KUMAHEBHERE 5:7-10

KUMAHEBHERE 5:7-10 XHO75

Owathi ngemihla yenyama yakhe, xa wayesondeze izikhungo kwanezibongozo kulowo unako ukumsindisa ekufeni, kunye nodanduluko olunamandla, neenyembezi, waviwa ngenxa yokumhlonela kwakhe uThixo. Nakuba ebenguNyana, wafunda ukululama ngobunzima awabuvayo; waza, egqibelele, waba yimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo, ebizwe nguThixo, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeke.