yona inyaniso? Akuba etshilo, wabuya waphuma waya kumaYuda, athi kuwo, Mna andifumani nalinye ityala kuye. Ke kaloku ninesiko lokuba ndinikhululele abe mnye ngepasika; ninga ke ndinganikhululela ukumkani wamaYuda na? Babuya ngoko bonke bankqangaza, besithi, Mayingabi ngulo, mayibe nguBharabhas. Waye ke uBharabhas esisihange.