UYOHANE 13:18-38

UYOHANE 13:18-38 IBHAYIBHILE (XHO96)

“Andibhekisi kuni nonke. Ndiyabazi abo ndibanyulileyo, kodwa imelwe kukuzaliseka le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Lowo utyayo kunye nam undivukele.’ Ndinixelele kungekenzeki, ukuze kuthi, kwakuba kwenzekile, nikholwe okokuba ndinguye endinguye. Inene, lowo umamkelayo endimthumileyo, wamkela mna; ke owamkela mna, wamkela lowo undithumileyo.” Akuba uYesu etshilo, wakhathazeka kakhulu, waza wabaqononondisa esithi: “Ndithi kuni, inene, omnye kuni apha uza kundingcatsha.” Baza bajongana abafundi bakhe, bengazi mpela okokuba ngubani na lowo athetha ngaye. Ke omnye umfundi kaYesu, lowo wayethandwa nguye, wayehleli ecaleni kwakhe, waza uSimon Petros wanqwala kuye ukuba abuze ukuba ngaba uYesu uthetha bani na. Lowo mfundi ke wagobela ngakuYesu, wathi: “Ngaba ngubani lowo, Nkosi?” Waphendula uYesu wathi: “Ngulowo ndiya kuthi ndakuba ndisithe nkxu isonka, ndimnike.” Waza wathatha iqhekeza lesonka, walithi nkxu, walinika uJudas, unyana kaSimon Sikariyoti. Kwathi kwangoko akulamkela elo qhekeza lesonka uJudas, wangenwa nguSathana. Waza wathi kuye uYesu: “Khawulezisa uyenze into oyenzayo.” Kwakungekho namnye kwabo basetafileni owakuqondayo oko uYesu wayekuthetha. Ekubeni yayigcinwa nguJudas ingxowa yabo yemali, abanye kubafundi babesithi uYesu umthuma ukuba aye kuthenga ezo zinto ziyimfuneko kwitheko *lePasika, okanye mhlawumbi uthi makaye kupha amahlwempu amalizo. Elamkele ke uJudas elo qhekeza lesonka, waphuma kwangoko. Ke kaloku kwakusebusuku. Akuba emkile uJudas, uYesu wathi: “Ngoku ke uza kunikwa ubungangamsha *uNyana woLuntu; uThixo uza kubonakalisa amandla akhe ngaye. Xa ke uThixo abonakalisa amandla akhe ngaye, wothi amnike ubungangamsha uNyana woLuntu, kwaye oko uza kukwenza kwangoku. Bantwana bam, liphelile ixesha lam phakathi kwenu. Niya kundifuna, kodwa oko ndakuthethayo kumaJuda ndikuthetha nakuni ngoku, ndisithi: ‘Apho mna ndiya khona, aninakuya nina.’ Ndiniwisela umthetho omtsha, ndithi: Thandanani! Njengoko ndinithandileyo mna, nani thandanani kanye ngolo hlobo. Ukuba niyathandana, bonke baya kuqonda okokuba ningabafundi bam.” USimon Petros wabuza kuYesu wathi: “Uza kuya phi na, Nkosi?” Waphendula uYesu wathi: “Apho ndiya khona akukabi nakuya okwangoku, kodwa wobe ulandele.” Wathi kuye uPetros: “Nkosi, kungani na ukuba ndingabi nakuya ngoku? Ndilindele nokufa ngenxa yakho!” Wamphendula uYesu wathi: “Ngaba ukulindele ngenene ukufa ngenxa yam? Ndithi kuwe, inene, wobe sewundikhanyele kathathu ukukhala kwenkuku.”

