Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

iZenzo 23:1-11

iZenzo 23:1-11 CXB24

Waqwalasela ke uPawulos entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndahlala ngokwalowo ungowakwaThixo, ndinesazela esilungileyo, kwada kwayile mini. Umbingeleli omkhulu uHananiya wayalela abo babemi ngakuye ukuba bambethe emlonyeni. Wathi uPawulos kuye, Uza kukubetha uThixo, ludongandini luqatyiweyo; Bathi ke abo babemi khona, Uyamthuka na umbingeleli omkhulu kaThixo? Wathi uPawulos, Bendingazi, bazalwana, ukuba ungumbingeleli omkhulu; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uze ungathethi kakubi ngomphathi wabantu bakowenu. Ke kaloku uPawulos, esazi ukuba elinye icala lelabaSadusi, elinye ke lingabaFarisi, wadanduluka entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndingumFarisi, unyana womFarisi; umbuzo. Akuba etshilo, kwabakho impambano phakathi kwabaFarisi nabaSadusi, yahlulelana inkitha leyo. Kuba okunene abaSadusi babesithi, akukho luvuko, nasingelosi, namoya; kodwa abaFarisi bazivuma zombini ezo ndawo. Kwabakho ke unkqangazo olukhulu; besuka ababhali becala labaFarisi balwa kakhulu, besithi, Asifumani nanye into embi kulo mntu; ke ukuba kuthethe kuye umoya, nokuba sisithunywa sezulu, masingalwi noThixo. Kuthe ke, yakuba nkulu impambano, wathi umthetheli-waka esoyikela ukuba uPawulos angaqwengwa ngabo, wathi mawuhle umkhosi, umxwile phakathi kwabo, umzise enqabeni yawo. Ngobusuku obulandelayo iNkosi yema ngakuye, yathi, Yomelela, Pawulos; kuba njengokuba waqononondisa ngam eYerusalem, kwangokunjalo umelwe kukuthi ungqine naseRoma.