Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uHezekile 36:25-29

uHezekile 36:25-29 CXB24

Ndiya kunitshiza ngamanzi amhlophe, nihlambuluke; Ndiya kunihlambulula kuko konke ukungcola kwenu nakomoya wenu ongcolileyo. Ndoninika intliziyo entsha, ndininike umoya omtsha ngaphakathi kwenu; ndiyisuse intliziyo yelitye enyameni yenu, ndininike intliziyo yenyama. Ndiza kufaka umoya wam kuni ndize ndinihambise ngemimiselo yam, nize niyigcine imigwebo yam nize niyifeze; niya kuhlala ezweni endalinika ooyihlo; nibe ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu. Ndiya kunisindisa kuyo yonke inkunkuma yenu, ndibize ukutya ndize ndikwandise, kungabikho ndlala kuni.