uYesu ngoko, kwiintsuku ezintandathu eziphambi kwayo ipasika, weza eBhetani, apho ebekhona uLazaro owayefile, awamvusayo kwabafileyo. Bamenzela isidlo khona; uLazaro ke ebengomnye wabo babehleli naye etafileni. Wathabatha ke uMariya iponti yamafutha aqholiweyo enadusi engangxengelelweyo, exabiso likhulu; wathambisa iinyawo zikaYesu, wazisula iinyawo zakhe ngeenwele zakhe; yazala ke indlu livumba lamafutha lawo aqholiweyo. Uthe ngoko omnye wakubafundi bakhe, uYuda Sikariyoti, okaSimon, lowo umngcatshayo. Bekungani na ukuba la mafutha aqholiweyo angathengiswanga ngeedenariyo ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu? Watsho ke, kungengakuba ebekhathalele mahlwempu; kodwa ngenxa yokuba ebelisela, inaye ingxowa, ziphatha oko zifakwa kuyo. Wathi ngoko uYesu, Myeke; uwagcinele imini yokungcwatywa kwam. Kuba amahlwempu nihleli ninawo; ke mna anihleli ninam. Yathi ngoko indimbane enkulu yakumaYuda yakwazi ukuba ulapho; yeza kungengenxa kaYesu yedwa, yeza ukuze ibone noLazaro, lowo wamvusayo kwabafileyo. Kodwa ababingeleli abakhulu babhunga ukuze bambulale noLazaro; ngokuba ngenxa yakhe abaninzi bamaYuda bemka, bakholwa kuye uYesu. Ngengomso indimbane eyabe ize emthendelekweni, yakuva ukuba uYesu uyeza eYerusalem, Yathabatha amasebe esundu, yaphuma yaya kumkhawulela, yadanduluka, yathi, Hosana! Makabongwe uKumkani wakwaSirayeli, uzayo egameni leNkosi. Uthe ke uYesu, elifumene iesile, wahlala phezu kwalo; njengoko kubhaliwe kwathiwa, Musa ukoyika, ntombi inguZiyon; yabona, uKumkani wakho uza, ekhwele etholeni le-esile. Ezo zinto ke abaziqondanga abafundi bakhe ukuqala; bathi kodwa akuba ezukisiwe uYesu, bandula ukukhumbula ukuba ezi zinto zibhaliwe ngaye, nokuba bayazenza ezi zinto kuye. Ibe ingqina ngoko indimbane leyo, ibe inaye oko wambizayo uLazaro ukuba aphume engcwabeni, wamvusa kwabafileyo. Ngenxa yoko indimbane yamhlangabeza; ngokuba yayivile ukuba uwenzile lo mqondiso. Bathe ngoko abaFarisi phakathi kwabo, Niyabona na kodwa ukuba anincedi lutho? nalo ihlabathi lilandela yena.