UYOHANE 18:24-40

UYOHANE 18:24-40 IBHAYIBHILE (XHO96)

UAnas ke wamthumela uYesu esabotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu. UPetros wayesemi apho esotha, bambuza abanye besithi: “Akunguye na umfundi walaa mntu?” Wakhanyela kodwa uPetros, esithi: “Hayi, andinguye.” Isicaka esithile sombingeleli omkhulu, esizalana nalaa ndoda eyasuswa indlebe ngekrele nguPetros, sathi: “Akunguye na lo bendimbone egadini kunye naye laa mntu?” Wakhanyela kwakhona uPetros. Kwangoko yakhala inkuku. UYesu kwemkiwa naye kwakusasa kwaKayafa, wasiwa emzini werhuluneli. AmaJuda akangenanga khona wona, hleze ngokwesiko lawo azingcolise, angabi nalo ilungelo lokutya *iPasika. Waphuma ke uPilato, waya kuwo, wathi: “Nimmangalela ngantoni lo mntu?” Aphendula athi: “Ngesingamzisanga kuwe ukuba ebengenguye umenzi wobubi.” Wathi kuwo uPilato: “Mthatheni nina, nimgwebe ngokwenu, ngokwemithetho yenu.” Amphendula athi amaJuda: “Thina asivumelekanga ukubulala umntu.” Ekufuna nje oku amaJuda ayezalisekisa ilizwi likaYesu awalithethayo esalatha indlela aza kufa ngayo. Ebuyele ngaphakathi komzi wakhe, uPilato wabiza uYesu, wathi kuye: “Ungukumkani wamaJuda na wena?” Waphendula uYesu wathi: “Lo mbuzo uvela kuwe, okanye kukho bantu bambi bathe bakuxelela nto ngam?” Wathi uPilato: “Uba ndingumJuda nam? Sisizwe sakowenu nababingeleli abaziintloko abakuzise kum. Yintoni le uyenzileyo?” Wathi ke yena uYesu: “Asibobeli hlabathi ubukhosi bam. Xa bekunjalo amaphakathi am ebeya kundilwela, ukuze ndingabanjwa ngamaJuda, kodwa ke asibobalapha ubukhosi bam.” UPilato wathi kuye: “Ke, ungukumkani?” Waphendula uYesu wathi: “Liphuma kuwe eli lithi ndingukumkani. Mna ndithi ndizalelwe ukungqinela inyaniso; ndizele loo nto kanye ehlabathini. Nabani na ongowenyaniso uyaliva ilizwi lam.” Wathi kuye uPilato: “Yintoni yona inyaniso?” Emva kokuba etshilo waphuma uPilato, waya kumaJuda, wathi kuwo: “Mna andifumani tyala kuye konke. Kodwa ngokwesiko lenu ndidla ngokunikhululela umbanjwa abe mnye *ngePasika. Ngaba ke nifuna ndinikhululele ukumkani wamaJuda?” Bamphendula bekhwaza besithi: “Hayi, asimfuni lo mntu; sifuna uBharabha.” UBharabha lo ke wayesisihange.

UYOHANE 18:24-40 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

UAnas wamthumela ebotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu. Ke kaloku uSimon Petros wayemi esotha; bathi ngoko kuye, Ingaba nawe ungowabafundi bakhe yini na? Wakhanyela yena wathi, Andinguye. Athi omnye umkhonzi wombingeleli omkhulu, osisalamane salowo uPetros wamnqamla indlebe, Andikubonanga mna yini na emyezweni unaye? Wabuya ke wakhanyela uPetros. Yasuka yalila kwaoko inkuku. Bamsusa ngoko uYesu kuKayafa, bamsa kwindlu yerhuluneli; bekukusasa ke oko; bona abangenanga endlwini yerhuluneli, ukuze bangadyobheki, ukuze bayidle ipasika.• Waphuma ke uPilato waya kubo, wathi, Nimisa tyala lini na kuye lo mntu? Baphendula bathi kuye, Ukuba ebengenguye umenzi wobubi yena, singe singamnikelanga kuwe. Wathi ngoko uPilato kubo, Mthabatheni nina, nimgwebe ngesiko lenu. Athi ngoko amaYuda kuye, Akuvumelekile kuthi ukuba sibulale umntu; ukuze ilizwi likaYesu lizaliseke awalithethayo, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako. Wabuya ngoko wangena uPilato endlwini yerhuluneli, wambiza uYesu, wathi kuye, Wena unguye na uKumkani wamaYuda? Umphendule uYesu, wathi, Uyithetha le nto iphuma kuwe, wayixelelwa ngabanye ngam, sini na? Waphendula uPilato wathi, Kanene, mna ndingumYuda na? Luhlanga lwakowenu nababingeleli abakhulu abakunikeleyo kum; wenzé ntoni na? Waphendula uYesu wathi, Ubukumkani bam asibubo obeli hlabathi; ukuba bebububo obeli hlabathi ubukumkani bam, amakhonza am ange ezama, ukuze ndinganikelwa kumaYuda; ngoku ke ubukumkani bam asibobalapha. Wathi ke uPilato kuye, Hina ke, ungukumkani na wena? Waphendula uYesu wathi, Nawe uthi ndingukumkani. Mna ndizalelwe oku; ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso. Bonke abangabenyaniso bayaliva ilizwi lam. Athi uPilato kuye, Yintoni na yona inyaniso? Akuba etshilo, wabuya waphuma waya kumaYuda, athi kuwo, Mna andifumani nalinye ityala kuye. Ke kaloku ninesiko lokuba ndinikhululele abe mnye ngepasika; ninga ke ndinganikhululela uKumkani wamaYuda na? Babuya ngoko bonke bankqangaza, besithi, Mayingabi ngulo, mayibe nguBharabhas. Waye ke uBharabhas lo esisihange.

