Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

iZenzo 28:1-15

iZenzo 28:1-15 CXB24

Bakuba besindile, baqala ukuqonda ukuba isiqhithi eso kuthiwa yiMelita. Amabharbhari ke lawo asenzela ububele obungasincinane; kuba aphemba umlilo, asamkela sonke ngenxa yemvula esifikeleyo, nangenxa yokubanda. Ke kaloku, akubon’ ukuba uPawulos utheze inyanda yeentsasa, wayibeka phezu komlilo, kwaphuma inyoka ebushushwini obo, yanamathela esandleni sakhe. Athe ke amabharbhari, akulibona irhamncwa lijinga esandleni sakhe, athi omnye komnye, Kanene lo mntu ungumbulali, nakuba esindile elwandle, impindezelo ayimvumeli ukuba adle ubomi. Lalivuthululela emlilweni irhamncwa, akeva kwenzakala. Ke bona babelinde ukuba uza kudumba, mhlawumbi athi qwaka, afe. Bakulinda ke umzuzwana, bakubona ukuba akahliwa nto, bajika bathi unguthixo. Ke kaloku, kuloo mmandla bekukho imihlaba yomntu omkhulu wesiqithi, ogama linguPubliyo; owasamkela ngobubele, wasenza undwendwe lwakhe iintsuku zantathu. Ke kaloku kwathi, uyise kaPubliyo wayelele phantsi ebanjwe yicesina nokuphalaza igazi; awathi uPawulos wangena kuye, wathandaza, wabeka izandla phezu kwakhe, wamphilisa. Kwakuba kusenzeka oko, beza nabanye ababenezifo esiqithini apho, baphiliswa; bathi bona basenzela iimbeko ezininzi; sanduluka, basithwalisa ngezinto esizisweleyo. Ke kaloku, emva kweenyanga ezintathu, sanduluka ngomkhombe wakwa-Alesandire, obudlulise ubusika esiqithini, ogama linguCastor noPoluks. Sathi sakufika eSirakusi, sahlala khona iintsuku zantathu. Sisuka khona sajikeleza, safika eRegiyo; kwakuba ntsuku mnye, kwavuthuza umoya wasezantsi, safika ngengomso ePotiyoli; Safumana abazalwana apho, basibongoza ukuba sihlale nabo iintsuku zibe sixhenxe; seza ngokunjalo eRoma. Bathe, bakukuva oko abazalwana, beza kusikhawulela, bada beza kufika kwintlanganiso ka-Apiyo naseTavene-Ntathu; awathi uPawulos, akubabona, wambulela uThixo, womelela.