KumaHebhere 5:7-10

KumaHebhere 5:7-10 CXB24

Owathi ngemihla yenyama yakhe, xa wayesondeze izikhungo kwanezibongozo kulowo unako ukumsindisa ekufeni, kunye nodanduluko olunamandla, neenyembezi, waviwa ngenxa yokoyika kwakhe uThixo; Nakuba ebenguNyana, wafunda ukululama ngobunzima awabuvayo; waza, egqibelele, waba yimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo; ebizwe nguThixo, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeke.