Waye ke uSawule ekuthakazela ukufa kwakhe. Ke kaloku kwehla ngelo xesha intshutshiso enkulu phezu kwalo ibandla eliseYerusalem; baye bonke baba ziintsali kulo lonke ilizwe lakwaYuda nelaseSamariya, kwasala abapostile bodwa. Aza amadoda amoyikayo uThixo amngcwaba uStefano, amenzela isijwili esikhulu. Waye ke uSawule elidlavula ibandla, engena kwizindlu ngezindlu, erhola amadoda kwanabafazi, ebafaka entolongweni. Bona ke ngoko ababeziintsali batyhutyha ilizwe, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi. Wehla ke uFilipu, waya emzini welaseSamariya, wamvakalisa kubo uKristu. Zaye izihlwele zizinyamekela ngamxhelo mnye izinto ezibe zithethwa nguFilipu, ekuyiveni nasekuyiboneni kwazo imiqondiso abeyenza. Kuba oomoya abangcolileyo babephuma kwinto eninzi ebinabo, bebhomboloza ngezwi elikhulu; yathi ke into eninzi enedumbe neziziqhwala yaphiliswa. Kwabakho uvuyo olukhulu kuloo mzi. Ke kaloku bekukho ndoda ithile, kuthiwa nguSimon, eyayifudula ithakatha kuloo mzi, ibetha abantu baseSamariya, isithi yona ngokwayo inguthile omkhulu; ababeyiphulaphula bonke, bethabathela komncinane besa komkhulu, besithi, Lo ungamandla kaThixo amakhulu. Baye ke bemphulaphula, ngenxa yokuba ixesha elide wabetha bee nqa ngobunyangi bakhe. Xenikweni ke bakholwayo nguFilipu, eshumayela iindaba ezilungileyo zezinto zobukumkani bukaThixo, nezegama likaYesu Kristu, babhaptizwa amadoda kwanabafazi. Naye uSimon wakholwa, waza akuba ebhaptiziwe, wahlala enoFilipu. Wamangaliswa yimimangaliso nemiqondiso eyayisenzeka. Ke kaloku, bakuva abapostile ababeseYerusalem ukuba abaseSamariya balamkele ilizwi likaThixo, bathumela kubo uPetros noYohane; abathi bona bakuhla, babathandazela, ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele; (Kuba ebengekaweli namnye kubo; babebhaptizwe nje egameni leNkosi uYesu.) Baza bababeka izandla, bamamkela ke uMoya oyiNgcwele. Uthe ke uSimon, akubona ukuba ngokubekwa kwezandla zabapostile uyanikwa uMoya oyiNgcwele, wezisa kubo imali, esithi, Ndinikeni nam eli gunya, ukuze lowo, ndithe ndazibeka izandla phezu kwakhe, amkele uMoya oyiNgcwele. Uthe ke uPetros kuye, Isilivere yakho mayiye kutshabalala nawe; ngokuba ubusiba isipho sikaThixo singazuzwa ngemali. Akunasabelo naqashiso kulo mbandela, kuba intliziyo yakho ayithe tye emehlweni kaThixo. Guquka ngoko kobo bubi bakho, ukhunge kuThixo, ukuba ingathi mhlawumbi ixolelwe ingcingane yentliziyo yakho. Kuba ndiyabona ukuba usenyongweni yobukrakra, nasentanjeni yentswela-bulungisa. Waphendula ke uSimon wathi, Ndikhungeleni nina eNkosini, ukuze ndingahlelwa nanye yezo zinto nizithethileyo. Bona ke, bakuba beqononondisile, belithetha ilizwi leNkosi, babuya beza eYerusalem; kanjalo imizi emininzi yelaseSamariya bayishumayeza iindaba ezilungileyo.