IZENZO 4:23-37

IZENZO 4:23-37 IBHAYIBHILE (XHO96)

Bakuba bekhululwe uPetros noYohane babuyela kubahlobo babo, bababalisela okwathethwa kubo ngababingeleli abaziintloko bekunye nabadala. Bevile ke, bonke bathandaza ngamxhelo mnye, besithi: “Nkosi, Mdali wezulu nomhlaba nolwandle nazo zonke izinto ezilapho, uDavide, isicaka sakho, ukhokho wethu, eqhutywa nguMoya oyiNgcwele wathi: “ ‘Kungani na iintlanga zisenza imbudumbudu nje? Kungani na ukuba abantu benze amayelenqe azé nje? Iikumkani neziphathamandla zelizwe zahlangana, zavukela iNkosi *noKrestu wayo!’ “Kuba ngenene uHerode noPilato bahlangana kwesi sixeko kunye neentlanga, namaSirayeli, ngaye uYesu isiCaka sakho osinyulileyo, uMthanjiswa wakho. Bahlangana ukuze bakwenze konke owawuselukumisele ngegunya nentando yakho ukuba kuya kwenzeka. Kalokunje, Nkosi, zigqale izoyikiso zabo; thina zicaka zakho usenze siluthethe udaba lwakho ngesibindi. Philisa ngesandla sakho, unike amandla okuba imimangaliso nemiqondiso yenzeke ngegunya legama lesiCaka sakho osinyulileyo uYesu.” Bakuba begqibile ukuthandaza, indawo ababehlangene kuyo yazanya-zanyiswa. Bonke bazaliswa nguMoya oyiNgcwele, baza baluthetha udaba lukaThixo benobuganga. Ewonke amakholwa ayevana entliziyo-nye. Akukho bani wayekubanga oko anako, kuba babesabelana ngezinto zonke abanazo. *Abathunywa babezingisa ukungqina ngovuko lweNkosi uYesu, waza uThixo wabasikelela xa bebonke. Kwakungekho bani usweleyo phakathi kwabo. Ababenemihlaba nezindlu babethengisa ngazo, baze imali leyo bayifumeneyo beze nayo, bayinike abathunywa, ize yabelwe ulowo nalowo ngokweentswelo zakhe. UJosefu, *umLevi onkaba iseSipro, owathiywa ngabathunywa bathi nguBarnabha, uMthuthuzeli, wathengisa umhlaba wakhe, waza wayizisa imali leyo kubathunywa.

IZENZO 4:23-37 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku, bakundululwa, baya kwababo, babika oko zingako izinto abazithetháyo kubo ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu. Bona ke, bekuvile oko, baphakamisa izwi kuThixo ngamxhelo mnye, bathi, Mnini-ntozonke, wena unguThixo owalenzayo izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo nto; owathi ngomlomo kaDavide umkhonzi wakho, Zazibhavumelani na iintlanga, Zaza izizwe zacamanga izinto ezingento? Bazimisa ookumkani behlabathi, Nabaphathi bahlanganisana ndawonye Ngokuyichasa iNkosi, naye uKristu• wayo. (INdum. 2:12) Kuba, inyaniso, ngaye uMkhonzi wakho oyingcwele onguYesu, owamthambisayo, kwahlanganisana uHerode, kwanoPontiyo Pilato, ndawonye neentlanga nabantu bakwaSirayeli, ukuba benze izinto zonke ezamiswayo ngenxa engaphambili sisandla sakho nalicebo lakho, ukuba zibekho. Okwangoku ke, Nkosi, zikhangele izisongelo zabo, ubanike abakhonzi bakho ukuba balithethe ilizwi lakho ngako konke ukungafihlisi, ekusoluleni isandla sakho ukuba uphilise, nokuba kubekho imiqondiso nezimanga ngegama loMkhonzi wakho oyingcwele, uYesu. Bakubon' ukuba bakhungile, yazanyazanyiswa indawo ababehlanganisene kuyo, bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, balithetha ilizwi likaThixo ngokungafihlisiyo. Ke kaloku inkitha yababekholiwe yayintliziyo-nye, imphefumlo mnye; kwaye kungekho namnye ubesithi kukho nto iyeyakhe empahleni yakhe; zonke izinto zaye zizezobudlelane kubo. Baye abapostile• bekungqinela ngamandla amakhulu ukuvuka kweNkosi uYesu; kwaye kukho ukubabalwa okukhulu kubo bonke. Kuba kwakungekho namnye phakathi kwabo, wayeswele; kuba bonke ababenemihlaba, nokuba zizindlu, babesithi bathengise ngazo, bawazise amaxabiso ezo zinto kuthengisiweyo ngazo, bawabeke ezinyaweni zabapostile; waye ke elowo esabelwa njengoko ebesukuba eswele ngako. Ke kaloku uYose, owathiywa ngabapostile elinye igama lokuba nguBharnabhas (elithi, lakuthethwa ngentetho evakalayo, ngumfo wovuselelo), umLevi waseSipro ngokuzalwa, wathi enomhlaba wathengisa ngawo, wayizisa imali, wayibeka ezinyaweni zabapostile.

