Yati kekaloku ingelosi YENKOSI yateta ku‐Filipi, isiti: Suka, uhambele ngasesuyide, ngendlela ehlayo e‐Yerusaleme iye e‐Gaza, leyo ilubala. Wesuka ke wahamba: kekaloku bona ke, umntu wase‐Tiyopiya, umbusi omkulu ka‐Kandase ukumkanikazi wama‐Tiyopiya, obepezu kwayo yonke indyebo yake, obezile e‐Yerusaleme ukuza kubedesha, wabebuya, wati ehleli enqwelweni yake walesesha incwadi yomprofite u‐Yisaya. Waza wati UMOYA ku‐Filipi: Sondela, uhlangane nalenqwelo. Waza u‐Filipi wagidimela kona, wamva elesesha incwadi yomprofite u‐Yisaya, wati: Uqonda ke na oko ukuleseshayo? Wati yena: Ndingati nina ukuqonda pofu, ukuba akuko mntu ondikapayo? Waza wambongoza u‐Filipi ukuba akwele ahlale naye. Kekaloku indawo yesiba̔lo abeyilesesha, ibiyilé yokuti: War̔olwa njengegusha isiya ekuxe̔lweni, nanjengokuba imvana ebusweni boyigugulayo isidenge, kwa njalo akavuli umlomo wake: ebupantsini bake ukugwetyelwa kwake kwasuswa; nesizukulwana sake ngubanina oya kusixela? ngokuba bususwa emhlabeni ubomi bake. Wapendula ke umbusi lowo ku‐Filipi, wati: Ndiyakukunga, umprofite utsho oku ngobanina? ngokwake, ngomntu wumbi, kusinina? Waza u‐Filipi wavula umlomo wake, waqala kwa kuso isiba̔lo esi, wamshumayeza u‐Yesu.
Kekaloku nxa bebehamba endleleni, bafika ngasemanzini atile: waza wati umbusi: Nanga amanzi; ndixakwa yinto nina ukubapitizeshwa? Wayesiti u‐Filipi: Ukuba uyakolwa ngayo yonke intliziyo yako, kungenzwa. Wayependula wati: Ndiyakolwa ukuba u‐Yesu Kristu unguye unyana KATIXO. Waza waxela ukuba inqwelo ime: baza bobabini behlela emanzini, kwa no‐Filipi nombusi; wambapitizesha ke. Kekaloku okuya bebenyuke emanzini, UMOYA WENKOSI wamsusa u‐Filipi, wati umbusi akabi sambona: ngokuba ebehamba indlela yake evuya. Kodwa u‐Filipi wafunyanwa e‐Azote: waza ecanda ilizwe washumayela ivangeli kuzo zonke izixeko, wada wafika e‐Kesareya.