Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Johane 18:24-40

Ivangeli ka‐Johane 18:24-40 XHO1902A

Wati u‐Anasi wamtuma enxityiwe ku‐Kayafasi umperisite omkulu. Kekaloku u‐Simone Petrosi ebemi esota. Bati ngoko kuye: Nawe ungowakubadisipile bake na? Wakanyela yena, wati: Andinjalo. Wati owasezicakeni zomperisite omkulu, esisalamane salowo wayiti nqam u‐Petrosi indlebe yake: Andakubona na emyezweni ndawonye naye? Wandula wabuya wakanyela u‐Petrosi: yasuka yalila inkuku kwa oko. BANDULA besuka no‐Yesu kwa‐Kayafasi bamr̔olela endlwini yenkosi; kwaye kube kusasa ke; baza bona ngokwabo abangena endlwini yenkosi, ukuze banganco̔liswa, koko ukuze bayitye ipasika. Wapuma ngoko u‐Pilati waya kubo, wati: Lityala lanina enimnika lona umntu lo? Bapendula bati kuye: Ukuba lo ebengengumenzi wokukohlakeleyo, ngesingamnikelanga kuwe. Wandula wati kubo u‐Pilati: Mtabateni nina, nimgwebe ngokwomteto wenu. Ati ngoko ama‐Juda kuye: Asivunyelwa tina ukuba sifise umntu: ukuze ilizwi lika‐Yesu lizaliseke, elo walitetayo eqondisa ukuba kukufa okunina abeza kufa ngako. Wandula u‐Pilati wangena endlwini yenkosi kanjako, wambiza u‐Yesu, wati kuye: Wena ungukumkani wama‐Juda na? Wati u‐Yesu ukumpendula: Oku ukutsho ngokwako, wakuxelelwa ngam ngabanye, kusinina? Wati u‐Pilati ukupendula: Ndingum‐Juda nje na? uhlanga lwakowenu nabaperisite abakulu bakunikela kum: yinto nina uyenzileyo? Wati u‐Yesu ukupendula: Ubukumkani bam asi bubo obakwelilizwe: ukuba ubukumkani bam bube bubobakwelilizwe, abakonzi bam bebeya kulwa, ukuze ndinganikelwa kuma‐Juda: kodwa kaloku ubukumkani bam asi bubo obuvela apa. Wandula u‐Pilati wati kuye: Ungukumkani na ke? Wati u‐Yesu ukupendula: Utsho wena ukuba ndingukumkani. Ndizalelwe oku, ndaye ndizele oku ndisiza elizweni, ukuze ndiyinqi̔nele inyaniso. Osukuba engowakuyo inyaniso, uyaliva ilizwi lam. Wati u‐Pilati kuye: Iyinto nina inyaniso? Waza etshilo oku wabuya wapuma waya kuma‐Juda, wati kuwo: Andifumani tyala kuye. Kodwa ninalo isiko, lokuba ndinikululele umbanjwa abe mnye epasikeni: nifuna ngoko ukunga ndinganikululela ukumkani wama‐Juda na? Bandula bonke badanduluka kanjako, besiti: Kungabi nguló, kube nguye u‐Baraba! Kekaloku u‐Baraba ebelibada.