uYohane 13:18-38

uYohane 13:18-38 CXB24

Andithethi ngani, nonke; ndiyabazi abo mna ndibanyulileyo; oko kwenzeke ukuze isibhalo sizaliseke, esithi, Lowo udla isonka nam, undiphakamisele isithende sakhe. Ndiqala kwangoku ukunixelela kungekehli, ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe ukuba ndinguye. Inene, inene, ndithi kuni, Lowo wamkela endithe ndamthuma, wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo. Akuba ezithethile uYesu ezi zinto, wakhathazeka emoyeni wakhe, wangqina wathi, Inene, inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha. Baye ngoko abafundi bekhangelana, bethingaza ukuba uthetha bani na. Ke kaloku, bekwayame esifubeni sikaYesu omnye umfundi wakhe, obethandwa nguYesu. Unqwala ngoko uSimon Petros kulowo, ukuba abuze ukuba angaba uthetha bani na. Eyame esifubeni sikaYesu, uthi kuye, Nkosi, ngubani na? Waphendula uYesu wathi, Ngulowo ndiya kumnika iqhekeza lesonka, xa ndithe ndalithi nkxu. Elithi nkxu iqhekeza, walinika uYuda Sikariyoti, okaSimon. Waza emveni kweqhekeza elo, wangena uSathana kuye lowo. Wathi ngoko uYesu kuye, Okwenzayo, kwenze kamsinya. Ke kaloku, bekungekho namnye, kwababehleli naye esithebeni, ubesazi ukuba utsho ngani na kuye. Kuba abathile, ekubeni ingxowa ibikuYuda, bebeba uYesu uthi kuye, Thenga ezo zinto sizifunela umthendeleko; nokuba makabanike into amahlwempu. Elithabathile ngoko yena iqhekeza, waphuma kwaoko; Xeshikweni ngoko aphumileyo, uthi uYesu, Kukalokunje, uNyana woMntu uzukisiwe, naye uThixo uzukisiwe kuye. Ukuba ke uThixo uzukisiwe kuye, noThixo uya kumzukisa kuye ngokwakhe, waye eya kumzukisa kwangoku. Bantwana bam, liselilifutshane ixesha lokuba ndibe nani. Niya kundifuna; njengoko sendithe kumaYuda, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina; ngoko ke ndithi kuni. Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane; Njengoko ndinithandileyo mna, ukuba nani nithandane. Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana. Wathi uSimon Petros kuye, Nkosi, uya ngaphi na? Umphendule uYesu, wathi, Apho ndiya khona, aninako ukundilandela ngoku; wondilandela emveni koko. Wathi uPetros kuye, Nkosi, kungani na ukuba ndingabi nako ukukulandela ngoku? Ndiya kuwuncamela wena umphefumlo wam. Wamphendula uYesu wathi, Wowuncamela mna na umphefumlo wakho? Inene, inene, ndithi kuwe, Ayisayi kulila inkuku, ungathanga undikhanyele kathathu.