IZENZO 8:26-40

IZENZO 8:26-40 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi kuFilipu, sisithi, Suka usinge ezantsi, ngendlela ehla ivela eYerusalem, eya eGaza, yona iyintlango. Usukile ke waya. Kwavela indoda engumTiyopiya,• ithenwa, isikhulu sikaKandase, ukumkanikazi wamaTiyopiya, ebiphethe bonke ubutyebi bakhe, eyayize kunqula uThixo eYerusalem. Yayibuya, ihleli enqwelweni yayo, ilesa incwadi yomprofeti uIsaya. Uthe ke uMoya kuFilipu, Yiya ukhwele kule nqwelo. Wabaleka ke uFilipu, waya kuyo, wayiva ilesa incwadi yomprofeti uIsaya; wathi, Ùyaziqonda na kodwa izinto ozilesayo? Ithe ke yona, Ndingaba nako ngani na, kungekho undikhokelayo nje? Kanjalo yambongoza uFilipu ukuba akhwele ahlale nayo. Ke kaloku indawo yesibhalo eyayilesa yona ibiyile ithi, Njengemvu esiwa ekuxhelweni, Njengemvana esisimumu phambi komchebi wayo, Wenjenjalo yena ukungawuvuli umlomo wakhe. Ekuthobekeni kwakhe umgwebo wakhe wasuswa; Ngubani na ke owosicacisa ukusixela isizukulwana sakhe? Ngokuba buyasuswa ubomi bakhe emhlabeni. (UIsaya 53:78) Laphendula ke ithenwa lathi kuFilipu, Ndiyakukhunga, umprofeti lo uyithetha ngabani na le nto; uzithetha yena na, uthetha mntu wumbi, kusini na? Wawuvula ke uFilipu umlomo wakhe, waqalela kweso sibhalo, walishumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu. Ke kaloku, xa bahambayo ngendlela, bafika manzini athile; lathi ithenwa, Nanga amanzi; kwala ntoni na ukuba ndingabhaptizwa? Uthe ke uFilipu, Ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho iphela, kuvumelekile. Laphendula ke lathi, Ndiyakholwa ukuba uYesu Kristu unguNyana kaThixo. Lathi mayime inqwelo; behla bobabini, baya emanzini, uFilipu kwanethenwa; walibhaptiza. Xeshikweni ke babenyukile, baphuma emanzini, uMoya weNkosi wamthi xwi uFilipu; alaba sambona ithenwa, kuba lalihamba ngeyalo indlela livuya. UFilipu ke wafunyanwa eAzoto; watyhutyha ilizwe, eyishumayeza imizi yonke iindaba ezilungileyo, wada weza eKesareya.

IZENZO 8:26-40 IBHAYIBHILE (XHO96)

Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi noFilipu, sathi: “Zilungiselele uhle ngendlela esentlango esuka eJerusalem iye eGaza.” Waxhabasha ke waya uFilipu. Endleleni apho wadibana nendoda elithenwa. Lo mfo wayengunondyebo wokumkanikazi uKhandase waseTopiya. Wayegoduka ngenqwelo, evela kunqula uThixo eJerusalem. Enqwelweni apho wayehamba efunda incwadi *yomshumayeli uIsaya. Wathi uMoya oyiNgcwele kuFilipu: “Yiya kulaa nqwelo, uhambe nayo.” UFilipu wakhawuleza waya kuyo, waza wamva unondyebo lowo efunda encwadini yomshumayeli uIsaya, wambuza wathi: “Uyayilandela na le nto uyifundayo?” Waphendula wathi: “Ndingathini ukuyilandela kungekho bani undichazelayo?” Watsho wacela uFilipu ukuba akhwele enqwelweni ahambe naye. Nasi isicatshulwa seziBhalo awayesifunda: “Wafana negusha eya kuxhelwa, wafana netakane elithe cwaka lichetywa, naye wathula wathi tu. Ekuthotyweni kwakhe akabanga namhlanguli; akukho bani uya kuchaza ngesizukulwana sakhe, kuba ubomi bakhe emhlabeni bunqanyulwe.” Unondyebo wabuza kuFilipu wathi: “Khawundixelele, uthetha ngabani apha umshumayeli? Ngaba uthetha yena siqu, okanye uthetha ngomnye umntu?” UFilipu wamchazela, eqalela kanye kule ndawo eziBhalweni, wamtyhilela iindaba ezimnandi ezingoYesu. Ekuhambeni kwabo bada bafika ndaweni ithile inamanzi, laza lathi ithenwa: “Nanga amanzi, kungani ukuba ndingàbhaptizwa?” [ Waphendula wathi uFilipu: “Ungábhaptizwa ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho yonke.” Lathi ke lona: “Ndiyakholwa ukuba uYesu Krestu nguNyana kaThixo.”] UmTopiya lowo wathi makumiswe, waza yena noFilipu bangena emanzini, uFilipu wambhaptiza. Bakuphuma emanzini apho, uMoya weNkosi wamthatha wemka naye uFilipu. UmTopiya lowo akabanga sambona uFilipu, kodwa wayihamba indlela yakhe leyo ezele luvuyo. UFilipu wazifumana eseAshdode, waza wazihamba zonke ezo dolophu eshumayela iindaba ezimnandi, wada waya kufika eKhesariya.