UYOHANE 18:24-40 IBHAYIBHILE (XHO96)

UAnas ke wamthumela uYesu esabotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu. UPetros wayesemi apho esotha, bambuza abanye besithi: “Akunguye na umfundi walaa mntu?” Wakhanyela kodwa uPetros, esithi: “Hayi, andinguye.” Isicaka esithile sombingeleli omkhulu, esizalana nalaa ndoda eyasuswa indlebe ngekrele nguPetros, sathi: “Akunguye na lo bendimbone egadini kunye naye laa mntu?” Wakhanyela kwakhona uPetros. Kwangoko yakhala inkuku. UYesu kwemkiwa naye kwakusasa kwaKayafa, wasiwa emzini werhuluneli. AmaJuda akangenanga khona wona, hleze ngokwesiko lawo azingcolise, angabi nalo ilungelo lokutya *iPasika. Waphuma ke uPilato, waya kuwo, wathi: “Nimmangalela ngantoni lo mntu?” Aphendula athi: “Ngesingamzisanga kuwe ukuba ebengenguye umenzi wobubi.” Wathi kuwo uPilato: “Mthatheni nina, nimgwebe ngokwenu, ngokwemithetho yenu.” Amphendula athi amaJuda: “Thina asivumelekanga ukubulala umntu.” Ekufuna nje oku amaJuda ayezalisekisa ilizwi likaYesu awalithethayo esalatha indlela aza kufa ngayo. Ebuyele ngaphakathi komzi wakhe, uPilato wabiza uYesu, wathi kuye: “Ungukumkani wamaJuda na wena?” Waphendula uYesu wathi: “Lo mbuzo uvela kuwe, okanye kukho bantu bambi bathe bakuxelela nto ngam?” Wathi uPilato: “Uba ndingumJuda nam? Sisizwe sakowenu nababingeleli abaziintloko abakuzise kum. Yintoni le uyenzileyo?” Wathi ke yena uYesu: “Asibobeli hlabathi ubukhosi bam. Xa bekunjalo amaphakathi am ebeya kundilwela, ukuze ndingabanjwa ngamaJuda, kodwa ke asibobalapha ubukhosi bam.” UPilato wathi kuye: “Ke, ungukumkani?” Waphendula uYesu wathi: “Liphuma kuwe eli lithi ndingukumkani. Mna ndithi ndizalelwe ukungqinela inyaniso; ndizele loo nto kanye ehlabathini. Nabani na ongowenyaniso uyaliva ilizwi lam.” Wathi kuye uPilato: “Yintoni yona inyaniso?” Emva kokuba etshilo waphuma uPilato, waya kumaJuda, wathi kuwo: “Mna andifumani tyala kuye konke. Kodwa ngokwesiko lenu ndidla ngokunikhululela umbanjwa abe mnye *ngePasika. Ngaba ke nifuna ndinikhululele ukumkani wamaJuda?” Bamphendula bekhwaza besithi: “Hayi, asimfuni lo mntu; sifuna uBharabha.” UBharabha lo ke wayesisihange.

