KUMAHEBHERE 11:20-31
KUMAHEBHERE 11:20-31 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngokholo uIsake wabasikelela uYakobi noEsawu, ngazo izinto eziza kubakho. Ngokholo uYakobi wabasikelela bobabini oonyana bakaYosefu, xa aqhawukayo; waqubuda esimelele ngentonga yakhe. Ngokholo uYosefu uthe, xa abhubhayo, wakukhankanya ukuphuma koonyana bakaSirayeli; Wawisa umthetho ngawo amathambo akhe. Ngokholo uMoses uthe akuba ezelwe, wafihlwa iinyanga zantathu ngabazali bakhe, ngenxa enokuba bambona ukuba ungumntwana omhle; abawoyika umthetho wokumkani. Ngokholo uMoses uthe, akuba mkhulu, akavuma ukubizwa ngokuba ungunyana wentombi kaFaro; enyula kanye ukuba aphathwe kakubi, ndawonye nabantu bakaThixo, kunokuba axhamle isono okomzuzwana; ekubalele ukungcikivwa kukaKristu kububutyebi obungaphezu kobutyebi baseYiputa, kuba wayekhangele ukwamkela umvuzo. Ngokholo wayishiya iYiputa, akawoyika umsindo wokumkani; kuba wakrota, wanga uyambona lowo ungenakubonwa. Ngokholo uyenzile ipasika nokutshizwa kwegazi, ukuze lowo wayewatshabalalisa amazibulo angawachukumisi. Ngokholo baluwela uLwandle oluBomvu, kwanga kusemhlabeni owomileyo; athe amaYiputa, akukulinga oko, antywiliselwa. Ngokholo zawa iindonga zaseYeriko, zakuba zijikeleziwe iintsuku zasixhenxe. Ngokholo uRahabhi ihenyukazi akatshabalalanga nabo bangevayo, akuba ezamkele ngoxolo iintlola.
KUMAHEBHERE 11:20-31 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngokholo uIsake wabasikelela uYakobi noEsawu, ngazo izinto eziza kubakho. Ngokholo uYakobi uthe, xa aqhawukayo, wabasikelela oonyana bakaYosefu ngabanye, waqubuda esimelele ngentonga yakhe. Ngokholo uYosefu uthe, xa abhubhayo, wakukhankanya ukuphuma koonyana bakaSirayeli, wawisa umthetho ngawo amathambo akhe. Ngokholo uMoses uthe, akuba ezelwe, wafihlwa iinyanga zantathu ngabazali bakhe, ngenxa enokuba bambona ukuba ungumntwana omhle, abasoyika isimiselo sokumkani. Ngokholo uMoses uthe, akuba mkhulu, akavuma ukubizwa ngokuthi ungunyana wentombi kaFaro; enyula kanye ukuba aphathwe kakubi, ndawonye nabantu bakaThixo, kunokuba axhamle izono okomzuzwana; ekubalele ukungcikivwa kukaKristu kububutyebi obungaphezu kobutyebi baseYiputa, kuba wayekhangele ukwamkela umvuzo. Ngokholo wayishiya iYiputa, akawoyika umsindo wokumkani; kuba wakrota, wanga uyambona lowo ungenakubonwa. Ngokholo uyenzile ipasika nokutshizwa kwegazi, ukuze lowo wayewatshabalalisa amazibulo angawachukumisi. Ngokholo baluwela uLwandle oluBomvu,• kwanga kusemhlabeni owomileyo; athe amaYiputa, akukulinga oko, antywiliselwa. Ngokholo zawa iindonga zaseYeriko, zakuba zijikeleziwe iimini ezisixhenxe. Ngokholo uRahabhi ihenyukazi akatshabalalanga nabo bangevayo, akuba ezamkele iintlola ngoxolo.
KUMAHEBHERE 11:20-31 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngokholo uIsake walisikelela ikamva looYakobi noEsawu. Ngokholo uYakobi wabasikelela bonke ngabanye, ngaphambi kokuba abhubhe, oonyana bakaJosefu. Wangqiyama ngomsimelelo wakhe, wanqula uThixo. Xa wayeselukhukweni lokufa, uJosefu ngokholo wayolela ngemfuduko yamaSirayeli eJiputa, wayaleza namathambo akhe. Ngokholo abazali bakaMosis bamfihla iinyanga ezintathu emva kokuba ezelwe. Kaloku wayelusana oluthandekayo, baza ke àbasithobela isimiselo sekumkani ngokwenza loo nto. Ngokholo, akuba mdala uMosis, akazange avume ukuba kuthiwe ungunyana wentombi yokumkani waseJiputa. Wakhetha ukuhlupheka kunye nabantu bakaThixo kunokuba axhamle isono nokuba ngumzuzwana nje. Ingcikivo kaKrestu wayithatha njengento ebaluleke ngaphezu kwabo bonke ubutyebi baseJiputa, kuba wayenethemba lomvuzo ozayo. Ngokholo uMosis wayishiya iJiputa, phofu kungengakuba wayesoyika umsindo wekumkani. Wayefunzele phambili ngokungathi wayembona uThixo ongabonwayo. Ngokholo wamisela isidlo *sePasika. Wayalela ukuba makutshizwe imigubasi ngegazi, khon' ukuze isithunywa sokufa singawatshabalalisi amazibulo amaSirayeli. Ngokholo amaSirayeli aluwela uLwandle oluBomvu ngokungathi ahamba emhlabeni owomileyo, kodwa wona amaJiputa eyela akuwalinganisa. Lukholo olwadiliza iindonga zeJeriko, akuba amaSirayeli ezijikeleze iintsuku zasixhenxe. Lukholo olwasindisa ihenyukazi uRahabhi ekutshabalaleni kunye nabo bangamthobeliyo uThixo, kuba lona lazamkela ngobubele iintlola.
