Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KWABASEKOLOSE 1:1-14

KWABASEKOLOSE 1:1-14 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

UPawulos, umpostile• kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti umzalwana, ubhalela abaseKolose, abazalwana abangcwele abakholwayo kuKristu; uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. Sihlala sibulela kuye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, xa sinithandazelayo, sívile nje ngokukholwa kwenu kuKristu Yesu, nokubathanda kwenu bonke abangcwele, ngenxa yethemba eli nalibekelwayo emazulwini; nalivayo ngenxa engaphambili ngalo ilizwi lenyaniso leendaba ezi zilungileyo; zikhoyo kuni, njengoko zikhoyo nakulo lonke ihlabathi, zixakatha neziqhamo, kwanjengoko zixakathayo ngaphakathi kwenu, kususela kwimini enaluvayo, nalwazi, ubabalo lukaThixo ngenyaniso; njengoko nafundayo nokufunda kuEpafra, ongumkhonzi oyintánda kunye nathi, engumlungiseleli othembekileyo kaKristu ngenxa yenu; owasazisayo nokusazisa uthando lwenu lwaseMoyeni. Ngenxa yoku, kususela kwimini esevayo, nathi asiphezi ukunithandazela nokunicelela, ukuze nizaliswe kukukwazi kakuhle ukuthanda kwakhe, ninokulumka nokuqonda konke okukokomoya; ukuze nihambe ngokuyifaneleyo iNkosi, nise kuko konke ukukholisa, nixakathe isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo, nikhulela ekumazini uThixo; nisomelezwa ngokomelela konke, ngokokuqina kozuko lwakhe, nide nise kuko konke ukunyamezela, nokuzeka kade umsindo, kunye novuyo; nibulela kuye uYise, owasenza sakulingana ukwahlulelwa ilifa labangcwele ekukhanyeni; owasihlangulayo egunyeni lobumnyama, wasifudusela ebukumkanini boNyana wothando lwakhe, esinayo kuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, ukuxolelwa kwezono ke oko.

KWABASEKOLOSE 1:1-14 IBHAYIBHILE (XHO96)

Kubhala mna Pawulos, *umthunywa kaYesu owamiselwa ngentando kaThixo, ndikunye nomwethu uTimoti. Ndibhalela usapho lukaThixo, amawethu athembekileyo aseKolose, amanyene noKrestu. Ndithi: Ngamana uThixo uBawo wethu wanenzela isisa, aniphe uxolo. Asinilibali emithandazweni yethu, singalibali nokumbulela uThixo uYise weNkosi yethu uYesu Krestu, oko sevayo ngokukholwa nokuzinikela kwenu kuKrestu Yesu, nangokuluthanda kwenu usapho lukaThixo. Ewe, siyayibulela loo nto ngenxa yedinga eninalo kwaThixo, enaqala ukuva ngalo ngodaba lwenyaniso. Olu daba luvakala elizweni liphela, luvelisa iziqhamo, lunwenwe kanye ngale ndlela lenze ngayo naphakathi kwenu ukususela mhla neva naziqonda njengoko zinjalo izibele zikaThixo. Le nto nayiva ngoEpafra, umncedisi wethu othandekayo, osisicaka esithembekileyo sikaKrestu ngenxa yenu. Nathi ke usibalisele ngothando aniphe lona uMoya. Ngenxa yeso sizathu ke, ukususela mhla seva ngani, asiphezi ukunithandazela. Siyamcela uThixo ukuba aniphe ukuyazi intando yakhe, nibe nabo bonke ubulumko nokuqonda okuvela kuMoya. Ngoko ke niya kuba nako ukuziphatha ngendlela ethandekayo eNkosini, niyikholise ngeendlela zonke. Xa kunjalo ke ubomi benu buya kuqhama ziintlobo-ntlobo zemisebenzi elungileyo, nani nikhule ekumazini uThixo. Wanga anganomeleza ngamandla akhe agqitha ukuqonda, ukuze nibe nako ukunyamezela ninomonde novuyo. Bulelani kuBawo onenze nakufanela ukuba nenxaxheba kwilifa labantu bakhe ebuqaqawulini. Wasihlangula egunyeni lobumnyama, waza wasifudusela ekulawulweni nguNyana wakhe oyintanda, lo sifumene kuye inkululeko nokuxolelwa kwezono.

