Wandula u‐Yesu intsuku zintandatu ingekabiko ipasika weza e‐Betaniya, apo ebekona u‐Lazarusi obe efile, lowo wamvusayo ekufeni. Ngako bamenzela isidlo sokuhlwa kona apo; waye u‐Marita ebekonza; kodwa u‐Lazarusi ebengowabahleli ekutyeni ndawonye naye.
Wandula u‐Mariya, watabata iponti yamafuta mnandi enadusi engcwengileyo, exabiso likulu kunene, watambisa inyawo zika‐Yesu, wazisula inyawo zake ngenwele zake: yati indlu yazaliswa livumba lamafuta lawo. Wandula wati omnye wakubadisipile bake, u‐Jude Sikariyoti unyana ka‐Simone, obeza kumngcatsha: Kunganina ukuba lamafuta mnandi abengatengiswe ngamakulu matatu edenari, kwaza kwapiwa amahlwempu? Watsho ke, bekungengokuba ebekatalela amahlwempu, bekungokuba ebelisela, wanayo inxowa, watabata oko bekufakwa kuyo. Wandula wati u‐Yesu; Myeke; uwagcinele imini yokuncw̔atywa kwam. Ngokuba amahlwempu ninawo wona futi ekuni; kanti aninam futi.
Bazi ngoko abantu abaninzi bakuma‐Juda ukuba ukona: beza ke, bekungengenxa ka‐Yesu yedwa, bekukukuba bambone no‐Lazarusi, lowo wamvusayo ekufeni. Kodwa abaperisite abakulu bafuna icebo, ukuze bambulale u‐Lazarusi naye; kuba abaninzi bebesiti ngaye bemka kuma‐Juda, bakolwa ku‐Yesu.
Ngomhla olandelayo abantu abaninzi abebeze emtendelekweni, bakuva ukuba u‐Yesu uyeza e‐Yerusaleme, batabata amagatya emiti yepalime, bapuma ukuya kumhlangabeza, badanduluka, besiti: Hosana! Makatanyusanqeliswe ozayo egameni LIKAYEHOVA, ukumkani wo‐Sirayeli!
Wati kekaloku u‐Yesu, elifumene iqwaṙashana, wahlala pezu kwalo; njengokuba kuba̔liwe ngokuti: Ungoyiki, ntombi yase‐Ziyone! bona ke, ukumkani wako uyeza, ehleli pezu kwetole leqwaṙashe. Kodwa ezizinto abadisipile bake abaziqonda ekuqaleni; koko xeshekweni u‐Yesu ebenzelwe ubungcwalisa, bandula bakumbula ukuba ezizinto zibe ziba̔liwe ngaye, nokuba ezizinto bazenza kuye.
Sasisiti ngoko isihlwele esibe sinaye, okuya wambiza u‐Lazarusi apume encw̔abeni, wamvusa ekufeni, sanqi̔nela kwa oku. Ngako oko kanjalo isihlwele samhlangabeza, ngokokuba besivile ukuba ebewenzile lommangaliso. Bati ngoko abafarisi pakati kwabo: Nibona na okokuba anincedi luto? nali ilizwe lipume laya emva kwake.