UYOHANE 18:24-40 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

uAnas wamthumela ke ebotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu. Ke kaloku uSimon Petros wayemi esotha. Bathi ngoko kuye, Ingaba nawe ungowabafundi bakhe yini na? Wakhanyela ke wathi, Andinguye. Athi omnye umkhonzi wombingeleli omkhulu, osisalamane soPetros wamnqamla indlebe, Andikubonanga mna yini na emyezweni unaye? Wabuya ke wakhanyela uPetros. Yasuka yalila kwaoko inkuku. Bamsusa ngoko uYesu kuKayafa, bamsa kwindlu yerhuluneli; bekukusasa ke oko; yaye bona abazange bangene endlwini yerhuluneli, ukuze bangazenzi inqambi; ukuze bayidle ipasika. Waphuma ke uPilato waya kubo, wathi, Nimisa tyala lini na kuye lo mntu? Baphendula bathi kuye, Ukuba ebengenguye umenzi wobubi, singe singamnikelanga kuwe. Wathi ngoko uPilato kubo, Mthabatheni nina, nimgwebe ngesiko lenu. Athi ngoko amaYuda kuye, Akuvumelekile kuthi ukuba sibulale umntu; ukuze ilizwi likaYesu lizaliseke awalithethayo, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako. Wabuya ngoko wangena uPilato endlwini yerhuluneli, wambiza uYesu, wathi kuye, Wena unguye na uKumkani wamaYuda? Wamphendula uYesu wathi, Uyithetha le nto iphuma kuwe, wayixelelwa ngabanye ngam, sini na? Waphendula uPilato wathi, Mna ndingumYuda na? Luhlanga lwakowenu nababingeleli abakhulu abakunikeleyo kum; wenze ntoni na? Waphendula uYesu wathi, Ubukumkani bam asibubo obeli hlabathi; ukuba bebububo obeli hlabathi ubukumkani bam, abakhonzi bam bebeya kulwa, ukuze ndinganikelwa kumaYuda; ngoku ke ubukumkani bam asibobalapha. Wathi ngoko uPilato kuye, Hina ke, ungukumkani na wena? Waphendula uYesu wathi, Nawe uthi ndingukumkani. Mna ndizalelwe oku; ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso. Bonke abangabenyaniso bayaliva ilizwi lam. Athi uPilato kuye, Yintoni na yona inyaniso? Akuba etshilo, wabuya waphuma waya kumaYuda, athi kuwo, Mna andifumani nalinye ityala kuye. Ke kaloku ninesiko lokuba ndinikhululele abe mnye ngepasika; ninga ke ndinganikhululela ukumkani wamaYuda na? Babuya ngoko bonke bankqangaza, besithi, Mayingabi ngulo, mayibe nguBharabhas. Waye ke uBharabhas esisihange.

UYOHANE 18:24-40 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Wati u‐Anasi wamtuma enxityiwe ku‐Kayafasi umperisite omkulu. Kekaloku u‐Simone Petrosi ebemi esota. Bati ngoko kuye: Nawe ungowakubadisipile bake na? Wakanyela yena, wati: Andinjalo. Wati owasezicakeni zomperisite omkulu, esisalamane salowo wayiti nqam u‐Petrosi indlebe yake: Andakubona na emyezweni ndawonye naye? Wandula wabuya wakanyela u‐Petrosi: yasuka yalila inkuku kwa oko. BANDULA besuka no‐Yesu kwa‐Kayafasi bamr̔olela endlwini yenkosi; kwaye kube kusasa ke; baza bona ngokwabo abangena endlwini yenkosi, ukuze banganco̔liswa, koko ukuze bayitye ipasika. Wapuma ngoko u‐Pilati waya kubo, wati: Lityala lanina enimnika lona umntu lo? Bapendula bati kuye: Ukuba lo ebengengumenzi wokukohlakeleyo, ngesingamnikelanga kuwe. Wandula wati kubo u‐Pilati: Mtabateni nina, nimgwebe ngokwomteto wenu. Ati ngoko ama‐Juda kuye: Asivunyelwa tina ukuba sifise umntu: ukuze ilizwi lika‐Yesu lizaliseke, elo walitetayo eqondisa ukuba kukufa okunina abeza kufa ngako. Wandula u‐Pilati wangena endlwini yenkosi kanjako, wambiza u‐Yesu, wati kuye: Wena ungukumkani wama‐Juda na? Wati u‐Yesu ukumpendula: Oku ukutsho ngokwako, wakuxelelwa ngam ngabanye, kusinina? Wati u‐Pilati ukupendula: Ndingum‐Juda nje na? uhlanga lwakowenu nabaperisite abakulu bakunikela kum: yinto nina uyenzileyo? Wati u‐Yesu ukupendula: Ubukumkani bam asi bubo obakwelilizwe: ukuba ubukumkani bam bube bubobakwelilizwe, abakonzi bam bebeya kulwa, ukuze ndinganikelwa kuma‐Juda: kodwa kaloku ubukumkani bam asi bubo obuvela apa. Wandula u‐Pilati wati kuye: Ungukumkani na ke? Wati u‐Yesu ukupendula: Utsho wena ukuba ndingukumkani. Ndizalelwe oku, ndaye ndizele oku ndisiza elizweni, ukuze ndiyinqi̔nele inyaniso. Osukuba engowakuyo inyaniso, uyaliva ilizwi lam. Wati u‐Pilati kuye: Iyinto nina inyaniso? Waza etshilo oku wabuya wapuma waya kuma‐Juda, wati kuwo: Andifumani tyala kuye. Kodwa ninalo isiko, lokuba ndinikululele umbanjwa abe mnye epasikeni: nifuna ngoko ukunga ndinganikululela ukumkani wama‐Juda na? Bandula bonke badanduluka kanjako, besiti: Kungabi nguló, kube nguye u‐Baraba! Kekaloku u‐Baraba ebelibada.