IZENZO 4:23-37 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Bakuba ke bekhululwe, baya kowabo, bababikela zonke izinto ababezithethile kubo ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu. Bona ke, bakukuva oko, baphakamisa izwi kuThixo ngamxhelo mnye, bathi, Nkosi, wena unguThixo owalenzayo izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo nto; owatshoyo ngomlomo kaDavide umkhonzi wakho, ukuthi, Yini na ukuba iintlanga zenze imbuthumbuthu, nabantu bacamange into engeyakonto? Bazimisa ookumkani behlabathi, Nabaphathi bahlanganisana ndawonye Ngokuyichasa iNkosi, naye uKristu wayo. Kuba okunene uHerode, kwanoPontiyo Pilato, ndawonye neentlanga nabantu bakwaSirayeli, babuthelana ndawonye nxamnye noNyana wakho ongcwele uYesu, owamthambisayo, ukuba benze izinto zonke ezamiswayo ngenxa engaphambili sisandla sakho nalicebo lakho, ukuba zibekho. Ngoku ke, Nkosi, zikhangele izisongelo zabo, ubanike abakhonzi bakho ukuba balithethe ilizwi lakho ngako konke ukungafihlisi. Ngokusolula isandla sakho uphilise; nokuba kwenzeke imiqondiso nezimanga ngegama loMkhonzi wakho ongcwele, uYesu. Bakubon’ ukuba bakhungile, yazanyazanyiswa indawo ababehlanganisene kuyo; Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, balithetha ilizwi likaThixo ngokungafihlisiyo. Ke kaloku inkitha yababekholiwe yayintliziyo-nye, imphefumlo mnye; kwaye kungekho namnye ubesithi kukho nto iyeyakhe empahleni yakhe; baye badlelana zonke izinto. Baye abapostile bekungqinela ngamandla amakhulu ukuvuka kweNkosi uYesu; kwaye kukho ukubabalwa okukhulu kubo bonke. Kwakungekho namnye phakathi kwabo, wayeswele; kuba bonke ababenemihlaba, nokuba zizindlu, babethengisa ngazo, baze bazise amaxabiso ezinto ezithengisiweyo, bawabeke ezinyaweni zabapostile; waye ke elowo esabelwa njengoko ebesukuba eswele ngako. noYose, owathiywa ngabapostile ukuba nguBharnabhas, (oko kukuthi ngentetho evakalayo, unyana wentuthuzelo), umLevi waseSipro, Enomhlaba, wathengisa ngawo, wayizisa imali leyo, wayibeka ezinyaweni zabapostile.

IZENZO 4:23-37 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Baza bekululwe nje baya kowabo, bashumayela konke abaperisite abakulu nabadala babe bekutshilo kubo. Bati ke bakuva, balipakamisela KUTIXO ilizwi labo ngentliziyo nye, batsho ukuti: NKOSI! nguwe UTIXO owenzayo izulu, nomhlaba, nolwandle, nento zonke ezikuzo: owatshoyo ngomlomo ka‐Davide isicaka sako ukuti: Yinina ukuba abaheyideni benza imbutumbutu, nokuba izizwe zacinga izinto ezingendawo? Okumkani bomhlaba bema, nenkosi zabutana ndawonye, ngakuye UYEHOVA, nangakuye u‐Kristu wake. Ngokuba ngenyaniso kwabutana ngakuso isicaka sako esingcwele u‐Yesu, omtambisileyo, kwa no‐Herodi no‐Pontiyusi Pilati, kunye nabaheyideni nezizwe zo‐Sirayeli, ukwenza konke isandla sako necebo lako lamisela ngapambili ukuba kwenziwe. Nokwakaloku nje, NKOSI! kangela izisongelo zabo, unike ezicakeni zako ukuba zitete ilizwi lako zinokukalipa konke, ngokwolulwa kwesandla sako ukupilisa, nokwenziwa kwemiqondiso nemimangaliso ngalo igama lesicaka sako esingcwele u‐Yesu. Yaza indawo ababe behlanganisene kuyo, bakuba betandazile, yashukunyiswa, bati kwa bonke bazaliswa NGUMOYA OYINGCWELE, bateta ilizwi LIKATIXO benokukalipa. KEKALOKU umhlambi wabakoliweyo intliziyo nompefumlo wawo ubumnye: kwaye kungeko namnye obesiti into yabenazo iyeyake, koko zonke izinto zibe zizezabo bonke. Bati abapostile basinika ngamandla amakulu isinqi̔no sabo ngako ukuvuka KWENKOSI u‐Yesu; lwaye ufefe olukulu luba pezu kwabo bonke. Ngokuba ke bekungeko mntu obesekusweleni pakati kwabo; ngokuba bonke abebengabafuyi bemihlaba umhlaumbi bezindlu bebetenga ngazo, bawazisa amanani ezinto ezibe zitengiswa, bawabeka ngasezinyaweni zabapostile: kwaza kwabelwa abanye ngabanye, njengoko kusukuba umntu enokuswela ngako. Waza u‐Jose, owatiywa ngabapostile elinye igama elingu‐Banabasi, (okukuti ngokukunyushwa, Unyana wonwabiso,) um‐Levi, owase‐Kiperusi ngokuzalwa, enomhlaba, watenga ngawo, wazisa imali, wayibeka ngasezinyaweni zabapostile.