UYOHANE 12:1-19
UYOHANE 12:1-19 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UYesu ngoko, kwiintsuku ezintandathu eziphambi kwayo ipasika,• weza eBhetani, apho ebekhona uLazaro owayefile, awamvusayo kwabafileyo. Ngoko bamenzela isidlo khona, waye uMarta elungiselela; uLazaro ke ebengomnye wabo babehleli naye besidla. Wathabatha ke uMariya iponti yamafutha aqholiweyo enadusi• engangxengelelweyo, exabiso likhulu; wathambisa iinyawo zikaYesu, wazisula iinyawo zakhe ngeenwele zakhe; yazala ke indlu livumba lamafutha lawo aqholiweyo. Uthi ngoko omnye umfundi wakhe, uYuda Sikariyoti, okaSimon, lowo ubeza kumngcatsha, Bekungani na ukuba la mafutha aqholiweyo angàthengiswa ngeedenariyo• ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu? Watsho ke, kungengakuba ebekhathalele mahlwempu; watsho kuba ebelisela, inaye ingxowa, ziphathwa nguye izinto ezifakwa kuyo. Uthe ngoko uYesu, Myeke; uwalondolozele imini yokungcwatywa kwam. Kuba amahlwempu la nihleli ninawo; mna ke anihleli ninam. Yathi ngoko indimbane enkulu yakumaYuda yakwázi ukuba ulapho; yeza kungengenxa kaYesu yedwa, yeza ukuze ibone noLazaro, lowo wamvusayo kwabafileyo. Ke kaloku ababingeleli abakhulu babhunga ukuze bambulale noLazaro; ngokuba ngenxa yakhe abaninzi bamaYuda bemka, bakholwa kuye uYesu. Ngengomso indimbane enkulu, eyabe ize emthendelekweni, yakuva ukuba uYesu uyeza eYerusalem, yathabatha amasebe esundu, yaphuma, yaya kumhlangabeza; yadanduluka isithi, Hosana! makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi, uKumkani kaSirayeli! UYesu, efumene ke iesilana, wahlala phezu kwalo, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Musa ukoyika, ntombi Ziyon; nanko ukumkani wakho esiza, ehleli phezu kwethole le-esile. Ezi zinto ke abaziqondanga abafundi bakhe ukuqala; bathi kodwa, akuba ezukisiwe uYesu, bandula ukukhumbula ukuba ezi zinto zaye zibhaliwe ngaye, nokuba bázenza ezi zinto kuye. Yaye ingqina ngoko indimbane leyo, ibe inaye oko wambizayo uLazaro ukuba aphume engcwabeni, wamvusa kwabafileyo. Ngenxa yoko indimbane yamhlangabeza; ngokuba yayivile ukuba uwenzile lo mqondiso. Bathe ngoko abaFarisi phakathi kwabo, Niyabona na kodwa ukuba anincedi lutho? Yabonani, ulandelwa lilizwe lonke.
