KUMAHEBHERE 5:7-10
KUMAHEBHERE 5:7-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Owathi ngemihla yenyama yakhe, xa wayesondeze izikhungo kwanezibongozo kulowo unako ukumsindisa ekufeni, kunye nodanduluko olunamandla, neenyembezi, waviwa ngenxa yokumhlonela kwakhe uThixo. Nakuba ebenguNyana, wafunda ukululama ngobunzima awabuvayo; waza, egqibelele, waba yimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo, ebizwe nguThixo, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeke.

KUMAHEBHERE 5:7-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Esadla ubomi apha emhlabeni, wayedla ngokwenza imithandazo nezicelo, ekhala iinyembezi, ebhekisa kuThixo onamandla okumhlangula ekufeni. Wawuva uThixo umthandazo wakhe, ngenxa yokuzimisela kwakhe ukuthobela. Ngoku kanye anguNyana kaThixo, intlupheko yamnika amava okuthobela. Uthe ke akusulungeka wenziwa umthombo wosindiso olungapheliyo lwabo bamthobelayo, emiselwe nguThixo waba ngumbingeleli omkhulu wodidi lukaMelkizedeki.
KUMAHEBHERE 5:7-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Owathi ngemihla yenyama yakhe, xa wayesondeze izikhungo kwanezibongozo kulowo unako ukumsindisa ekufeni, kunye nodanduluko olunamandla, neenyembezi, waviwa ngenxa yokoyika kwakhe uThixo; Nakuba ebenguNyana, wafunda ukululama ngobunzima awabuvayo; waza, egqibelele, waba yimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo; ebizwe nguThixo, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeke.
KUMAHEBHERE 5:7-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Owati emihleni yenyama yake, ezinikele nje izikungo nembongozo kulowo ubenamandla ukumsindisa ekufeni, ndawonye nokukala okukulu nenyembezi, eviwe nokuviwa ngoko wakwoyikayo, nangona abengunyana, wafunda ululamelo ngentlungu wazivayo; waza efezekisiwe waba yimbangi yosindiso olungunapakade kubo bonke abamlulamelayo; ebiziwe NGUTIXO ngokuti ungumperisite omkulu ngesimo sika‐Makizedeki.