Ngokholo uIsake wabasikelela uYakobi noEsawu, ngazo izinto eziza kubakho. Ngokholo uYakobi wabasikelela bobabini oonyana bakaYosefu, xa aqhawukayo; waqubuda esimelele ngentonga yakhe. Ngokholo uYosefu uthe, xa abhubhayo, wakukhankanya ukuphuma koonyana bakaSirayeli; Wawisa umthetho ngawo amathambo akhe. Ngokholo uMoses uthe akuba ezelwe, wafihlwa iinyanga zantathu ngabazali bakhe, ngenxa enokuba bambona ukuba ungumntwana omhle; abawoyika umthetho wokumkani. Ngokholo uMoses uthe, akuba mkhulu, akavuma ukubizwa ngokuba ungunyana wentombi kaFaro; enyula kanye ukuba aphathwe kakubi, ndawonye nabantu bakaThixo, kunokuba axhamle isono okomzuzwana; ekubalele ukungcikivwa kukaKristu kububutyebi obungaphezu kobutyebi baseYiputa, kuba wayekhangele ukwamkela umvuzo. Ngokholo wayishiya iYiputa, akawoyika umsindo wokumkani; kuba wakrota, wanga uyambona lowo ungenakubonwa. Ngokholo uyenzile ipasika nokutshizwa kwegazi, ukuze lowo wayewatshabalalisa amazibulo angawachukumisi. Ngokholo baluwela uLwandle oluBomvu, kwanga kusemhlabeni owomileyo; athe amaYiputa, akukulinga oko, antywiliselwa. Ngokholo zawa iindonga zaseYeriko, zakuba zijikeleziwe iintsuku zasixhenxe. Ngokholo uRahabhi ihenyukazi akatshabalalanga nabo bangevayo, akuba ezamkele ngoxolo iintlola.
Funda KumaHebhere 11
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: KumaHebhere 11:20-31
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo