Ekubeni sisindile safika apho esiqithini, safumana ukuba igama laso yiMalta. Abantu balapho basenzela ububele. Yana imvula, kwaza kwabanda kakhulu. Ke kaloku abantu balapho basibasela umlilo, bebonisa ukusamkela kwabo. UPawulos waqokelela ibathwana leenkuni, kwathi xa abasayo kwaphuma inyoka apho emlilweni, isiva ubushushu, yaza yamluma esandleni. Abantu balapho bathi bakuyibona inyoka ijinga esandleni sikaPawulos bathi omnye komnye: “Lo mntu kucaca ukuba usisigebenga; nakuba esindile nje elwandle, akanakusinda kwimpindezelo kaThixo.” Wasuka yena uPawulos wayivuthulula yawa emlilweni apho inyoka leyo, yena akenzakala konke. Bona babelindele ukuba adumbe, okanye asuke afe. Kodwa emva kokulinda ithuba elide bengaboni nto ingaqhelekanga kuye, baziguqula iingcinga zabo, bathi unguthixo. Mganyana nje ukusuka apho kwakukho amasimi kaPubliyo inkosi yeso siqithi. Wasamkela ngobubele, saza saziindwendwe zakhe iintsuku ezintathu. Uyise kaPubliyo wayelele enomkhuhlane nesisu segazi. Waza uPawulos waya kuye, wamthandazela, wambeka izandla, waphila. Akuba emphilisile, kwatsho kweziswa bonke abantu abagulayo beso siqithi, baphiliswa nabo. Basinika izipho ezininzi, baza xa sihambayo basiphathisa izinto ezaziyimfuneko eluhambeni. Emva kweenyanga ezintathu sanduluka apho ngenqanawa eyayichithe ubusika esiqithini apho, isuka eAlesandriya. Igama layo kwakusithiwa yiDiyoskuri. Saya kufika edolophini yaseSirakuse, saza sahlala khona iintsuku ezintathu. Ukusuka apho sahamba saya kufika edolophini yaseRegiyo. Ngengomso kwabhudla umoya wangasezantsi, saza emva kweentsuku ezimbini saya kufika kwidolophu yasePutoli. Apho ke safumana amakholwa, aza asicela ukuba sichithe iveki apho kuwo. Emva koko ke saya kufika eRoma. Amakholwa aseRoma eva ukuba siyeza, aza amanye asihlangabeza eApiyaforo, amanye ke adibana nathi eTritabherne. Akuwabona uPawulos, wambulela uThixo, waza wakhuthazeka.
Funda UMSEBENZI WABATHUNYWA 28
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UMSEBENZI WABATHUNYWA 28:1-15
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
I-YouVersion isebenzisa ii cookies ukwenza amava akho abe ngawe. Ngokusebenzisa i-website yethu, uyakwamkela ukusebenzisa kwethu ii cookies njengoko kuchaziwe kuMgaqo-nkqubo wethu
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo