IZENZO 8:1-25
IZENZO 8:1-25 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waye ke uSawule ekuthakazela ukufa kwakhe. Ke kaloku kwehla ngelo xesha intshutshiso enkulu phezu kwalo ibandla eliseYerusalem; baye bonke baba ziintsali kulo lonke ilizwe lakwaYuda nelaseSamariya, kwasala abapostile bodwa. Aza amadoda amoyikayo uThixo amngcwaba uStefano, amenzela isijwili esikhulu. Waye ke uSawule elidlavula ibandla, engena kwizindlu ngezindlu, erhola amadoda kwanabafazi, ebafaka entolongweni. Bona ke ngoko ababeziintsali batyhutyha ilizwe, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi. Wehla ke uFilipu, waya emzini welaseSamariya, wamvakalisa kubo uKristu. Zaye izihlwele zizinyamekela ngamxhelo mnye izinto ezibe zithethwa nguFilipu, ekuyiveni nasekuyiboneni kwazo imiqondiso abeyenza. Kuba oomoya abangcolileyo babephuma kwinto eninzi ebinabo, bebhomboloza ngezwi elikhulu; yathi ke into eninzi enedumbe neziziqhwala yaphiliswa. Kwabakho uvuyo olukhulu kuloo mzi. Ke kaloku bekukho ndoda ithile, kuthiwa nguSimon, eyayifudula ithakatha kuloo mzi, ibetha abantu baseSamariya, isithi yona ngokwayo inguthile omkhulu; ababeyiphulaphula bonke, bethabathela komncinane besa komkhulu, besithi, Lo ungamandla kaThixo amakhulu. Baye ke bemphulaphula, ngenxa yokuba ixesha elide wabetha bee nqa ngobunyangi bakhe. Xenikweni ke bakholwayo nguFilipu, eshumayela iindaba ezilungileyo zezinto zobukumkani bukaThixo, nezegama likaYesu Kristu, babhaptizwa amadoda kwanabafazi. Naye uSimon wakholwa, waza akuba ebhaptiziwe, wahlala enoFilipu. Wamangaliswa yimimangaliso nemiqondiso eyayisenzeka. Ke kaloku, bakuva abapostile ababeseYerusalem ukuba abaseSamariya balamkele ilizwi likaThixo, bathumela kubo uPetros noYohane; abathi bona bakuhla, babathandazela, ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele; (Kuba ebengekaweli namnye kubo; babebhaptizwe nje egameni leNkosi uYesu.) Baza bababeka izandla, bamamkela ke uMoya oyiNgcwele. Uthe ke uSimon, akubona ukuba ngokubekwa kwezandla zabapostile uyanikwa uMoya oyiNgcwele, wezisa kubo imali, esithi, Ndinikeni nam eli gunya, ukuze lowo, ndithe ndazibeka izandla phezu kwakhe, amkele uMoya oyiNgcwele. Uthe ke uPetros kuye, Isilivere yakho mayiye kutshabalala nawe; ngokuba ubusiba isipho sikaThixo singazuzwa ngemali. Akunasabelo naqashiso kulo mbandela, kuba intliziyo yakho ayithe tye emehlweni kaThixo. Guquka ngoko kobo bubi bakho, ukhunge kuThixo, ukuba ingathi mhlawumbi ixolelwe ingcingane yentliziyo yakho. Kuba ndiyabona ukuba usenyongweni yobukrakra, nasentanjeni yentswela-bulungisa. Waphendula ke uSimon wathi, Ndikhungeleni nina eNkosini, ukuze ndingahlelwa nanye yezo zinto nizithethileyo. Bona ke, bakuba beqononondisile, belithetha ilizwi leNkosi, babuya beza eYerusalem; kanjalo imizi emininzi yelaseSamariya bayishumayeza iindaba ezilungileyo.