UYOHANE 12:1-19 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngosuku lwesithandathu phambi *kwePasika uYesu waya eBhetani, apho wayehlala khona uLazaro, lowo uYesu wayemvuse ekufeni. Walungiselelwa isidlo ke uYesu, waza uMarta wabaphakela, uLazaro engomnye wababehleli etafileni kunye noYesu. UMariya wathatha amafutha angangxengwanga esiqholo esiyinadusi, abunzima bungaphezulwana kwamakhulu amathathu eegram, axabiso likhulu, wathambisa ngawo iinyawo zikaYesu, wazisula ngeenwele zakhe. Yatsho indlu yazala livumba elimnandi lesiqholo eso. Ke ngoko omnye wabafundi bakaYesu, uJudas Sikariyoti, lowo wayeza kumngcatsha, wathi: “Kutheni esi siqholo singàthengiswa ngamakhulu amathathu eerandi nje, ize loo mali inikwe amahlwempu?” Esitsho nje, kwakungekuko okokuba ebewakhathalele amahlwempu, koko wayesitsho kuba wayelisela. Ingxowa yabo yemali yayiphathwa nguye, emana ukucuntsula kuyo. Kodwa uYesu wathi: “Myeke; sukumkhathaza. Esi siqholo ebesigcinele ukulungiselela ukungcwatywa kwam. Amahlwempu aya kuhlala ekho, kodwa aniyi kuhlala ninam mna.” Yeva ke indimbane yamaJuda okokuba uYesu useBhetani, yaya khona, ingayi kubona uYesu kuphela, koko isiya kubona noLazaro, lowo uYesu wamvusayo ekufeni. Babhunga ke ababingeleli abaziintloko okokuba bambulale noLazaro, kuba ngenxa yakhe amaJuda amaninzi ayeguquka akholwe kuYesu. Ngengomso indimbane yabantu ababeze kwitheko *lePasika, yeva okokuba uYesu uyeza eJerusalem, yaxhuzula amasebe emithi yamasundu, yamhlangabeza, yakhwaza isithi: “Camagu! Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi, uKumkani wakwaSirayeli!” UYesu wafumana idonki eselula, wakhwela kuyo, njengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi: “Sukoyika, sixeko saseZiyon. Khangela, uKumkani wakho uza kuwe ekhwele idonki, ithole lento ebotshwayo.” Abafundi bakhe abazange bayiqonde le nto kuqala, kodwa kwathi akuba uYesu evukile ekufeni, bakhumbula okokuba iziBhalo ziyakuxela oku, bakhumbula nokokuba bamenzele oku kanye. Abantu ababekho oko uYesu wambizayo uLazaro ukuba aphume engcwabeni, emvusa ekufeni, babebabalisela abanye ngaloo nto. Ke ngoko indimbane yaya kumhlangabeza uYesu, kuba yayivile ngokwenza kwakhe loo mqondiso. Baza *abaFarasi bathethana besithi: “Khangelani, yeyele ngomkhono! Nanko elandelwa lilizwe lonke!”
UYOHANE 12:1-19 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uYesu ngoko, kwiintsuku ezintandathu eziphambi kwayo ipasika, weza eBhetani, apho ebekhona uLazaro owayefile, awamvusayo kwabafileyo. Bamenzela isidlo khona; uLazaro ke ebengomnye wabo babehleli naye etafileni. Wathabatha ke uMariya iponti yamafutha aqholiweyo enadusi engangxengelelweyo, exabiso likhulu; wathambisa iinyawo zikaYesu, wazisula iinyawo zakhe ngeenwele zakhe; yazala ke indlu livumba lamafutha lawo aqholiweyo. Uthe ngoko omnye wakubafundi bakhe, uYuda Sikariyoti, okaSimon, lowo umngcatshayo. Bekungani na ukuba la mafutha aqholiweyo angathengiswanga ngeedenariyo ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu? Watsho ke, kungengakuba ebekhathalele mahlwempu; kodwa ngenxa yokuba ebelisela, inaye ingxowa, ziphatha oko zifakwa kuyo. Wathi ngoko uYesu, Myeke; uwagcinele imini yokungcwatywa kwam. Kuba amahlwempu nihleli ninawo; ke mna anihleli ninam. Yathi ngoko indimbane enkulu yakumaYuda yakwazi ukuba ulapho; yeza kungengenxa kaYesu yedwa, yeza ukuze ibone noLazaro, lowo wamvusayo kwabafileyo. Kodwa ababingeleli abakhulu babhunga ukuze bambulale noLazaro; ngokuba ngenxa yakhe abaninzi bamaYuda bemka, bakholwa kuye uYesu. Ngengomso indimbane eyabe ize emthendelekweni, yakuva ukuba uYesu uyeza eYerusalem, Yathabatha amasebe esundu, yaphuma yaya kumkhawulela, yadanduluka, yathi, Hosana! Makabongwe uKumkani wakwaSirayeli, uzayo egameni leNkosi. Uthe ke uYesu, elifumene iesile, wahlala phezu kwalo; njengoko kubhaliwe kwathiwa, Musa ukoyika, ntombi inguZiyon; yabona, uKumkani wakho uza, ekhwele etholeni le-esile. Ezo zinto ke abaziqondanga abafundi bakhe ukuqala; bathi kodwa akuba ezukisiwe uYesu, bandula ukukhumbula ukuba ezi zinto zibhaliwe ngaye, nokuba bayazenza ezi zinto kuye. Ibe ingqina ngoko indimbane leyo, ibe inaye oko wambizayo uLazaro ukuba aphume engcwabeni, wamvusa kwabafileyo. Ngenxa yoko indimbane yamhlangabeza; ngokuba yayivile ukuba uwenzile lo mqondiso. Bathe ngoko abaFarisi phakathi kwabo, Niyabona na kodwa ukuba anincedi lutho? nalo ihlabathi lilandela yena.
