Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IZENZO 23:1-11

IZENZO 23:1-11 IBHAYIBHILE (XHO96)

UPawulos wawajonga ntsho amalungu eBhunga, wathi: “Mawethu, kude kuze kuba yile mininje andinasazela nganto ngobomi bam bonke phambi koThixo.” Akutsho, umbingeleli omkhulu uHananiya wayalela ukuba uPawulos ampakazwe emlonyeni ngabo babekufuphi naye. Waphendula uPawulos wathi: “UThixo uya kukubetha, ludongandini luvetiweyo; uchophele ukundigweba ngokomthetho, kodwa kwawena uyawaphula umthetho, uthi mandibethwe!” Amadoda awayekufuphi noPawulos athi kuye: “Ngumbingeleli omkhulu kaThixo lo umthukayo!” UPawulos wathi: “Hayi, mawethu, bendingamazi ukuba ungumbingeleli omkhulu. Kaloku *iziBhalo zithi: ‘Ungàthethi kakubi ngomlawuli wabantu bakho.’ ” Akuqonda uPawulos ukuba kweli qela kukho *abaSadusi kwakunye *nabaFarasi, wabhekisa eBhungeni apho, wathi: “Mawethu, mna ndingumFarasi ongunyana womFarasi. Ndisematyaleni nje kungenxa yokuba ndinethemba lokuba abafileyo baya kuvuka.” Akutsho abaFarasi nabaSadusi baxabana bodwa, baza bahlukana kubini. Kaloku bona abaSadusi bathi abantu abayi kuvuka ekufeni, bakwathi akukho zithunywa zezulu, akukho namimoya, kodwa abaFarasi bona bayakholelewa kwezi zinto zontathu. Kwathi ke kwakuba njalo, kwaxokozela, abanye babachazi-mthetho beqela labaFarasi baphakama bekhalaza besithi: “Thina asifumani nto ingalunganga kule ndoda! Mhlawumbi ngenene umoya othile okanye isithunywa sezulu sithethile nayo.” Ingxoxo leyo yakhula kangangokuba ingqwayi-ngqwayi yaba sexhaleni lokuba uPawulos bosuka bamthi qwenge-qwenge. Ngoko ke yayalela ukuba amajoni amthathe uPawulos apho entlanganisweni, aye naye enqabeni yomkhosi. Ngobo busuku iNkosi yema ngakuPawulos, yathi: “Qina! Njengokuba undingqine apha eJerusalem nje, kufuneka wenze kwaloo nto naseRoma.”

IZENZO 23:1-11 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Waqwalasela ke uPawulos entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndahlala ngokwalowo ungowakwaThixo, ndinesazela esilungileyo, kwada kwayile mini. Umbingeleli omkhulu uHananiya wayalela abo babemi ngakuye ukuba bambethe emlonyeni. Wathi uPawulos kuye, Uza kukubetha uThixo, ludongandini luqatyiweyo; Bathi ke abo babemi khona, Uyamthuka na umbingeleli omkhulu kaThixo? Wathi uPawulos, Bendingazi, bazalwana, ukuba ungumbingeleli omkhulu; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uze ungathethi kakubi ngomphathi wabantu bakowenu. Ke kaloku uPawulos, esazi ukuba elinye icala lelabaSadusi, elinye ke lingabaFarisi, wadanduluka entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndingumFarisi, unyana womFarisi; umbuzo. Akuba etshilo, kwabakho impambano phakathi kwabaFarisi nabaSadusi, yahlulelana inkitha leyo. Kuba okunene abaSadusi babesithi, akukho luvuko, nasingelosi, namoya; kodwa abaFarisi bazivuma zombini ezo ndawo. Kwabakho ke unkqangazo olukhulu; besuka ababhali becala labaFarisi balwa kakhulu, besithi, Asifumani nanye into embi kulo mntu; ke ukuba kuthethe kuye umoya, nokuba sisithunywa sezulu, masingalwi noThixo. Kuthe ke, yakuba nkulu impambano, wathi umthetheli-waka esoyikela ukuba uPawulos angaqwengwa ngabo, wathi mawuhle umkhosi, umxwile phakathi kwabo, umzise enqabeni yawo. Ngobusuku obulandelayo iNkosi yema ngakuye, yathi, Yomelela, Pawulos; kuba njengokuba waqononondisa ngam eYerusalem, kwangokunjalo umelwe kukuthi ungqine naseRoma.

