Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Johane 13:18-38

Ivangeli ka‐Johane 13:18-38 XHO1902A

Anditeti ngani nonke; ndiyabazi mna abo ndabanyulayo; koko kunje ke ukuze sizaliseke isiba̔lo sokuti: Obesidla isonka ndawonye nam, upakamisile isitende sake ngakum. Emveni kwoku ndiyanixelela kungekehli, ukuze niti, xeshekweni kuhlayo, nikolwe ukuba ndinguye. Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Owamkela osukuba etunywa ndim, uyamkela mna: nowamkela mna, uyamkela owanditumayo. Akuba ebekutshilo oku u‐Yesu, wakatazeka emoyeni, wanqi̔na, wati: Ngokwenene, ngokwenene nditi kuni, omnye kuni wondingcatsha. Bandula abadisipile bakangelana, betandabuza ukuba uteta ngobanina? Kekaloku bekuhleli ekutyeni esifubeni sika‐Yesu omnye wabadisipile bake, obetandwa ngu‐Yesu. Wati ngoko u‐Simone Petrosi wakoba kuye lo, ukuba abuze kungaba ngubanina ateta ngaye. Waza yena wayama esifubeni sika‐Yesu, wati kuye: Nkosi! ungubanina? Wati u‐Yesu ukupendula: Ngulowo endiya kunika umtamo kuye, ndakuba ndiwufakile. Waza akuba ebewufakile wawunika ku‐Jude Sikariyoti, unyana ka‐Simone. Kwati emveni kwomtamo, wandula wangena kuye u‐Satane. Wati ngoko u‐Yesu kuye: Oko ukwenzayo, kwenze kamsinyane. Kekaloku bekungeko mntu pakati kwabahleli ekutyeni owaqonda ukuba watsho kuye nganina. Ngokuba bebeba inxenye, u‐Jude enenxowa nje, wati u‐Yesu kuye: Tengela umtendeleko izinto esizisweleyo; umhlaumbi, ukuba awape amahlwempu into. Yena ngoko, akuba ebewamkele umtamo, waselepuma: kwaye kububusuku ke. Ngako xeshekweni ebepumile, wati u‐Yesu: Kaloku unyana wesintu uyenzelwa ubungcwalisa, NOTIXO uyenzelwa ubungcwalisa kuye. Ukuba UTIXO uyenzelwa ubungcwalisa kuye, naye UTIXO uya kwenzela yena ubungcwalisa kuye ngokwake, waeya kumenzela ubungcwalisa kamsinya. Lusatshana! lixesha elincinane endisenani ngalo. Niya kundifuna; nanjengokuba ndati kuma‐Juda: Apo ndiyayo mna, aningeze nina kona; nditsho nakuni ngoku. Umyalelo omtsha ndiyawunika kuni, ukuba nitandane; njengokuba nditandile nina, ukuba nani nitandane kwa njalo. Ngako oku baya kukwazi bonke ukuba ningabadisipile bam, ukuba ninotando omnye kwomnye. Wati u‐Simone Petrosi kuye: Nkosi! uya pina? Wati u‐Yesu ukumpendula: Apo ndiya kona, akungendilandele kaloku; kodwa uya kundilandela kamva. Wati u‐Petrosi kuye: Nkosi! kunganina ukuba andingekulandele ngoku? ubomi bam ndobubeka pantsi ngenxa yako. Wati u‐Yesu ukumpendula: Ubomi bako wobubeka pantsi ngenxa yam na? Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuwe: Inkuku ayisayi kulila, ungekandikanyeli katatu.