Ndiya kunitshiza ngamanzi acocekileyo ukuze nicoceke; ndiya kukukhupha ukungcola kuni, ndinenze nahlukane nezithixo. Ndiya kuninika intliziyo entsha, ndiniphe nomoya omtsha; ndiya kuyikhupha kuni intliziyo eqaqadeke okwelitye, ndininike intliziyo yentobeko. Ndiya kufaka uMoya wam kuni, nitsho nilulamele imimiselo yam, niyigcine ngononelelo imithetho yam. Niya kuhlala elizweni endandilabele ookhokho benu; niya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu. Ndiya kunihlangula ekungcoleni kwenu, ndigunyazise isivuno esikhulu sengqolowa, nize nahlukane nendlala.
Funda UHEZEKILE 36
Share
Compare All Versions: UHEZEKILE 36:25-29
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos