IZENZO 28:1-15
IZENZO 28:1-15 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bakuba besindile, baqala ukuqonda ukuba isiqhithi eso kuthiwa yiMelita. Amabharbhari• ke lawo asenzela ububele obungahlali busihla; kuba aphemba umlilo, asamkela sonke ngenxa yemvula esifikeleyo, nangenxa yokubanda. Ke kaloku, akubon' ukuba uPawulos utheze inyanda yeentsasa, wayibeka phezu komlilo, kwaphuma inyoka ebushushwini obo, yanamathela esandleni sakhe. Athe ke amabharbhari, akusibona isilo eso silengalenga esandleni sakhe, athetha odwa athi, Okwenene lo mntu ungumbulali; nakuba esindile elwandle, impindezelo ayivumi ukuba adle ubomi. Yena ngoko wasivuthululela emlilweni isilo eso, akeva buhlungu noko. Ke bona babelinde ukuba uza kudumba, mhlawumbi athi qwaka, afe; bakùlinda futhi ke, bakùbona engahliwa nto imbi, bajika bathi unguthixo. Ke kaloku, kuloo mmandla bekukho imihlaba yomntu omkhulu wesiqithi, ogama linguPubliyo; owasamkela ngobubele, wasenza undwendwe lwakhe iintsuku zantathu. Kwathi ke, uyise kaPubliyo walala phantsi, ebanjwe yicesina nokuxaxaza igazi; awathi uPawulos, engene kuye, wathandaza; wabeka izandla phezu kwakhe, wamphilisa. Kuthe ke kwakwenzeka oko, bathi nabanye ababenezifo esiqithini apho, beza baphiliswa; bathi bona basenzela iimbeko ezininzi; bathi, xa sindulukayo, basithwesa ngezinto esizisweleyo. Ke kaloku, emva kweenyanga ezintathu, sanduluka ngomkhombe wakwa-Alesandire, obudlulise ubusika esiqithini eso, onembasa yamaWele. Sathi sakufika eSirakusi, sahlala khona iintsuku zantathu. Sisuka khona, sajikeleza safika eRegiyo; emva kosuku olunye, kwakubon' ukuba umoya wasezantsi uvukile, safika ngowesibini umhla ePotiyoli; safumana abazalwana apho, basibongoza ukuba sihlale nabo iintsuku zibe sixhenxe; seza ngokunjalo eRoma. Bathi abazalwana, bakusiva, baphuma khona apho, beza kusihlangabeza, bada beza eApiyoforo, naseTritabherne; athe uPawulos, akubabona, wabulela kuThixo, womelezeka.
IZENZO 28:1-15 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ekubeni sisindile safika apho esiqithini, safumana ukuba igama laso yiMalta. Abantu balapho basenzela ububele. Yana imvula, kwaza kwabanda kakhulu. Ke kaloku abantu balapho basibasela umlilo, bebonisa ukusamkela kwabo. UPawulos waqokelela ibathwana leenkuni, kwathi xa abasayo kwaphuma inyoka apho emlilweni, isiva ubushushu, yaza yamluma esandleni. Abantu balapho bathi bakuyibona inyoka ijinga esandleni sikaPawulos bathi omnye komnye: “Lo mntu kucaca ukuba usisigebenga; nakuba esindile nje elwandle, akanakusinda kwimpindezelo kaThixo.” Wasuka yena uPawulos wayivuthulula yawa emlilweni apho inyoka leyo, yena akenzakala konke. Bona babelindele ukuba adumbe, okanye asuke afe. Kodwa emva kokulinda ithuba elide bengaboni nto ingaqhelekanga kuye, baziguqula iingcinga zabo, bathi unguthixo. Mganyana nje ukusuka apho kwakukho amasimi kaPubliyo inkosi yeso siqithi. Wasamkela ngobubele, saza saziindwendwe zakhe iintsuku ezintathu. Uyise kaPubliyo wayelele enomkhuhlane nesisu segazi. Waza uPawulos waya kuye, wamthandazela, wambeka izandla, waphila. Akuba emphilisile, kwatsho kweziswa bonke abantu abagulayo beso siqithi, baphiliswa nabo. Basinika izipho ezininzi, baza xa sihambayo basiphathisa izinto ezaziyimfuneko eluhambeni. Emva kweenyanga ezintathu sanduluka apho ngenqanawa eyayichithe ubusika esiqithini apho, isuka eAlesandriya. Igama layo kwakusithiwa yiDiyoskuri. Saya kufika edolophini yaseSirakuse, saza sahlala khona iintsuku ezintathu. Ukusuka apho sahamba saya kufika edolophini yaseRegiyo. Ngengomso kwabhudla umoya wangasezantsi, saza emva kweentsuku ezimbini saya kufika kwidolophu yasePutoli. Apho ke safumana amakholwa, aza asicela ukuba sichithe iveki apho kuwo. Emva koko ke saya kufika eRoma. Amakholwa aseRoma eva ukuba siyeza, aza amanye asihlangabeza eApiyaforo, amanye ke adibana nathi eTritabherne. Akuwabona uPawulos, wambulela uThixo, waza wakhuthazeka.
