Bakuba ke bekhululwe, baya kowabo, bababikela zonke izinto ababezithethile kubo ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu. Bona ke, bakukuva oko, baphakamisa izwi kuThixo ngamxhelo mnye, bathi, Nkosi, wena unguThixo owalenzayo izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo nto; owatshoyo ngomlomo kaDavide umkhonzi wakho, ukuthi, Yini na ukuba iintlanga zenze imbuthumbuthu, nabantu bacamange into engeyakonto? Bazimisa ookumkani behlabathi, Nabaphathi bahlanganisana ndawonye Ngokuyichasa iNkosi, naye uKristu wayo. Kuba okunene uHerode, kwanoPontiyo Pilato, ndawonye neentlanga nabantu bakwaSirayeli, babuthelana ndawonye nxamnye noNyana wakho ongcwele uYesu, owamthambisayo, ukuba benze izinto zonke ezamiswayo ngenxa engaphambili sisandla sakho nalicebo lakho, ukuba zibekho. Ngoku ke, Nkosi, zikhangele izisongelo zabo, ubanike abakhonzi bakho ukuba balithethe ilizwi lakho ngako konke ukungafihlisi. Ngokusolula isandla sakho uphilise; nokuba kwenzeke imiqondiso nezimanga ngegama loMkhonzi wakho ongcwele, uYesu. Bakubon’ ukuba bakhungile, yazanyazanyiswa indawo ababehlanganisene kuyo; Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, balithetha ilizwi likaThixo ngokungafihlisiyo. Ke kaloku inkitha yababekholiwe yayintliziyo-nye, imphefumlo mnye; kwaye kungekho namnye ubesithi kukho nto iyeyakhe empahleni yakhe; baye badlelana zonke izinto. Baye abapostile bekungqinela ngamandla amakhulu ukuvuka kweNkosi uYesu; kwaye kukho ukubabalwa okukhulu kubo bonke. Kwakungekho namnye phakathi kwabo, wayeswele; kuba bonke ababenemihlaba, nokuba zizindlu, babethengisa ngazo, baze bazise amaxabiso ezinto ezithengisiweyo, bawabeke ezinyaweni zabapostile; waye ke elowo esabelwa njengoko ebesukuba eswele ngako. noYose, owathiywa ngabapostile ukuba nguBharnabhas, (oko kukuthi ngentetho evakalayo, unyana wentuthuzelo), umLevi waseSipro, Enomhlaba, wathengisa ngawo, wayizisa imali leyo, wayibeka ezinyaweni zabapostile.