IZENZO 8:26-40 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi kuFilipu, sisithi, Suka usinge ezantsi, ngendlela ehla ivela eYerusalem, eya eGaza, yona iyintlango. Wesuka ke, wahamba, kwaye kukho indoda engumTiyopiya, ithenwa, igunya likaKandase ukumkanikazi wamaTiyopiya, eliphethe bonke ubutyebi bakhe, elibe lize kunqula eYerusalem; Yayibuya ke, ihleli enqwelweni yayo, ilesa incwadi yomprofeti uIsaya. Uthe ke uMoya kuFilipu, Yiya ukhwele kule nqwelo. Wabaleka ke uFilipu, waya kuyo, wayiva ilesa incwadi yomprofeti uIsaya, wathi, Uyaziqonda na kodwa izinto ozilesayo? Ithe ke yona, Ndingaba nako ngani na, kungekho undikhokelayo nje? Kanjalo yamcela uFilipu ukuba akhwele ahlale nayo. Ke kaloku indawo yesibhalo eyayilesa yona ibisithi, Njengemvu esiwa ekuxhelweni; nanjengemvana esisimumu phambi komchebi wayo, wenjenjalo ukungawuvuli umlomo wakhe. Ekuthotyweni kwakhe umgwebo wakhe wasuswa. Ngubani na ke owosixela isizukulwana sakhe? ngokuba buyasuswa ubomi bakhe emhlabeni. Laphendula ke ithenwa lathi kuFilipu, Ndiyakukhunga, umprofeti lo uyithetha ngabani na le nto; Ithetha yena, okanye mntu wumbi? Wawuvula ke uFilipu umlomo wakhe, eqalela kweso sibhalo, walishumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu. Ke kaloku, xa babehamba ngendlela, bafika manzini athile; lathi ithenwa, Nanga amanzi; Kwala ntoni na ukuba ndingabhaptizwa? Uthe ke uFilipu, Ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho iphela, kuvumelekile. Waphendula ke wathi, Ndiyakholwa ukuba uYesu Kristu unguye uNyana kaThixo. Lathi mayime inqwelo; behla bobabini, baya emanzini, uFilipu kwanethenwa; wambhaptiza. Xeshikweni ke babenyukile, baphuma emanzini, uMoya weNkosi wamthi xwi uFilipu; alaba sambona ithenwa, kuba lalihamba ngeyalo indlela livuya. uFilipu ke wafunyanwa eAzoto, wayityhutyha imizi yonke, wayishumayeza iindaba ezilungileyo, wada wafika eKesareya.

IZENZO 8:26-40 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Yati kekaloku ingelosi YENKOSI yateta ku‐Filipi, isiti: Suka, uhambele ngasesuyide, ngendlela ehlayo e‐Yerusaleme iye e‐Gaza, leyo ilubala. Wesuka ke wahamba: kekaloku bona ke, umntu wase‐Tiyopiya, umbusi omkulu ka‐Kandase ukumkanikazi wama‐Tiyopiya, obepezu kwayo yonke indyebo yake, obezile e‐Yerusaleme ukuza kubedesha, wabebuya, wati ehleli enqwelweni yake walesesha incwadi yomprofite u‐Yisaya. Waza wati UMOYA ku‐Filipi: Sondela, uhlangane nalenqwelo. Waza u‐Filipi wagidimela kona, wamva elesesha incwadi yomprofite u‐Yisaya, wati: Uqonda ke na oko ukuleseshayo? Wati yena: Ndingati nina ukuqonda pofu, ukuba akuko mntu ondikapayo? Waza wambongoza u‐Filipi ukuba akwele ahlale naye. Kekaloku indawo yesiba̔lo abeyilesesha, ibiyilé yokuti: War̔olwa njengegusha isiya ekuxe̔lweni, nanjengokuba imvana ebusweni boyigugulayo isidenge, kwa njalo akavuli umlomo wake: ebupantsini bake ukugwetyelwa kwake kwasuswa; nesizukulwana sake ngubanina oya kusixela? ngokuba bususwa emhlabeni ubomi bake. Wapendula ke umbusi lowo ku‐Filipi, wati: Ndiyakukunga, umprofite utsho oku ngobanina? ngokwake, ngomntu wumbi, kusinina? Waza u‐Filipi wavula umlomo wake, waqala kwa kuso isiba̔lo esi, wamshumayeza u‐Yesu. Kekaloku nxa bebehamba endleleni, bafika ngasemanzini atile: waza wati umbusi: Nanga amanzi; ndixakwa yinto nina ukubapitizeshwa? Wayesiti u‐Filipi: Ukuba uyakolwa ngayo yonke intliziyo yako, kungenzwa. Wayependula wati: Ndiyakolwa ukuba u‐Yesu Kristu unguye unyana KATIXO. Waza waxela ukuba inqwelo ime: baza bobabini behlela emanzini, kwa no‐Filipi nombusi; wambapitizesha ke. Kekaloku okuya bebenyuke emanzini, UMOYA WENKOSI wamsusa u‐Filipi, wati umbusi akabi sambona: ngokuba ebehamba indlela yake evuya. Kodwa u‐Filipi wafunyanwa e‐Azote: waza ecanda ilizwe washumayela ivangeli kuzo zonke izixeko, wada wafika e‐Kesareya.