uPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti umzalwana, ubhalela abaseKolose, abazalwana abangcwele abakholwayo kuKristu; uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. Sibulela kuye uThixo uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, sihlala sinithandazela; Njengoko seva ngokholo lwenu kuKristu Yesu, nothando eninalo kubo bonke abangcwele. Nangenxa yethemba enalibekela lona emazulwini, nalivayo ngenxa engaphambili ngelizwi lenyaniso leendaba ezilungileyo; Lowo ufikileyo kuni, njengokuba kunjalo kuwo wonke umhlaba; luxakatha isiqhamo, kwanjengoko lwenjenjalo nangaphakathi kuni, kususela kwimini enaluvayo, nalwazi ubabalo lukaThixo ngenyaniso; Njengoko nafundayo nakuEpafra, ongumkhonzi oyintanda kunye nathi, engumlungiseleli othembekileyo kaKristu ngenxa yenu; owasazisayo nokusazisa ngothando lwenu lwaseMoyeni. Ngenxa yoko nathi, kususela kwimini esakuvayo oko, asiyeki ukunithandazela, nokukhunga, ukuze nizaliswe kukukwazi kakuhle ukuthanda kwakhe, ninobulumko bonke, nangokuqonda koMoya; ukuze nihambe ngokuyifaneleyo iNkosi, nise kuko konke ukukholisa, nixakathe isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo, nikhulela ekumazini uThixo; nisomelezwa ngokomelela konke, ngokokuqina kozuko lwakhe, nide nise kuko konke ukunyamezela, nokuzeka kade umsindo, kunye novuyo; nibulela kuye uYise, osenze sakulingana ukuba nesabelo kwilifa labangcwele ekukhanyeni; owasihlangulayo egunyeni lobumnyama, wasifudusela ebukumkanini boNyana wakhe oyintanda; esinayo sikuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, uxolelo lwezono