IZENZO 23:1-11 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Waqwalasela ke uPawulos entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndahlala ngokwalowo ungowakwaThixo, ndinesazela esilungileyo, kwada kwayile mini. Ke kaloku umbingeleli omkhulu, uHananiya, wathi kwabo babemi ngakuye, mabambethe emlonyeni. Waza wathi uPawulos kuye, Úza kukubetha uThixo, ludongandini luqatyiweyo. Wena uthi uhlalele ukuba uthethe ityala lam ngokomthetho, ubuye waphule umthetho, uthi mandibethwe? Bona ke ababemi khona bathi, Ùyamthuka na umbingeleli omkhulu kaThixo? Wathi uPawulos, Bendingazi, bazalwana, ukuba ungumbingeleli omkhulu; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uze ungathethi kakubi ngomphathi wabantu bakowenu. Ke kaloku uPawulos, esazi ukuba elinye icala lelabaSadusi, elinye ke lelabaFarisi, wadanduluka entlanganisweni yamatyala esithi, Madoda, bazalwana, mna ndingumFarisi, ndingowomFarisi; ndimangalelwe mna ngalo ithemba nangovuko lwabafileyo. Uthe ke akukuthetha oko, kwabakho impambano phakathi kwabaFarisi nabaSadusi, yahlulelana inkitha leyo; kuba okunene abaSadusi babesithi, akukho luvuko, nasithunywa sazulu, namoya; kodwa abaFarisi bazivuma zombini ezo ndawo. Kwabakho ke unkqangazo olukhulu; besuka ababhali becala labaFarisi balwa kakhulu, besithi, Asifumani nanye into embi kulo mntu; ke ukuba kuthethe umoya kuye, nokuba sisithunywa sezulu, masingalwi noThixo thina. Kuthe ke, yakuba nkulu impambano, wathi umthetheli-waka, esoyikela ukuba uPawulos angáqwengwa ngabo, wathi mawuhle umkhosi, umxwile phakathi kwabo, umzise enqabeni yawo. Ke kaloku ngobo busuku iNkosi yema ngakuye, yathi, Yomelela, Pawulos; kuba njengokuba waqononondisa izinto ngam eYerusalem, kwangokunjalo umelwe kukuthi ungqine naseRoma.

IZENZO 23:1-11 IBHAYIBHILE (XHO96)

UPawulos wawajonga ntsho amalungu eBhunga, wathi: “Mawethu, kude kuze kuba yile mininje andinasazela nganto ngobomi bam bonke phambi koThixo.” Akutsho, umbingeleli omkhulu uHananiya wayalela ukuba uPawulos ampakazwe emlonyeni ngabo babekufuphi naye. Waphendula uPawulos wathi: “UThixo uya kukubetha, ludongandini luvetiweyo; uchophele ukundigweba ngokomthetho, kodwa kwawena uyawaphula umthetho, uthi mandibethwe!” Amadoda awayekufuphi noPawulos athi kuye: “Ngumbingeleli omkhulu kaThixo lo umthukayo!” UPawulos wathi: “Hayi, mawethu, bendingamazi ukuba ungumbingeleli omkhulu. Kaloku *iziBhalo zithi: ‘Ungàthethi kakubi ngomlawuli wabantu bakho.’ ” Akuqonda uPawulos ukuba kweli qela kukho *abaSadusi kwakunye *nabaFarasi, wabhekisa eBhungeni apho, wathi: “Mawethu, mna ndingumFarasi ongunyana womFarasi. Ndisematyaleni nje kungenxa yokuba ndinethemba lokuba abafileyo baya kuvuka.” Akutsho abaFarasi nabaSadusi baxabana bodwa, baza bahlukana kubini. Kaloku bona abaSadusi bathi abantu abayi kuvuka ekufeni, bakwathi akukho zithunywa zezulu, akukho namimoya, kodwa abaFarasi bona bayakholelewa kwezi zinto zontathu. Kwathi ke kwakuba njalo, kwaxokozela, abanye babachazi-mthetho beqela labaFarasi baphakama bekhalaza besithi: “Thina asifumani nto ingalunganga kule ndoda! Mhlawumbi ngenene umoya othile okanye isithunywa sezulu sithethile nayo.” Ingxoxo leyo yakhula kangangokuba ingqwayi-ngqwayi yaba sexhaleni lokuba uPawulos bosuka bamthi qwenge-qwenge. Ngoko ke yayalela ukuba amajoni amthathe uPawulos apho entlanganisweni, aye naye enqabeni yomkhosi. Ngobo busuku iNkosi yema ngakuPawulos, yathi: “Qina! Njengokuba undingqine apha eJerusalem nje, kufuneka wenze kwaloo nto naseRoma.”