UYOHANE 13:18-38 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Andithethi ngani, nonke; ndiyabazi abo mna ndibanyulileyo; oko kwenzeke ukuze isibhalo sizaliseke, esithi, Lowo udla isonka nam, undiphakamisele isithende sakhe. Ndiqala kwangoku ukunixelela kungekehli, ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe ukuba ndinguye. Inene, inene, ndithi kuni, Lowo wamkela endithe ndamthuma, wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo. Akuba ezithethile uYesu ezi zinto, wakhathazeka emoyeni wakhe, wangqina wathi, Inene, inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha. Baye ngoko abafundi bekhangelana, bethingaza ukuba uthetha bani na. Ke kaloku, bekwayame esifubeni sikaYesu omnye umfundi wakhe, obethandwa nguYesu. Unqwala ngoko uSimon Petros kulowo, ukuba abuze ukuba angaba uthetha bani na. Eyame esifubeni sikaYesu, uthi kuye, Nkosi, ngubani na? Waphendula uYesu wathi, Ngulowo ndiya kumnika iqhekeza lesonka, xa ndithe ndalithi nkxu. Elithi nkxu iqhekeza, walinika uYuda Sikariyoti, okaSimon. Waza emveni kweqhekeza elo, wangena uSathana kuye lowo. Wathi ngoko uYesu kuye, Okwenzayo, kwenze kamsinya. Ke kaloku, bekungekho namnye, kwababehleli naye esithebeni, ubesazi ukuba utsho ngani na kuye. Kuba abathile, ekubeni ingxowa ibikuYuda, bebeba uYesu uthi kuye, Thenga ezo zinto sizifunela umthendeleko; nokuba makabanike into amahlwempu. Elithabathile ngoko yena iqhekeza, waphuma kwaoko; Xeshikweni ngoko aphumileyo, uthi uYesu, Kukalokunje, uNyana woMntu uzukisiwe, naye uThixo uzukisiwe kuye. Ukuba ke uThixo uzukisiwe kuye, noThixo uya kumzukisa kuye ngokwakhe, waye eya kumzukisa kwangoku. Bantwana bam, liselilifutshane ixesha lokuba ndibe nani. Niya kundifuna; njengoko sendithe kumaYuda, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina; ngoko ke ndithi kuni. Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane; Njengoko ndinithandileyo mna, ukuba nani nithandane. Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana. Wathi uSimon Petros kuye, Nkosi, uya ngaphi na? Umphendule uYesu, wathi, Apho ndiya khona, aninako ukundilandela ngoku; wondilandela emveni koko. Wathi uPetros kuye, Nkosi, kungani na ukuba ndingabi nako ukukulandela ngoku? Ndiya kuwuncamela wena umphefumlo wam. Wamphendula uYesu wathi, Wowuncamela mna na umphefumlo wakho? Inene, inene, ndithi kuwe, Ayisayi kulila inkuku, ungathanga undikhanyele kathathu.

UYOHANE 13:18-38 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Andithethi ngani nonke; ndiyabazi abo mna ndibanyulileyo; oko kwenzeke ukuze isibhalo sizaliseke, esithi, Lowo udla isonka nam, undiphakamisele isithende sakhe. Ndiqala kwangoku ukunixelela kungekehli, ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe ukuba ndinguye. Inene, inene, ndithi kuni, Lowo wamkela endithe ndamthuma, wamkela mna; lowo wamkela mna ke, wamkela owandithumayo. Ezithethile uYesu ezi zinto, wakhathazeka emoyeni wakhe, wangqina wathi, Inene, inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha. Baye ngoko abafundi bekhangelana, bethingaza ukuba uthetha bani na. Ke kaloku, bekwayame esifubeni sikaYesu omnye umfundi wakhe, obethandwa nguYesu. Unqwala ngoko uSimon Petros kulowo, ukuba abuze ukuba angaba uthetha bani na. Àyamile ke yena esifubeni sikaYesu, uthi kuye, Nkosi, nguwuphi na? Uphendule uYesu wathi, Ngulowo ndiya kumnika mna iqhekeza, ndakuba ndilithe nkxu. Akulithi nkxu iqhekeza, walinika uYuda Sikariyoti, okaSimon. Waza emveni kweqhekeza elo, wangena uSathana kuye lowo. Uthi ngoko uYesu kuye, Okwenzayo, kwenze kamsinya. Ke kaloku, bekungekho namnye, kwababehleli naye esithebeni, ubesazi ukuba utsho ngani na kuye. Kuba abathile, ekubeni ingxowa ibikuYuda, bebeba uYesu uthi kuye, Thenga ezo zinto sizifunela umthendeleko; mhlawumbi uthi makawanike into amahlwempu. Elithabathile ngoko yena iqhekeza, waphuma kwaoko; kwaye ke kusebusuku. Xeshikweni ngoko aphumileyo, uthi uYesu, Kukalokunje, uNyana woMntu uzukisiwe, naye uThixo uzukisiwe kuye. Ukuba ke uThixo uzukisiwe kuye, noThixo uya kumzukisa kuye ngokwakhe, waye eya kumzukisa kwangoku. Bantwana bam, liselilifutshane ixesha lokuba ndibe nani. Niya kundifuna; njengoko sendithe kumaYuda, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina: nditsho nakuni ngoku. Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane, njengoko ndinithandileyo nina, ukuze nani nithandane. Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana. Wathi uSimon Petros kuye, Nkosi, ùya ngaphi na wena? Umphendule uYesu wathi, Apho ndiya khona, akunakundilandela kalokunje; wondilandela ke kamva. Uthi uPetros kuye, Nkosi, kungani na ukuba ndingabi nako ukukulandela ngoku? Ndiya kuwuncamela wena umphefumlo wam. Wamphendula uYesu wathi, Wowuncamela mna na umphefumlo wakho? Inene, inene, ndithi kuwe, Ayisayi kulila inkuku, ungathanga undikhanyele kathathu.