UYOHANE 12:1-19 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wandula u‐Yesu intsuku zintandatu ingekabiko ipasika weza e‐Betaniya, apo ebekona u‐Lazarusi obe efile, lowo wamvusayo ekufeni. Ngako bamenzela isidlo sokuhlwa kona apo; waye u‐Marita ebekonza; kodwa u‐Lazarusi ebengowabahleli ekutyeni ndawonye naye. Wandula u‐Mariya, watabata iponti yamafuta mnandi enadusi engcwengileyo, exabiso likulu kunene, watambisa inyawo zika‐Yesu, wazisula inyawo zake ngenwele zake: yati indlu yazaliswa livumba lamafuta lawo. Wandula wati omnye wakubadisipile bake, u‐Jude Sikariyoti unyana ka‐Simone, obeza kumngcatsha: Kunganina ukuba lamafuta mnandi abengatengiswe ngamakulu matatu edenari, kwaza kwapiwa amahlwempu? Watsho ke, bekungengokuba ebekatalela amahlwempu, bekungokuba ebelisela, wanayo inxowa, watabata oko bekufakwa kuyo. Wandula wati u‐Yesu; Myeke; uwagcinele imini yokuncw̔atywa kwam. Ngokuba amahlwempu ninawo wona futi ekuni; kanti aninam futi. Bazi ngoko abantu abaninzi bakuma‐Juda ukuba ukona: beza ke, bekungengenxa ka‐Yesu yedwa, bekukukuba bambone no‐Lazarusi, lowo wamvusayo ekufeni. Kodwa abaperisite abakulu bafuna icebo, ukuze bambulale u‐Lazarusi naye; kuba abaninzi bebesiti ngaye bemka kuma‐Juda, bakolwa ku‐Yesu. Ngomhla olandelayo abantu abaninzi abebeze emtendelekweni, bakuva ukuba u‐Yesu uyeza e‐Yerusaleme, batabata amagatya emiti yepalime, bapuma ukuya kumhlangabeza, badanduluka, besiti: Hosana! Makatanyusanqeliswe ozayo egameni LIKAYEHOVA, ukumkani wo‐Sirayeli! Wati kekaloku u‐Yesu, elifumene iqwaṙashana, wahlala pezu kwalo; njengokuba kuba̔liwe ngokuti: Ungoyiki, ntombi yase‐Ziyone! bona ke, ukumkani wako uyeza, ehleli pezu kwetole leqwaṙashe. Kodwa ezizinto abadisipile bake abaziqonda ekuqaleni; koko xeshekweni u‐Yesu ebenzelwe ubungcwalisa, bandula bakumbula ukuba ezizinto zibe ziba̔liwe ngaye, nokuba ezizinto bazenza kuye. Sasisiti ngoko isihlwele esibe sinaye, okuya wambiza u‐Lazarusi apume encw̔abeni, wamvusa ekufeni, sanqi̔nela kwa oku. Ngako oko kanjalo isihlwele samhlangabeza, ngokokuba besivile ukuba ebewenzile lommangaliso. Bati ngoko abafarisi pakati kwabo: Nibona na okokuba anincedi luto? nali ilizwe lipume laya emva kwake.