Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KWABASEKOLOSE 1:1-14

KWABASEKOLOSE 1:1-14 XHO96

Kubhala mna Pawulos, *umthunywa kaYesu owamiselwa ngentando kaThixo, ndikunye nomwethu uTimoti. Ndibhalela usapho lukaThixo, amawethu athembekileyo aseKolose, amanyene noKrestu. Ndithi: Ngamana uThixo uBawo wethu wanenzela isisa, aniphe uxolo. Asinilibali emithandazweni yethu, singalibali nokumbulela uThixo uYise weNkosi yethu uYesu Krestu, oko sevayo ngokukholwa nokuzinikela kwenu kuKrestu Yesu, nangokuluthanda kwenu usapho lukaThixo. Ewe, siyayibulela loo nto ngenxa yedinga eninalo kwaThixo, enaqala ukuva ngalo ngodaba lwenyaniso. Olu daba luvakala elizweni liphela, luvelisa iziqhamo, lunwenwe kanye ngale ndlela lenze ngayo naphakathi kwenu ukususela mhla neva naziqonda njengoko zinjalo izibele zikaThixo. Le nto nayiva ngoEpafra, umncedisi wethu othandekayo, osisicaka esithembekileyo sikaKrestu ngenxa yenu. Nathi ke usibalisele ngothando aniphe lona uMoya. Ngenxa yeso sizathu ke, ukususela mhla seva ngani, asiphezi ukunithandazela. Siyamcela uThixo ukuba aniphe ukuyazi intando yakhe, nibe nabo bonke ubulumko nokuqonda okuvela kuMoya. Ngoko ke niya kuba nako ukuziphatha ngendlela ethandekayo eNkosini, niyikholise ngeendlela zonke. Xa kunjalo ke ubomi benu buya kuqhama ziintlobo-ntlobo zemisebenzi elungileyo, nani nikhule ekumazini uThixo. Wanga anganomeleza ngamandla akhe agqitha ukuqonda, ukuze nibe nako ukunyamezela ninomonde novuyo. Bulelani kuBawo onenze nakufanela ukuba nenxaxheba kwilifa labantu bakhe ebuqaqawulini. Wasihlangula egunyeni lobumnyama, waza wasifudusela ekulawulweni nguNyana wakhe oyintanda, lo sifumene kuye inkululeko nokuxolelwa kwezono.