KUMAHEBHERE 11:20-31 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngokholo uIsake wabasikelela uYakobi noEsawu, ngazo izinto eziza kubakho. Ngokholo uYakobi wabasikelela bobabini oonyana bakaYosefu, xa aqhawukayo; waqubuda esimelele ngentonga yakhe. Ngokholo uYosefu uthe, xa abhubhayo, wakukhankanya ukuphuma koonyana bakaSirayeli; Wawisa umthetho ngawo amathambo akhe. Ngokholo uMoses uthe akuba ezelwe, wafihlwa iinyanga zantathu ngabazali bakhe, ngenxa enokuba bambona ukuba ungumntwana omhle; abawoyika umthetho wokumkani. Ngokholo uMoses uthe, akuba mkhulu, akavuma ukubizwa ngokuba ungunyana wentombi kaFaro; enyula kanye ukuba aphathwe kakubi, ndawonye nabantu bakaThixo, kunokuba axhamle isono okomzuzwana; ekubalele ukungcikivwa kukaKristu kububutyebi obungaphezu kobutyebi baseYiputa, kuba wayekhangele ukwamkela umvuzo. Ngokholo wayishiya iYiputa, akawoyika umsindo wokumkani; kuba wakrota, wanga uyambona lowo ungenakubonwa. Ngokholo uyenzile ipasika nokutshizwa kwegazi, ukuze lowo wayewatshabalalisa amazibulo angawachukumisi. Ngokholo baluwela uLwandle oluBomvu, kwanga kusemhlabeni owomileyo; athe amaYiputa, akukulinga oko, antywiliselwa. Ngokholo zawa iindonga zaseYeriko, zakuba zijikeleziwe iintsuku zasixhenxe. Ngokholo uRahabhi ihenyukazi akatshabalalanga nabo bangevayo, akuba ezamkele ngoxolo iintlola.
KUMAHEBHERE 11:20-31 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngalo ukolo u‐Yisake watamsanqela u‐Yakobi no‐Esau ngezinto eziza kuza. Ngalo ukolo u‐Yakobi ekufeni kwake watamsanqela onyana baka‐Josefe bobabini; waza wazitoba pezu kwencam yomsimelelo wake. Ngalo ukolo u‐Josefe akuza kufa wakankanya ukupuma kwosapo luka‐Sirayeli, wayalela ngamatambo ake. Ngalo ukolo u‐Mosesi, akuba ebezelwe, wafihlwa ngoyise inyanga zantatu, ngenxa yokuba babona umntwana ukuba umhle; aboyika ummiso wokumkani kanjalo. Ngalo ukolo u‐Mosesi, akuba ebekulile, wala ukubizwa ngonyana wentombi ka‐Faro; eqasha ngakumbi ukupatwa kakubi kunye nabantu BAKATIXO, ngapezu kwokuba nobuyolo besono obuhlala mzuzu kodwa; ebala isitukelwa sika‐Kristu ukuba sibubutyebi obukulu kwindyebo zase‐Jipete: ngokuba ebekangela ngakuwo umvuzo. Ngalo ukolo wayishiya i‐Jipete, engoyikanga nje umsindo wokumkani; ngokuba wazingisayo, njengokuba ebona lowo ungabonekiyo. Ngalo ukolo wayenza ipasika nokutshizwa kwegazi, ukuze lowo ubetshabalalisa amazibulo angabacu̔kumisi. Ngalo ukolo bacanda ulwandle olubomvu njengokuba kudlulwa emhlabeni owomileyo; ati ama‐Jipete akulinga ukwenje njalo antywiliswa. Ngalo ukolo indonga ze‐Jeriko zawa, zakuba zibe zingqongiwe imini zasixe̔nxe. Ngalo ukolo u‐Rakabi umpinyiswa akabuba kunye nabo babengakolwanga, akuba ebezamkele intlola ngoxolo.