IZENZO 28:1-15 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bakuba besindile, baqala ukuqonda ukuba isiqhithi eso kuthiwa yiMelita. Amabharbhari ke lawo asenzela ububele obungasincinane; kuba aphemba umlilo, asamkela sonke ngenxa yemvula esifikeleyo, nangenxa yokubanda. Ke kaloku, akubon’ ukuba uPawulos utheze inyanda yeentsasa, wayibeka phezu komlilo, kwaphuma inyoka ebushushwini obo, yanamathela esandleni sakhe. Athe ke amabharbhari, akulibona irhamncwa lijinga esandleni sakhe, athi omnye komnye, Kanene lo mntu ungumbulali, nakuba esindile elwandle, impindezelo ayimvumeli ukuba adle ubomi. Lalivuthululela emlilweni irhamncwa, akeva kwenzakala. Ke bona babelinde ukuba uza kudumba, mhlawumbi athi qwaka, afe. Bakulinda ke umzuzwana, bakubona ukuba akahliwa nto, bajika bathi unguthixo. Ke kaloku, kuloo mmandla bekukho imihlaba yomntu omkhulu wesiqithi, ogama linguPubliyo; owasamkela ngobubele, wasenza undwendwe lwakhe iintsuku zantathu. Ke kaloku kwathi, uyise kaPubliyo wayelele phantsi ebanjwe yicesina nokuphalaza igazi; awathi uPawulos wangena kuye, wathandaza, wabeka izandla phezu kwakhe, wamphilisa. Kwakuba kusenzeka oko, beza nabanye ababenezifo esiqithini apho, baphiliswa; bathi bona basenzela iimbeko ezininzi; sanduluka, basithwalisa ngezinto esizisweleyo. Ke kaloku, emva kweenyanga ezintathu, sanduluka ngomkhombe wakwa-Alesandire, obudlulise ubusika esiqithini, ogama linguCastor noPoluks. Sathi sakufika eSirakusi, sahlala khona iintsuku zantathu. Sisuka khona sajikeleza, safika eRegiyo; kwakuba ntsuku mnye, kwavuthuza umoya wasezantsi, safika ngengomso ePotiyoli; Safumana abazalwana apho, basibongoza ukuba sihlale nabo iintsuku zibe sixhenxe; seza ngokunjalo eRoma. Bathe, bakukuva oko abazalwana, beza kusikhawulela, bada beza kufika kwintlanganiso ka-Apiyo naseTavene-Ntathu; awathi uPawulos, akubabona, wambulela uThixo, womelela.
IZENZO 28:1-15 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Bati bakuba besindile, bandula baqonda ukuba isiqiti sibizwa nge‐Melita. Baza abemi bakona basenzela ububele obungenziwa futi: ngokuba bepembile umlilo, basamkela sonke, ngenxa yemvula ekoyo, nangenxa yengqele. Kekaloku nxa u‐Paulusi ebebutile inyanda yentsasa, nanxa ebeyibekile pezu kwomlilo, kwapuma inyoka ngokufudumala, yaziqinisa esandleni sake. Baza abemi bakona bakubona isilo eso silengalenga esandleni sake, bati omnye kwomnye: Okunene ungumbulali umntu lo, ote, nakuba esindile elwandle, impindezelo ayimvumelanga ukuba adle ubomi. Wati kekaloku yena esivutululele emlilweni isilo eso, akeva senzakalo. Koko bona bebekangela ukuba uya kuti adumbe, umhlaumbi awe pantsi ngesiqupe efile: kodwa bakuba bebekangela kade, bengaboni nto embi imhlela, bajika intliziyo, bati ungutixo. Kwa kwezondawo zangakona ibiko imihlaba yoyintloko yesiqiti, ogama lalingu‐Pubiliyo; owasamkelayo, wasihlalisa kuye imihla yamitatu ngobuhlobo. Kwaye kute, uyise ka‐Pubiliyo ebelele ibanjwa licesine nesixaxazo segazi; owati u‐Paulusi wangena kuye, watandaza, wabeka izandla pezu kwake, wampilisa. Kekaloku kwakuba kwenziwe oku, babesiza nabanye abebenezifo esiqitini, bapiliswa: abasibekayo ngembeko ezininzi kanjalo, bati ekundulukeni kwetu basitwesa ngezinto ezisilungeleyo. Sada emveni kwenyanga zantatu sanduluka ngenqanawa yase‐Aletsandriya, ebenze ubusika esiqitini, inopa̔u olungu‐Kasitore no‐Polutse. Saza safikela emhlabeni e‐Sirakuse, salibala kona imihla yamitatu. Sisuka apo sazekelela seza kufika e‐Regiyo; wati emveni kwosuku lunye wavuka umoya wasesuyide, saza ngowesibini umhla safika e‐Puteyoli; apo safumana kona abazalwana, sabongozwa ukuba silibale kubo imihla ibe sixe̔nxe: saya njalo ke ukuya e‐Roma. Baza abazalwana bakuva okwetu bapuma kona, beza kusikaulela kwada kwase‐Apiyoforume, nase‐Tavene‐ntatu; owati u‐Paulusi akubabona, wabulela KUTIXO, wazuza ukwomelela.