IZENZO 8:1-25 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waye ke uSawule ekuthakazela ukusikwa kwakhe. Ke kaloku kwehla ngaloo mhla intshutshiso enkulu phezu kwalo ibandla eliseYerusalem; kanjalo bonke baba ziintsali emazweni akwaYuda naseSamariya, kwasala abapostile• bodwa. Amthwala ke uStefano amadoda amoyikayo uThixo, aya kumngcwaba, amenzela isililo esikhulu. Waye ke uSawule elidlavula ibandla, engena kwizindlu ngezindlu, erhola amadoda kwanabafazi, ebafaka entolongweni. Bona ke ngoko ababeziintsali batyhutyha ilizwe, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi. Wehla ke uFilipu, waya emzini welaseSamariya, wamvakalisa uKristu kubo. Zaye kanjalo izihlwele zizinyamekela ngamxhelo mnye izinto ezibe zithethwa nguFilipu, ekuyiveni nasekuyiboneni kwazo imiqondiso abeyenza. Kuba oomoya abangcolileyo babephuma kwinto eninzi ebinabo, bebhomboloza ngezwi elikhulu; yathi ke into eninzi enedumbe neziziqhwala yaphiliswa. Kwabakho uvuyo olukhulu kuloo mzi. Ke kaloku bekukho ndoda ithile, igama linguSimon, kwangaphambili kuloo mzi, ebinyanga, ibethe luthi nqa uhlanga lwaseSamariya, isithi yona ngokwayo inguthile omkhulu; ababeyiphulaphula bonke, bethabathela komncinane base komkhulu, besithi, Lo ungamandla kaThixo amakhulu. Baye ke bemphulaphula, ngenxa yokuba ixesha elide wabetha bee nqa ngobunyangi bakhe. Xenikweni ke bakholwáyo nguFilipu, eshumayela iindaba ezilungileyo zezinto zobukumkani bukaThixo, nezegama likaYesu Kristu, babhaptizwa amadoda kwanabafazi. Wakholwa ke kwanaye uSimon; wathi akubhaptizwa, wazingisa ukuhlala noFilipu, ebona imiqondiso kwanemisebenzi emikhulu yamandla isenzeka, wathi nqa. Ke kaloku, bakuva abapostile ababeseYerusalem, ukuba abaseSamariya balamkele ilizwi likaThixo, bathuma uPetros noYohane kubo; abathi bona bakuhla, babathandazela, ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele; kuba ebengekaweli namnye kubo; babebhaptizelwe nje kodwa egameni leNkosi uYesu. Bandula ukubeka izandla phezu kwabo, bamamkela ke uMoya oyiNgcwele. Ke kaloku uSimon, akubona ukuba ngokubekwa kwezandla zabapostile uyanikwa uMoya oyiNgcwele, wezisa kubo imali, esithi, Ndinikeni nam eli gunya, ukuze lowo, ndithe ndazibeka izandla phezu kwakhe, amkele uMoya oyiNgcwele. Uthe ke uPetros kuye, Isilivere yakho mayiye kutshabalala nawe; ngokuba ububa isipho sikaThixo singázuzwa ngemali. Akunasahlulo nasabelo kule nto; kuba intliziyo yakho ayithe tye emehlweni kaThixo. Guquka ngoko kobo bubi bakho, ukhunge kuThixo, ukuba ingáthi mhlawumbi ixolelwe ingcingane yentliziyo yakho. Kuba ndiyabona ukuba usenyongweni yobukrakra, nasentanjeni yentswelabulungisa. Waphendula ke uSimon wathi, Ndikhungeleni nina eNkosini, ukuze ndingahlelwa nanye yezo zinto nizithethileyo. Bona ke ngoko, bakuba beqononondisile, belithetha ilizwi leNkosi, babuya beza eYerusalem; kanjalo imizi emininzi yelaseSamariya bayishumayeza iindaba ezilungileyo.
IZENZO 8:1-25 IBHAYIBHILE (XHO96)
Naye uSawule wabuthakazelela obu bugebenga. Kwangaloo mhla kwaqaleka intshutshiso enkulu ebandleni laseJerusalem. Ngaphandle *kwabathunywa, basarhazeka bonke abakholwayo, kuwo onke amaphondo elakwaJuda naseSamariya. Amadoda athile anenzondelelo amngcwaba uStefano enesingqala esikhulu. Kwangelo lixa uSawule yena wazama ukulitshabalalisa ibandla, engena kwiminyango ngeminyango, ebarhuqa abakholwayo, amadoda kwanabafazi, ebavalela entolongweni. Abakholwayo ababethe saa, bahamba bezishumayela iindaba ezimnandi kulo lonke. UFilipu yena waya kwidolophana yaseSamariya, wamshumayela uKrestu kubantu ababelapho, baza bamphulaphula ngomdla omkhulu bemxhelo mnye. Bathi bemphulaphula, baba beyibona nemiqondiso awayeyenza. Iindimoni zazikhutshwa ebantwini, zisitsho ngesikhalo esikhulu. Abafe umzimba neziqhwala babephiliswa. Ezi zinto zatsho abantu baloo dolophu banovuyo olukhulu. Kuloo dolophu kwakukho indoda egama linguSimon, owayesenethuba elide esenza izimanga phakathi kwamaSamariya ngemilingo yakhe. Wayezenza uthile obalulekileyo. Zaye iindidi zonke zabantu kuloo dolophu zimhlonela. Babesithi unamandla obuthixo, bembiza ngokuthi nguMandla-makhulu. Babemhlonele kuba wayesebamangalise ixesha elide ngemilingo yakhe. Kodwa bathi bakukholwa yintshumayelo kaFilipu yeendaba ezimnandi ezingolawulo lukaThixo oluthwasileyo negama likaYesu Krestu, kwabhaptizwa amadoda