Wathetha uThixo kuNowa nakoonyana bakhe ababenaye, esithi: Yabona, ndiyawumisa umnqophiso wam nawe, nembewu yakho emva kwakho; nezinto zonke eziphilileyo ezikuni, neentaka, neenkomo, nezinto zonke eziphilileyo zehlabathi ezikuni; kubo bonke abaphuma emkhombeni, kuzo zonke izinto eziphilileyo zomhlaba. Ndiya kuwumisa umnqophiso wam nani; kwaye yonke inyama ayisayi kuphinda itshatyalaliswe ngamanzi onogumbe; yaye akusayi kuphinda kubekho unogumbe wokutshabalalisa umhlaba. Wathi uThixo, Nguwo lo umqondiso womnqophiso endiwubekayo phakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ephakathi kwenu, kuse kwizizukulwana zasephakadeni. Umnyama wam ndiwubeka efini, ube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nehlabathi. Ukuba ndithe ndawusibekelisa ngelifu umhlaba, kobonakala umnyama emafini; Ndiya kuwukhumbula umnqophiso wam ophakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enyameni yonke; yaye amanzi akasayi kuphinda abe ngunogumbe okonakalisa inyama yonke. Umnyama uya kuba semafini; ndiwukhangele, ndikhumbule umnqophiso ongunaphakade phakathi koThixo nayo yonke imiphefumlo ephilileyo, enyameni yonke esehlabathini. Wathi uThixo kuNowa, Nguwo lo umqondiso womnqophiso endiwumisileyo phakathi kwam nayo yonke inyama esehlabathini
Funda iGenesis 9
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: iGenesis 9:8-17
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo