Baza bekululwe nje baya kowabo, bashumayela konke abaperisite abakulu nabadala babe bekutshilo kubo. Bati ke bakuva, balipakamisela KUTIXO ilizwi labo ngentliziyo nye, batsho ukuti: NKOSI! nguwe UTIXO owenzayo izulu, nomhlaba, nolwandle, nento zonke ezikuzo: owatshoyo ngomlomo ka‐Davide isicaka sako ukuti: Yinina ukuba abaheyideni benza imbutumbutu, nokuba izizwe zacinga izinto ezingendawo? Okumkani bomhlaba bema, nenkosi zabutana ndawonye, ngakuye UYEHOVA, nangakuye u‐Kristu wake. Ngokuba ngenyaniso kwabutana ngakuso isicaka sako esingcwele u‐Yesu, omtambisileyo, kwa no‐Herodi no‐Pontiyusi Pilati, kunye nabaheyideni nezizwe zo‐Sirayeli, ukwenza konke isandla sako necebo lako lamisela ngapambili ukuba kwenziwe. Nokwakaloku nje, NKOSI! kangela izisongelo zabo, unike ezicakeni zako ukuba zitete ilizwi lako zinokukalipa konke, ngokwolulwa kwesandla sako ukupilisa, nokwenziwa kwemiqondiso nemimangaliso ngalo igama lesicaka sako esingcwele u‐Yesu.
Yaza indawo ababe behlanganisene kuyo, bakuba betandazile, yashukunyiswa, bati kwa bonke bazaliswa NGUMOYA OYINGCWELE, bateta ilizwi LIKATIXO benokukalipa.
KEKALOKU umhlambi wabakoliweyo intliziyo nompefumlo wawo ubumnye: kwaye kungeko namnye obesiti into yabenazo iyeyake, koko zonke izinto zibe zizezabo bonke. Bati abapostile basinika ngamandla amakulu isinqi̔no sabo ngako ukuvuka KWENKOSI u‐Yesu; lwaye ufefe olukulu luba pezu kwabo bonke. Ngokuba ke bekungeko mntu obesekusweleni pakati kwabo; ngokuba bonke abebengabafuyi bemihlaba umhlaumbi bezindlu bebetenga ngazo, bawazisa amanani ezinto ezibe zitengiswa, bawabeka ngasezinyaweni zabapostile: kwaza kwabelwa abanye ngabanye, njengoko kusukuba umntu enokuswela ngako.
Waza u‐Jose, owatiywa ngabapostile elinye igama elingu‐Banabasi, (okukuti ngokukunyushwa, Unyana wonwabiso,) um‐Levi, owase‐Kiperusi ngokuzalwa, enomhlaba, watenga ngawo, wazisa imali, wayibeka ngasezinyaweni zabapostile.