KWABASEKOLOSE 1:1-14 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

uPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti umzalwana, ubhalela abaseKolose, abazalwana abangcwele abakholwayo kuKristu; uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. Sibulela kuye uThixo uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, sihlala sinithandazela; Njengoko seva ngokholo lwenu kuKristu Yesu, nothando eninalo kubo bonke abangcwele. Nangenxa yethemba enalibekela lona emazulwini, nalivayo ngenxa engaphambili ngelizwi lenyaniso leendaba ezilungileyo; Lowo ufikileyo kuni, njengokuba kunjalo kuwo wonke umhlaba; luxakatha isiqhamo, kwanjengoko lwenjenjalo nangaphakathi kuni, kususela kwimini enaluvayo, nalwazi ubabalo lukaThixo ngenyaniso; Njengoko nafundayo nakuEpafra, ongumkhonzi oyintanda kunye nathi, engumlungiseleli othembekileyo kaKristu ngenxa yenu; owasazisayo nokusazisa ngothando lwenu lwaseMoyeni. Ngenxa yoko nathi, kususela kwimini esakuvayo oko, asiyeki ukunithandazela, nokukhunga, ukuze nizaliswe kukukwazi kakuhle ukuthanda kwakhe, ninobulumko bonke, nangokuqonda koMoya; ukuze nihambe ngokuyifaneleyo iNkosi, nise kuko konke ukukholisa, nixakathe isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo, nikhulela ekumazini uThixo; nisomelezwa ngokomelela konke, ngokokuqina kozuko lwakhe, nide nise kuko konke ukunyamezela, nokuzeka kade umsindo, kunye novuyo; nibulela kuye uYise, osenze sakulingana ukuba nesabelo kwilifa labangcwele ekukhanyeni; owasihlangulayo egunyeni lobumnyama, wasifudusela ebukumkanini boNyana wakhe oyintanda; esinayo sikuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, uxolelo lwezono

KWABASEKOLOSE 1:1-14 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

UPAULUSI, umpostile ka‐Yesu Kristu ngayo intando KATIXO, no‐Timote umzalwana wetu, kubo abangcwele nabazalwana abakolwayo ku‐Kristu abase‐Kolose: Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye UTIXO ubawo wetu, NENKOSI u‐Yesu Kristu. Siyabulela kuye UTIXO noyise WENKOSI yetu u‐Yesu Kristu, sinitandazela ngamaxesha onke, siyivile nje inkolo yenu ku‐Kristu Yesu, notando eninalo kubo bona bonke abangcwele, ngenxa yetemba enibekelelwe lona ezulwini, elo nevayo ngalc pambili elizwini lenyaniso levangeli; eze kubako kuni, njengokuba iko nakulo lonke ilizwe; eti kanjalo ivelise izixakato, njengokuba isenje njalo napakati kwenu, kuselokwomhla enayiva ngawo, naza nalwazi ufefe LUKATIXO ngenyaniso: njengokuba kanjalo benifundile ku‐Epafrasi, isicaka kunye nati esitandiweyo, ongumkonzi onyanisekileyo ka‐Kristu ngenxa yenu; owati kanjalo waxela kuti utando lwenu KUMOYA. Ngenxa yako oku nati, kuselokwomhla sevayo, asipezi ukunitandazela, nokucela ukuba nizaliswe ngokwaziwa kwentando yake kubo bonke ubulumko nokuqonda okubumoya; ukuze nihambe ngokufanele INKOSI kube kukukolisa konke, nivelisa izixakato kuyo yonke imisebenzi elungileyo, nikulela ekumazini UTIXO; nisomelezwa ngabo bonke ubomelelo, ngokwamandla obungcwalisa bake, kube kuko konke ukunyamezela nokuzeka kade ndawonye novuyo; nibulela KUYISE owasenza silinganele isabiwo selifa labangcwele ekukanyeni: owasihlangulayo egunyeni lobumnyama, wasifudusela ebukumkanini bonyana wotando lwake; okuye sinalo ukululwa ngalo igazi lake, uxolelwa lwezono zetu