kwanamakhosikazi. NoSimon wakholwa, waza akuba ebhaptiziwe akahlukana noFilipu, ekhwankqiswa yimimangaliso nemiqondiso awayeyenza uFilipu. Bathi bakuva *abathunywa eJerusalem ukuba abantu baseSamariya balamkele ilizwi likaThixo, bathumela uPetros noYohane khona. Bakufika khona babathandazela abakholwayo ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele, kuba wayengekabafikeli uMoya oyiNgcwele; nto nje babebhaptizelwe egameni leNkosi uYesu. Aba bantu bamamkela uMoya oyiNgcwele, bakuba ooPetros noYohane bebabeke izandla. USimon akubona ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele, bakubekwa izandla ngabathunywa, wafuna ukubanika imali ooPetros noYohane, esithi: “Nam ndipheni la mandla; khon' ukuze nabani na endimbeke izandla afumane uMoya oyiNgcwele.” Waphendula wathi uPetros: “Hamb' uye kufa kunye naloo mali yakho, kuba ucinga ukuba isipho sesisa sikaThixo singathengwa ngemali! Akunanxaxheba kulo msebenzi wethu, kuba iingcinga zakho azilunganga phambi koThixo. Guquka kule nkohlakalo yakho, uthandaze ukuba uThixo akuxolele ngale nto inje, kuba ndiyabona ukuba unekratshi elilizothe, waye ulikhoboka lokungcola.” Uthe ke uSimon kooPetros noYohane: “Ndincedeni, zinkosi, nindithandazele eNkosini ukuze zingandihleli zonke ezi zinto nizithethileyo.” Emveni kokuba benike ubungqina beluthetha udaba lweNkosi kwabo bantu, uPetros noYohane bagoduka, baya eJerusalem. Endleleni yabo egodukayo bazishumayela iindaba ezimnandi kwiilali ezininzi zaseSamariya.
IZENZO 8:1-25 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waye ke uSawule ekuthakazela ukufa kwakhe. Ke kaloku kwehla ngelo xesha intshutshiso enkulu phezu kwalo ibandla eliseYerusalem; baye bonke baba ziintsali kulo lonke ilizwe lakwaYuda nelaseSamariya, kwasala abapostile bodwa. Aza amadoda amoyikayo uThixo amngcwaba uStefano, amenzela isijwili esikhulu. Waye ke uSawule elidlavula ibandla, engena kwizindlu ngezindlu, erhola amadoda kwanabafazi, ebafaka entolongweni. Bona ke ngoko ababeziintsali batyhutyha ilizwe, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi. Wehla ke uFilipu, waya emzini welaseSamariya, wamvakalisa kubo uKristu. Zaye izihlwele zizinyamekela ngamxhelo mnye izinto ezibe zithethwa nguFilipu, ekuyiveni nasekuyiboneni kwazo imiqondiso abeyenza. Kuba oomoya abangcolileyo babephuma kwinto eninzi ebinabo, bebhomboloza ngezwi elikhulu; yathi ke into eninzi enedumbe neziziqhwala yaphiliswa. Kwabakho uvuyo olukhulu kuloo mzi. Ke kaloku bekukho ndoda ithile, kuthiwa nguSimon, eyayifudula ithakatha kuloo mzi, ibetha abantu baseSamariya, isithi yona ngokwayo inguthile omkhulu; ababeyiphulaphula bonke, bethabathela komncinane besa komkhulu, besithi, Lo ungamandla kaThixo amakhulu. Baye ke bemphulaphula, ngenxa yokuba ixesha elide wabetha bee nqa ngobunyangi bakhe. Xenikweni ke bakholwayo nguFilipu, eshumayela iindaba ezilungileyo zezinto zobukumkani bukaThixo, nezegama likaYesu Kristu, babhaptizwa amadoda kwanabafazi. Naye uSimon wakholwa, waza akuba ebhaptiziwe, wahlala enoFilipu. Wamangaliswa yimimangaliso nemiqondiso eyayisenzeka. Ke kaloku, bakuva abapostile ababeseYerusalem ukuba abaseSamariya balamkele ilizwi likaThixo, bathumela kubo uPetros noYohane; abathi bona bakuhla, babathandazela, ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele; (Kuba ebengekaweli namnye kubo; babebhaptizwe nje egameni leNkosi uYesu.) Baza bababeka izandla, bamamkela ke uMoya oyiNgcwele. Uthe ke uSimon, akubona ukuba ngokubekwa kwezandla zabapostile uyanikwa uMoya oyiNgcwele, wezisa kubo imali, esithi, Ndinikeni nam eli gunya, ukuze lowo, ndithe ndazibeka izandla phezu kwakhe, amkele uMoya oyiNgcwele. Uthe ke uPetros kuye, Isilivere yakho mayiye kutshabalala nawe; ngokuba ubusiba isipho sikaThixo singazuzwa ngemali. Akunasabelo naqashiso kulo mbandela, kuba intliziyo yakho ayithe tye emehlweni kaThixo. Guquka ngoko kobo bubi bakho, ukhunge kuThixo, ukuba ingathi mhlawumbi ixolelwe ingcingane yentliziyo yakho. Kuba ndiyabona ukuba usenyongweni yobukrakra, nasentanjeni yentswela-bulungisa. Waphendula ke uSimon wathi, Ndikhungeleni nina eNkosini, ukuze ndingahlelwa nanye yezo zinto nizithethileyo. Bona ke, bakuba beqononondisile, belithetha ilizwi leNkosi, babuya beza eYerusalem; kanjalo imizi emininzi yelaseSamariya bayishumayeza iindaba ezilungileyo.