UYOHANE 13:18-38 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Anditeti ngani nonke; ndiyabazi mna abo ndabanyulayo; koko kunje ke ukuze sizaliseke isiba̔lo sokuti: Obesidla isonka ndawonye nam, upakamisile isitende sake ngakum. Emveni kwoku ndiyanixelela kungekehli, ukuze niti, xeshekweni kuhlayo, nikolwe ukuba ndinguye. Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Owamkela osukuba etunywa ndim, uyamkela mna: nowamkela mna, uyamkela owanditumayo. Akuba ebekutshilo oku u‐Yesu, wakatazeka emoyeni, wanqi̔na, wati: Ngokwenene, ngokwenene nditi kuni, omnye kuni wondingcatsha. Bandula abadisipile bakangelana, betandabuza ukuba uteta ngobanina? Kekaloku bekuhleli ekutyeni esifubeni sika‐Yesu omnye wabadisipile bake, obetandwa ngu‐Yesu. Wati ngoko u‐Simone Petrosi wakoba kuye lo, ukuba abuze kungaba ngubanina ateta ngaye. Waza yena wayama esifubeni sika‐Yesu, wati kuye: Nkosi! ungubanina? Wati u‐Yesu ukupendula: Ngulowo endiya kunika umtamo kuye, ndakuba ndiwufakile. Waza akuba ebewufakile wawunika ku‐Jude Sikariyoti, unyana ka‐Simone. Kwati emveni kwomtamo, wandula wangena kuye u‐Satane. Wati ngoko u‐Yesu kuye: Oko ukwenzayo, kwenze kamsinyane. Kekaloku bekungeko mntu pakati kwabahleli ekutyeni owaqonda ukuba watsho kuye nganina. Ngokuba bebeba inxenye, u‐Jude enenxowa nje, wati u‐Yesu kuye: Tengela umtendeleko izinto esizisweleyo; umhlaumbi, ukuba awape amahlwempu into. Yena ngoko, akuba ebewamkele umtamo, waselepuma: kwaye kububusuku ke. Ngako xeshekweni ebepumile, wati u‐Yesu: Kaloku unyana wesintu uyenzelwa ubungcwalisa, NOTIXO uyenzelwa ubungcwalisa kuye. Ukuba UTIXO uyenzelwa ubungcwalisa kuye, naye UTIXO uya kwenzela yena ubungcwalisa kuye ngokwake, waeya kumenzela ubungcwalisa kamsinya. Lusatshana! lixesha elincinane endisenani ngalo. Niya kundifuna; nanjengokuba ndati kuma‐Juda: Apo ndiyayo mna, aningeze nina kona; nditsho nakuni ngoku. Umyalelo omtsha ndiyawunika kuni, ukuba nitandane; njengokuba nditandile nina, ukuba nani nitandane kwa njalo. Ngako oku baya kukwazi bonke ukuba ningabadisipile bam, ukuba ninotando omnye kwomnye. Wati u‐Simone Petrosi kuye: Nkosi! uya pina? Wati u‐Yesu ukumpendula: Apo ndiya kona, akungendilandele kaloku; kodwa uya kundilandela kamva. Wati u‐Petrosi kuye: Nkosi! kunganina ukuba andingekulandele ngoku? ubomi bam ndobubeka pantsi ngenxa yako. Wati u‐Yesu ukumpendula: Ubomi bako wobubeka pantsi ngenxa yam na? Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuwe: Inkuku ayisayi kulila, ungekandikanyeli katatu.