IZENZO 23:1-11 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Waqwalasela ke uPawulos entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndahlala ngokwalowo ungowakwaThixo, ndinesazela esilungileyo, kwada kwayile mini. Umbingeleli omkhulu uHananiya wayalela abo babemi ngakuye ukuba bambethe emlonyeni. Wathi uPawulos kuye, Uza kukubetha uThixo, ludongandini luqatyiweyo; Bathi ke abo babemi khona, Uyamthuka na umbingeleli omkhulu kaThixo? Wathi uPawulos, Bendingazi, bazalwana, ukuba ungumbingeleli omkhulu; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uze ungathethi kakubi ngomphathi wabantu bakowenu. Ke kaloku uPawulos, esazi ukuba elinye icala lelabaSadusi, elinye ke lingabaFarisi, wadanduluka entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndingumFarisi, unyana womFarisi; umbuzo. Akuba etshilo, kwabakho impambano phakathi kwabaFarisi nabaSadusi, yahlulelana inkitha leyo. Kuba okunene abaSadusi babesithi, akukho luvuko, nasingelosi, namoya; kodwa abaFarisi bazivuma zombini ezo ndawo. Kwabakho ke unkqangazo olukhulu; besuka ababhali becala labaFarisi balwa kakhulu, besithi, Asifumani nanye into embi kulo mntu; ke ukuba kuthethe kuye umoya, nokuba sisithunywa sezulu, masingalwi noThixo. Kuthe ke, yakuba nkulu impambano, wathi umthetheli-waka esoyikela ukuba uPawulos angaqwengwa ngabo, wathi mawuhle umkhosi, umxwile phakathi kwabo, umzise enqabeni yawo. Ngobusuku obulandelayo iNkosi yema ngakuye, yathi, Yomelela, Pawulos; kuba njengokuba waqononondisa ngam eYerusalem, kwangokunjalo umelwe kukuthi ungqine naseRoma.

IZENZO 23:1-11 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Waza u‐Paulusi, ete nama amehlo entlanganisweni, wati: Madoda, bazalwana! mna ukuzipata kwam ndikwenzile pambi KWOTIXO ngako konke ukuzazela okulungileyo kwada kwayiyo lemini. Waza umperisite omkulu, u‐Hananiya, wabayalela abo babemi kufupi kuye ukuba bambete emlonyeni. Wandula u‐Paulusi wati kuye: UTIXO uza kubeta wena, ludonga oluqatyiweyo ngobumhlope! uti wena uhlale na undigweba ngokwomteto, uze ugqita emtetweni uxele ukuba ndibetwe? Baza abo babemi kufupi bati: Umperisite omkulu KATIXO uyamtuka na? Wayesiti u‐Paulusi: Bendingazi, bazalwana! ukuba ungumperisite omkulu; ngokuba kuba̔liwe ukuti: Umpati wabantu bako akuyi kuteta kakubi ngaye. Kodwa akunakana u‐Paulusi ukuba esinye isahlulo sisesabasadusi, nesinye sesabafarisi, wadanduluka entlanganisweni, esiti: Madoda, bazalwana! mna ndingumfarisi, unyana womfarisi; kungenxa yetemba novuko lwabafileyo endimenywayo. Kwati kwakuba etshilo oku, kwesuka ungxolisano pakati kwabafarisi nabasadusi, waza wahluleka umhlambi. Ngokuba abasadusi besiti akuko luvuko, akuko kwa nengelosi nomoya; kodwa abafarisi bayavuma ezonto zombini. Kwaza kwabako ingxolo enkulu; bati ababa̔li besahlulo sabafarisi besuka, bapika, besiti: Asifumani nto ekohlakeleyo kulomntu; kodwa ukuba kutete umoya kuye, umhlaumbi ingelosi, masingalwi NOTIXO. Kwati kwakubako ungxolisano olukulu, inkosiwaka isoyika ukuba ngabi u‐Paulusi woqwengwa ngabo, yaxela ukuba umkosi uhle umhlasele kwa pakati kwabo, umngenise elalini yamasodati. Kekaloku ngobusuku obulandelayo yema INKOSI ngakuye, yati: Yomelela, Paulusi! ngokuba, njengokuba uzinqi̔nisile izinto ezingam e‐Yerusaleme, kwa njalo ufanele ukunqi̔na nase‐Roma.