IZENZO 8:1-25 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku u‐Saulusi ebetakazela ukubulawa kwake. Kwasuka kwabako ngeloxesha intshutshiso enkulu ngakuyo iṙemente ebise‐Yerusaleme: baza bonke batiwa sa emazweni ase‐Judeya ne‐Samariya; kwasala abapostile kupela. Kekaloku amadoda abubedesho amncw̔aba u‐Stefane, enza isijwili esikulu pezu kwake. Kodwa u‐Saulusi ebeci̔ta iṙemente, engena kwizindlu ngezindlu, er̔ola namadoda namankazana, wawanikela entolongweni. Bandula abo batiwa sa bacanda indawo zonke, beshumayela ilizwi. WAZA u‐Filipi wehlela esixekweni sase‐Samariya, wabashumayeza u‐Kristu. Zaye izihlwele zinyamekela ezonto zibe zitshiwo ngu‐Filipi ngentliziyo nye, zisiva zibona nokubona imiqondiso abeyenza. Ngokuba omoya abanco̔lileyo, bekala ngelizwi elikulu, bebepuma kwabaninzi abebenabo: kanjako abaninzi ababenesifo sokushwabanisa nabaziziqwala bapiliswa. Kwaza kwabako uvuyo olukulu kwesosixeko. Kwaye kuko indoda etile, egama lalingu‐Simone, ebifudula isenza ngobugqi kwesosixeko, imangalisa abantu base‐Samariya, isiti ingumntu omkulu bo: ababebambelela kuyo bonke, kwa kuye omncinane kwada kwakuye omkulu, besiti: Lendoda ingamandla amakulu KATIXO. Babebambelela kuyo ke, ngenxa yokuba bekukade ibamangalisile ngezinto zayo zobugqi. Kodwa xeshekweni bakolwayo ngu‐Filipi, eshumayela izinto ezingabo ubukumkani BUKATIXO nangalo igama lika‐Yesu Kristu, bebebapitizeshwa, kwa namadoda namankazana. Kanjalo u‐Simone wakolwa naye, wati akuba ebapitizeshiwe waman’ ukubako no‐Filipi; waza ebona imiqondiso nemimangaliso emikulu ebisenziwa, wati nqa. Kekaloku kwakuviwa ngabapostile abebese‐Yerusaleme, ukuba i‐Samariya ilamkele ilizwi LIKATIXO, batuma kubo u‐Petrosi no‐Johane: abati, bakuba behlele kona, babatandazela, ukuze bamkele UMOYA OYINGCWELE: (ngokuba ebengekabawelanga kwa namnye; koko babe bebapitizeshelwe egameni LENKOSI u‐Yesu kodwa.) Bandula babeka izandla pezu kwabo, baza bamkela UMOYA OYINGCWELE. Wati kekaloku u‐Simone, ebonile okokuba UMOYA OYINGCWELE uyanikwa ngokubekwa kwezandla zabapostile, wafuna ukubanikela imali, esiti: Ndipeni nam igunya eli, lokuba lowo ndisukuba ndibeka izandla pezu kwake amkele UMOYA OYINGCWELE. Kodwa u‐Petrosi wati kuye: Maiti imali yako kunye nawe ibe yinto yokutshatyalaliswa, ngokokuba isipo SIKATIXO ubusiba wosizuza ngemali. Akunasahlulo nasabiwo kulendawo: ngokuba intliziyo yako ingalungile ebusweni BUKATIXO. Guquka ngoko kubo obububi bako, ukunge UTIXO, ukuba umhlaumbi woyixolelwa inkumbulo yentliziyo yako. Ngokuba ndibona ukuba usenyongweni yobuṙaṙa nasekubanjweni kwenkohlakalo. Waza wapendula u‐Simone wati: Ndikungeleni nina ENKOSINI ukuze kungandihleli nanye yezozinto nitetile ngazo. Bandula bona, bakuba benqi̔nisile bateta ilizwi LENKOSI, babuyela e‐Yerusaleme, bashumayela ivangeli emizini emininzi yama‐Samariya.