iZenzo 8:26-40

iZenzo 8:26-40 CXB24

Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi kuFilipu, sisithi, Suka usinge ezantsi, ngendlela ehla ivela eYerusalem, eya eGaza, yona iyintlango. Wesuka ke, wahamba, kwaye kukho indoda engumTiyopiya, ithenwa, igunya likaKandase ukumkanikazi wamaTiyopiya, eliphethe bonke ubutyebi bakhe, elibe lize kunqula eYerusalem; Yayibuya ke, ihleli enqwelweni yayo, ilesa incwadi yomprofeti uIsaya. Uthe ke uMoya kuFilipu, Yiya ukhwele kule nqwelo. Wabaleka ke uFilipu, waya kuyo, wayiva ilesa incwadi yomprofeti uIsaya, wathi, Uyaziqonda na kodwa izinto ozilesayo? Ithe ke yona, Ndingaba nako ngani na, kungekho undikhokelayo nje? Kanjalo yamcela uFilipu ukuba akhwele ahlale nayo. Ke kaloku indawo yesibhalo eyayilesa yona ibisithi, Njengemvu esiwa ekuxhelweni; nanjengemvana esisimumu phambi komchebi wayo, wenjenjalo ukungawuvuli umlomo wakhe. Ekuthotyweni kwakhe umgwebo wakhe wasuswa. Ngubani na ke owosixela isizukulwana sakhe? ngokuba buyasuswa ubomi bakhe emhlabeni. Laphendula ke ithenwa lathi kuFilipu, Ndiyakukhunga, umprofeti lo uyithetha ngabani na le nto; Ithetha yena, okanye mntu wumbi? Wawuvula ke uFilipu umlomo wakhe, eqalela kweso sibhalo, walishumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu. Ke kaloku, xa babehamba ngendlela, bafika manzini athile; lathi ithenwa, Nanga amanzi; Kwala ntoni na ukuba ndingabhaptizwa? Uthe ke uFilipu, Ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho iphela, kuvumelekile. Waphendula ke wathi, Ndiyakholwa ukuba uYesu Kristu unguye uNyana kaThixo. Lathi mayime inqwelo; behla bobabini, baya emanzini, uFilipu kwanethenwa; wambhaptiza. Xeshikweni ke babenyukile, baphuma emanzini, uMoya weNkosi wamthi xwi uFilipu; alaba sambona ithenwa, kuba lalihamba ngeyalo indlela livuya. uFilipu ke wafunyanwa eAzoto, wayityhutyha imizi yonke, wayishumayeza iindaba ezilungileyo, wada wafika eKesareya.